Tuesday, April 29, 2008

YIZA, NKOSI YESU!

1062 - Xhosa

Isityhilelo 22:20

"Ke kaloku, zakubon' ukuba ezi zinto ziyaqala ukuhla, sukani nime, niziphakamise iintloko zenu, ngenxa yokuba iyasondela inkululeko yenu.: uLuka 21:28

YIZA, NKOSI YESU!

uKrestu:

"Ukuba ke ndimkile ndaya kunilungisela indawo, ndiya kubuya ndize, ndinamkelele kum ngokwam; ukuze apho ndikhona mna, nibe khona nani." - uYohane 14:3

uIngelosi:

"Kwayena lo Yesu unyusiweyo kuni, wasiwa emazulwini, uya kuza ngolu hlobo nimbone esiya ngalo emazulwini." - Izenzo 1:11

Apostel uPawulos:

"Ngokuba iNkosi ngokwayo iya kuhla emazulwini inendanduluko, inelizwi lesiphatha-zithunywa, inexilongo likaThixo, base abafele kuKristu bavuke kuqala; sandule thina babudlayo ubomi, basaseleyo, sixwilelwe emafini kwakunye nabo, siye kuyikhawulela iNkosi esibhakabhakeni; size ngokunjalo sihlale sihleli, sindawonye neNkosi." - KwabaseTesalonika I 4:16,17

YIZA, NKOSI YESU!

"Wena ke, Daniyeli, wavalele amazwi la, uyitywine incwadi, kude kube lixesha lokuphela. Baninzi abaya kuyiphengulula, kwandiswe ukwazi." - uDaniyeli 12:4

"Kuba kuya kubakho ixesha abangayi kuyinyamezela imfundiso ephilileyo; baya kusuka ngokweenkanuko zabo bazifumbele abafundisi, bebaba iindlebe; babeya kuzisonga zimke iindlebe kuyo inyaniso, baphambukele ke kuzo iintsomi. Ke wena yiba yingcathu ezintweni zonke, nyamezela ububi, umsebenzi womshumayeli weendaba ezilungileyo wenze, buzalise ubulungiseleli bakho." - KuTimoti II 4:3-5

"Kuba baninzi abaya kuza egameni lam, besithi banguKristu, balahlekise into eninzi. Niya kuthi ke nive iimfazwe namarhe eemfazwe; lumkani ningabi navuso, kuba zonke ezo zinto zimele ukuhla; kanti kona ukuphela akukabikho. Kuba uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nobukumkani buvukelane nobukumkani; kuya kubakho iindlala, neendyikitya zokufa, nezinyikimo zomhlaba kwiindawo ngeendawo. Zonke ke ezo zinto zikukuqaleka kwenimba. Ngelo xesha baya kuninikela ekubandezelweni, banibulale; niya kuthiywa ziintlanga zonke ngenxa yegama lam. Ngelo xesha baninzi abaya kukhutyekiswa, banikelane, bathiyane. Kwaye kuya kuvela abaprofeti ababuxoki babe baninzi, balahlekise abantu abaninzi. Nangenxa yokwanda kokuchasa umthetho, luya kuphola uthando lwabaninzi. Ke onyamezeleyo kwada kwaba sekupheleni, lowo uya kusindiswa. Zaye ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kuvakaliswa kulo elimiweyo liphela, zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke ukufika ukuphela. " - uMateyu 24:5-14, (uMarko 13:22; uLuka 21:25-28)

"Kanjalo ukuba ibingayi kuthi loo mihla inqanyulelwe, bekungayi kubakho nyama isindayo; ngenxa ke yabanyuliweyo, loo mihla iyi kunqanyulelwa. Ngelo xesha, ukuba ubani uthe kuni, Nanku apha uKristu, nokuba uthe, Nankuya phaya, musani ukukholwa. Kuba kuya kuvela ooKristu ababuxoki, nabaprofeti, ababuxoki, benze imiqondiso emikhulu nezimangai ngokokude bathi, ukuba bekunokwenzeka, balahlekise nabanyuliweyo. Yabonani, ndinixelele ngenxa engaphambili. Ukuba ngoko bathi kuni, Nanko entlango, musani ukuphuma niye. Nokuba bathi, Nanko emagumbini, musani ukukholwa. Kuba kwanjengokuba umbane uthi uphume empumalanga, ubonakale kude kuse entshonalanga, kuya kuba njalo nokufika koNyana woMntu. Kuba apho sukuba sikhona isidumbu, aya kuhlanganisana khona amaxhalanga. Kwaoko ke, emveni kwembandezelo yaloo mihla, ilanga liya kwenziwa mnyama, ithi nenyanga ifiphale, zithi neenkwenkwezi ziwe ezulwini, athi namandla amazulu azanyazanyiswe. Uya kubonakala ngelo xesha umqondiso woNyana woMntu ezulwini; zimbambazele ngelo xesha zonke izizwe zomhlaba, zimbone uNyana woMntu esiza phezu kwamafu ezulu, enamandla, nonuqaqawuli obukhulu. Wozithuma izithunywa zakhe zasemazulwini, zinexilongo elisandi sikhulu, zihlanganisele ndawonye abanyulwa bakhe, baphume kumacala omane omoya, kuthabathela esiphelweni sezulu, kude kuse kwesinye isiphelo salo." - uMateyu 24:22-31

"Ke, kwazi oku, ukuba ngemihla yokugqibela kuya kufika amaxesha anomngcipheko. Kuba abantu baya kuba ngabazithandayo, abathandi bemali, abaqhankqalazi, abakratshi, abanyelisi abangeva bazali, abangabuleliyo, abangengcwele, abangenabubele, abangenatarhu, abatyholi, abangenakuzeyisa, izibhoja, abangenakuthanda kulunga, abancethezi, izityhuthutyhuthu, abathiwe lwale likratshi, abathandi beziyolo kunokuba bathande uThixo; benokumila kokuhlonela uThixo, ukanti bayawakhanyela amandla ako. Kwabo ke khwebuka. Kuba baphuma kwaba, abo banyebelezela ezindlwini, bathimbe abafazazana abazono ziziimfumba, bephethwe ziinkanuko ngeenkanuko, behlala befunda, bangaze phofu babe nako ukufika ekuyazini inyaniso." - KuTimoti II 3:1-7

"Nikwazi nje oku kuqala, ukuba kuya kuza ngemihla yokugqibela abagxeki, behamba ngokwezabo iinkanuko, besithi, Liphi na kaloku idinga lokufika kwakhe? Kuba kuseloko oobawo abalalayo ukufa, izinto zonke zahlala zihleli zinjengokwasekuqalekeni kwendalo. Kuba oku kufihlakele kubo ngokuthanda kwabo, ukuba izulu laye likho kwakudala, nomhlaba uvele emanzini, umi ngamanzi, ngalo ilizwi likaThixo; elathi ngezo zinto ihlabathi langoko lantywiliselwa ngamanzi, latshabalala. Ke lona izulu langoku, nawo umhlaba lo, kwangelo lizwi ezo zinto ziqwetyelwe, zigcinelwe, umlilo, kuse kwimini yomgwebo nentshabalalo yabantu abangahloneli Thixo.

Le nto ke inye mayingafihlakali kuni, zintanda, ukuba phambi kweNkosi imini enye injengeminyaka eliwaka, neminyaka eliwaka injengemini enye. INkosi ayilibali dinga, njengoko abathile baba iyalibala; isuka izeke kade umsindo kuthi, ingangi kungatshabalala nabani; inga bonke bangasinga enguqukweni. Iya kufika ke imini yeNkosi njengesela ebusuku, eliya kuthi ngayo izulu lidlule liqhuqhumba, zithi ke iziqalelo zitshe, zichithakale, nomhlaba nayo imisebenzi ekuwo itshiswe kuthi tu.

Ezo zinto zonke ngoku zichithakala nje, nimele ukuba ngabanjani na ngeehambo ezingcwele nokuhlonela uThixo; nikulindela, nikukhawulezela, ukufika kwayo imini kaThixo, eliya kuthi ngenxa yayo izulu lifakwe isikhuni, lichithakale, zithi neziqalelo zitshe zinyibilike?" - uPetros II 3:3-12

"Ke kaloku ngawo amaxesha namathuba, bazalwana, akufundeki nganto ukuba ndinibhalele; kuba nani ngokwenu niyazi ngokucacileyo, ukuba imini yeNkosi, njengesela ebusuku, yenjenjalo ukuza kwayo. Kuba xenikweni baya kuthi, Luxolo nokunqaba, oko baya kufikelwa yintshabalaliso ngebhaqo, kwanjengenimba komithiyo; baye bengayi kukha basinde. Ke nina, bazalwana, anisebumnyameni, ukuba imini leyo iniqubule njengesela." - KwabaseTesalonika I 5:1,4

"Makungabikho bani unilukuhlayo nangalunye uhlobo; ngokuba ayinakufika yona, lungakhanga lufike ulahlo kuqala, atyhileke umntu wesono, unyana wotshabalalo; lowo uchasayo, uziphakamisayo ngaphezu kwento yonke ekuthiwa nguThixo, nehlonelwayo, ngokokude azihlalise etempileni kaThixo, ezenza uThixo, ezibonisa ukuba unguThixo." -KwabaseTesalonika II 2:3,4

"Ndabona enye yazo iintloko zalo, ingathi ixatyelwe yafa; inxeba lalo elibanga ukufa laphiliswa. Wamangaliswa umhlaba uphela, walilandela irhamncwa elo. Bayinqula inamba eyalinika igunya irhamncwa, balinqula irhamncwa, (Umtyholi) besithi, Ngubani na ofana neramncwa elo? ngubani na onako ukulwa nalo? Lanikwa umlomo othetha izinto ezinkulu, nezinyeliso; kanjalo lanikwa igunya lokulwa iinyanga ezimashumi mane anesibini. Lawuvulela umlomo walo ekumnyeliseni uThixo, ukuba lilinyelise igama lakhe, nomnquba wakhe, nabo bahleli emazulwini. Lanikwa igunya lokulwa nabangcwele, libeyise; lanikwa igunya kuzo zonke izizwe, neelwimi, neentlanga. Baya kulinqula bonke abo bemiyo phezu komhlaba, abamagama angabhalwanga encwadini yobomi yayo iMvana, exheliweyo kususela ekusekweni kwehlabathi." - Isityhilelo 13:3-8

"Ndabona elinye irhamncwa linyuka liphuma emhlabeni; laye lineempondo ezimbini zifana nezemvana, (Messiah) laye lithetha njengenamba. (Umtyholi) Lenza lonke igunya lelokuqala irhamncwa, elalingaphambi kwalo; lenza umhlaba, nabo bawumiyo, ukuba balinqule irhamncwa lokuqala, elaphiliswayo inxeba lalo elibanga ukufa. Lenza imiqondiso emikhulu, ukuze lihlise nomlilo ezulwini, uze emhlabeni phambi kwabantu, libalahlekise abo bemiyo phezu komhlaba, ngemiqondiso elayinikwayo ukuba liyenze emehlweni eramncwa elo; lisithi kwabo bemiyo phezu komhlaba, mabalenzele umfanekiselo irhamncwa, elibe linenxeba lalo ikrele, laphila.

Lanikwa igunya lokuwunika umfanekiselo weramncwa umoya, ukuze umfanekiselo weramncwa elo uthethe nokuthetha, wenze ukuba babulawe abasukuba bengaqubudi kuwo umfanekiselo werhamncwa. Lenza bone, abancinane nabakhulu, abazizityebi nabangamahlwempu, abakhululekileyo nabangamakhoboka, ukuba baphawulwe lilo esandleni sabo sokunene, nokuba kusemabunzini abo: nokuze kungabikho mntu unako ukuthenga nokuthengisa, ingenguye lowo unophawu, ngokuba ligama lerhamncwa, nokuba linani legama lalo. Nabu ubulumko. Lowo unengqiqo makalibale inani leramncwa; kuba linani lomntu; inani lalo ke lingamakhulu omathandathu anamanci mathandathu anesithandathu." (666) - Isityhilelo 13:11-18

"Ndalibona iramncwa, nookumkani bomhlaba, nemikhosi yabo, ihlanganisene ukwenza imfazwe nalowo uhleli ehasheni, (UKUMKANI KAKUMKANI, UNKOSI KANKOSI) nomkhosi wakhe. Labanjwa ke irhamncwa; kunye nalo kwabanjwa umprofeti obuxoki, lowo wayenzayo imiqondiso emehlweni alo, wabalahlekisa ngayo abo balwamkelayo uphawu lwerhamncwa, nabo baqubuda kuwo umfanekiselo walo; baphoswa behleli abo bobabini edikeni lomlilo elivutha isulfure. Abaseleyo babulawa ngekrele lalowo uhleli ehasheni, ikrele elo liphumayo emlonyeni wakhe; zathi zonke iintaka zahlutha yinyama yabo." - Isityhilelo 19:19-21

"Zintanda, musani ukukholwa ngoomoya bonke, bacikideni oomoya ukuba ngabakaThixo na; ngokuba baninzi abaprofeti ababuxoki, abaphume bangena ehlabathini. Mazini ngale nto uMoya kaThixo: umoya wonke omvumayo uYesu Kristu eze esenyameni, ungokaThixo; nomoya wonke ongamvumiyo uYesu Kristu eze esenyameni, asingokhaThixo; lo ngokamchasi-Kristu, lowo niwuvileyo ukuba uyeza; nangoku uselukho ehlabathini." - uYohane I 4:1-3

"Phaphani ngoko; ngokuba ningazi ukuba lilixa liphi na eza ngalo iNkosi yenu. ... Ngenxa yoko yibani nilungile nani, ngokuba uNyana woMntu uza ngelixa eningalikhumbuleliyo." - uMateyu 24:42,44

"Asingabo bonke abathi kum, Nkosi, Nkosi, abaya kungena ebukumkanini bamazulu; ngokwenzayo ukuthanda kukaBawo osemazulwini. Baninzi abaya kuthi kum ngaloo mini, Nkosi, Nkosi, sasingathe na egameni lakho saprofeta, sathi egameni lakho sakhupha iidemon, sathi egameni lakho senza imisebenzi yamandla emininzi? Ndandule ndibaxelele, ndithi, Andizanga ndinazi; mkani kum, nina nenza okuchasene nomthetho." - uMateyu 7:21-23

"Ndababona abafileyo, abancinane nabakhulu, bemi phambi koThixo. Zavulwa iincwadi; kwavulwa nenye incwadi, eyeyobomi; bagwetywa abafileyo ngokubhaliweyo ezincwadini ezo, ngokwemisebenzi yabo. Lwathi ulwandle lwabakhupha abafileyo abakulo, kwathi ukufa nelabafileyo kwabakhupha abafileyo abakhona; bagwetywa elowo ngokwemisebenzi yakhe. Kwaza ukufa nelabafileyo kwaphoswa edikeni lomlilo. Oko kukufa kwesibini. Wathi ongafunyanwanga ebhaliwe encwadini yobomi, waphoswa edikeni lomlilo." - Isityhilelo 20:12-15

No comments: