Tuesday, April 29, 2008

USALIBELE YINI NA?

0102 - Xhosa

IIMPENDULO KULABO ABACHASENE NOBHAPTIZO LWAMAKHOLWA

Gordon Bennett

Enye yezinto uKristu azibeka ngokucacileyo emfundisweni yakhe IuBhaptizo Lw"bakholwayo. Waqononondisa ngokubaluieka kwalo wade wawubeka bucala ummiselo mhla ethumela abafundi bakhe ukuba bayovakalisa kulo lonke ihlabathi. Igunya elikuwe liligunya lomnye kwakhona. Lawo ngamazwi eNkosi abhaliweyo ku_Mateyu 28:18_20. "Weza uYesu wathetha kubo esithi, Linikwe mna lonke igunya emazulwini nasehlabathini, Hambani ngoko niye kuzenza abafundi zonke iintlanga nibabhaptizela egameni IoYise, IoNyana, IoMoya oyiNgcwele: Nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniwisele umthetho ngazo. Niyabona, mna ndinani imihla yonke kude kube sekuphelisweni kwephakade eli."

Abapostile abawevayo lawomazwi khange babe nangxaki ekuqondisiseni ukuthi yayithetha ntoni na iNkosi. Incwadi yezenzo ibonisa ngendlela okwakumele ukuba lommiselo uqhutywe. Bahambela phambili njengomkhosi WOMNQAMLEZO, kwakuthi xa kuthe kwaba khona mntu wumbi oguqukayo lomkhosi ujonge okokuba abhaptizw~ lowomntu.

Akukho nto ebonisa ukuba babenekululeko yokuzenzela noma ngayiphina indlela abathanda ukubhaptiza ngayo, nasekuguqukeni kukaSauli (lzenzo 9:1_22; 22:1_211. Ubhaptizo khange luhilizelwe, iNkosi yathi kuSauli: "Vuka uye kungena emzini lowo woyixelelwa into omelwe KUKUYENZA." (lzenzo 9:61.

Ngoko uYesu wayenako ukusebenza ngoSauli kwangoko, kodwa akazange enzento. USauli wakhokelelwa emzini wase Damasko kuba kwakukhona into uYesu athanda ukuba uSaulN ayenze, ngoko iNkosi yathumela umfundi othile ogama lingu Hananiya owafika wathi kuSauli; "Nakaloku usalibele yinina? Suk'ume, ubhaptizwe uhlambulule izono zakho, unqula igama IeNkosi." (lzenzo 22:16).

USauli wenza ntoni na ngalomiselo? "Wavuka, wase ebhaptizwa" akazange abe nabuqhinga, kwaye wayengazi miselanga ngabuqhinga, kodwa wayefuna ukwenza ukuthanda kukaThixo.

Akumangazi xa sibona inkitha yabantu ababonisa uthando Iwabo eNkosini, kodwa besenobuqhinga bokungafuni ukwenza honto INKOSI yaxelela uSauli ukuba MAKAYENZE? Ndizobuye ndizichukumise izizathu abazenzayo ndizakunibonisa ukuthi kumele ukuba nibaphendu!e ; njani ngezibhalo zezwi lika Thixo.

(1) "Akuthethi nto nakuba sabhaptizwa okanye asibhaptizwanga, lonto ayenzi mshluko kuthi."

Ukuthetha ngoluhlobo kuthethinto yokuba akukhanto nakuba uKrestu siyamphulaphula okanye hayi. Lentetho yenza ukkuba ilizwi IikaKrestu libe yinto engento nezinto acela ukuba sizenze azinarnsebenzi, nezingento yanto. Kodwa kuKrestu ZINENTO kungoko ezimmisa esithi mazenzenziwe xa umntu esithi yena akanamsebenzi nobhaptizo lowomntu unyslisa izwi IikaKrestu kwanegunya lakhe.

Xa ubhaptizo lungenamsebenzi kutheni na uPauli exelela abafundi abalis,humi nesibini e-Efese ababebhaptizwe ngobhaptizo lukaYohane ukuba mabaphinde kwakhona babhaptizwe?

(2) "Mna ndabhaptizwa ngobhaptizo IoMoya oyiNgcwele ngoko akukho mfuneko, yokuba ndibhaptizwe ngobhaptizo lwamanzi:"

Nguwo uMoya lo uYesu athetha ngawo esithi makubhaptizwe, ngoYesu lithi ilizwi "Kuba uThixo akamnikanga uMoya oyiNgcwele ngokwesilinganiso." ''Amazwi endawathetha kupi akungawo awam kodwa.aphuma kuBawo ondithumileyo." Ngoko uMoya oyiNgcwele awunako ukuba ukhokele umntu ukuba adele ubhaptizo lwamanzi.

UKorneli (Izenzo 10) wawamkela uMoya oNgcwele wabhaptizwa ngawo, kwawona IowoMoya wathetha ngomlomo kaPetros usithi, "Kukho unako yini na ukuthintela amanzi ukuba bangabhaptizwa aba bamamkeleyo uMoya oyiNgcwele kwanjengathi nje? Izenzo 10:47-48.

Kwakhona futhi sinoMoya oyiNgcwele OMMISELA ubhaptizo. UPetros uyachaza ngobhaptizo IikaMoya njengesizathu esenza sibhaptizwe ngobhaptizo lwamanzi. Kukuthanda kukaThixo oko. Yintoni na sithandaza sisithi, "Ukuthanda kwakho makwenziwe emhlabeni njengokuba kusenziwa emazulwini." Sibuyesithi asifuni ukubhaptizwa ngobhaptizo lwamanzil USALIBELE YINI NA?

(3) "Amanzi awanako ukuzixolela izono zam, ngoko akukhonto emanzini."

Yinyaniso leyo, kodwa unelungelo lokuthetha ngawakhe amazwi. Ke xa siluhilize ngaboomu ubhaptizo singatsho njani ukuthi izono zethu zaxolelwa? Ukuhilizela kwethu ngabomu ukwenza ukuthanda kwakhe siSono eso. "Ngoko kowaziyo ukwenza okuhle angakwenzi kuloowo kusisono."

Ewe akukhonio isemanzini, kodwa ukungena emanzini sisenzo esibonisa ukumthobela uKristu yena ke ujonge isenzo. Nguye uYesu owathethayo lawomazwi, "Lowo ungandithandiyo, akagcini izinto endizithethileyo."

(4) "Ubhaptizo ngumyalo nje, ke thina asisindiswa ngamthetho nemcinjana ethize."

Inene, imthetho neengcinga zabantu azinako ukukusindisa, yinyani eyo. Xa sikholose ngobhaptizo lwezibhalo njengomthetho wombhaptizo. Lwamakholwa (ukuntywiliselwa) ngaphezu kokukholosa ngoKristu, asinako ukusindiswa.

"Ngobabalo sisindisiwe ngokholo;" ukholo olona lusindisayo luku thobela ukuthanda kukaThixo. "Sisindiswa ngokukholwa, kodwa hayi ngokholo lulodwa." "Kuba ukholo lulodwa lufile xa lungenamsebenzi." (Yakobi 2:17 khangela naku vs. 14). Ukholo olufileyo alunakui sindisa mntu izibhalo ziyasixelela ebuhleni ukuthi uYesu nguye owaba yimbangi yosindiso oluriguna phakade (Hebhere 5:9).

Ubhaptiso sisenzo sangaphandle komzimba kodwa lubonakalisa ukholo Iwethu kuKristu. Neenyaniso zeendaba ezilungileyo zokufa kwakhe, nokungcwatywa kwakhe, nokuvuka kwakhe, ubhaptizo sisenzo esingcwele nesonyuliweyo kulapho sivuma khona ukuthi siyamembatha uKristu; nokuthi safa kunye naye esonweni savuswa kunye naye ukuze sihambe sibe sebomini obutsha. "Ningcwatywe naye etubhaptizweni, enathi nikuye navuswa nokuvuswa naye, ngokukholwa kwenu kukusebenza kukaThixo owamvusayo kubo abafileyo. (Kolose 2:12). Ukubhaptizwa ngaphandle kokholo akunamsebenzi Kumele" Ukuba luhambisane neemfuneko zikaThixo ezibonakalisa ukukholwa kwalowo obhaptiziweyo.

(5) "Ubhaptizo lungumthetho nje."

Ukuthetha ngolohlobo kukudela uKristu, nokungahloneli amazwi akhe. Ngakube ikhona na into ebaluleke kumlandeli kaYesu othembekileyo ngaphezu kokuthobeta umyalo weNkosi? Khumbula into yokuba kwakungumthetho qha oweqiwa ngo Adam no Eva, ngenxa yoko ihlabathi liphela lawela esonweni kwathi isiphumo salonto yokungaphulaphuli kwabo kwaba ngukufa. Uke wacinga nje ngento enokwenzeka kuwe ngenxa yokunga funi kwakho ukuthobela umthetho kaKristu? Usalibele yini na?

(6) "Mna ndingumKristu omdala oselenamava, kodwa endiboni mfuneko kum yokuba ndibhaptizwe."

Nguwe kanye lo odinga ukubhaptizwa, kuba ubhaptizo ragolwabakholwayo. Xa ulilo ikholwa umele ukuba ubhaptizwe, kuba ubhaptizo lulandela emva kokuba umamkele uKristu kunye nemfundiso yamaKristu. UYesu "babhaptize."

(7) "Ingani ibhada lona alizange libhaptizwe, kodwa lasindiswa, ke nami andifuni ukubhaptlzwa.

Inene kuyscaca ukuthi ibhada alikhange libhaptizwe, kodwa kumele ukuba sikhumbule ukuthi thina besingenako ukungena ebukumkanini bukaThixo ngemva kwebhada elo. Kunezinto ezimbalwa endithanda ukuba ndikucacisele ngazo.

(a) Ibhada lalingeke lakwazi ukubhaptizwa njengoba lalixhonywe emthini womnqamlezo.

Ukubhaptizwa ngukuntlywiliswa. Ukufefeza kuyinto engenamsebenzi ukwenza okokukususa ilizwi IeNkosi nokulidela ilizwi layo. INkosi ayizange icele ukuba senze izinto esingeke sikwazi ukuzenza, kodwa icele ukuba senze izinto, Elinde ukuba sizenze.

Ibhada likhutshwa yimeko kuba Ialingazilawuli, ngoko lalingenako ukuba lizonwabise ngamalungelo obhaptizo lwabakholwayo.

(b) Akukho mntu owake walicala ibhada ukuba libhaptizwe.

Akukho nencinci into ebonisayo ukuba ibhada lake laxelelwa ngalengongoma. Ukuba wayenako ukubhaptizwa utsho ukuthi ukub" iNkosi yamcela ukuba abhaptizwe ucinga ukuthi laingenqaba ukubonisa ukuthobela kwalo iNkosi esele izinikele kuyo?

(c) Umyalelo naeNtumo eziNkulu ezihambisana nalomyalo wobhaptizo lwabo bonke abenziwa abafundi (eg. Mateyu 28:19_20). Lowommiselo awunikwanga kwade kwaba ixesha iNkosi eyavuka ngalo ekufeni lokufa nokuvuka kwenkosi ekufeni.

Konke oko kwenzeka ibhada sele lifile emnqamlezweni. Ngenxa yoko kuyacaca ukuthi lemeko ayijongiswanga kwelibhada, kodwa ijongiswe kuwe. Kway ke ngeyabo bonke abathe bakholwa zindaba ezilungileyo. Xa sifuna ukuza endleleni yentsindiso enentsikelelo zikaKristu, masize ngeyona ndlela ikukuthanda kukaKristu.

Ubhaptizo lukaYohane lwalusenziwa ngaphambi kokufa kukaYesu, kodwa ke lona lwalu nenye injongo ehlukile kulena yobhaptizo lwamaKristu. Usalibele yini na?

(8) "Andiziva ndikhokeleka ekubhaptizweni."

Mhlawumbi akunjalo, konke kuxhomekeke enkokelini yecawa oyilandelayo. Baninzi abantu abangabhaptizwanga kuba bengaqondisisi ngokuthanda kukaThixo kulendaba. Balandela iinkokeli ezinemfu elahlekisayo, njengalemfundiso yokuphehlelelwa kweentsana.

Xa inkokeli vakho inguKRISTU YESU ikunikile ke umKHONDO walendaba mhla enikela umyalo. Tyhini, usafuna kuphi ukukhokelwa kanti? UMoya oviNgcwele awunako ukusiqhatha usikhokelele entweni echasene nemfundiso kaKristu kunye nabafundi bakhe abaphefumlelwe.

Ndizama ukucacisa indaba yokusebenza koMoya oyiNgcwele kuselizwini. "Ikrele lelizwi likaThixo,"

(9) "Ndabhaptizwa ndiselusana, ngoku andiboni mfuneko yokuba ndiphindwe ndibhaptizwe futhi."

Xa unyanisile ukuthi wabhaptizwa uselusana hayi kwakungesilo ubhaptizo lwamaKristo olo, kuba ubhaptizo lwamaKristu ngo lwabakholwayo hayi iintsana. Alikho nelincinci igunya Iezibhalo malunga nobhapyizo lweentsana. Inene, lento kusithi_ "kukuphehlelelwa kweentsana" akusilo nje ubhaptizo kwaphela, kodwa ukufefezwa "sprinkling" nokugalelwa ngamanzi "pouring" amancinci phezu kosana. Lonto iyenziwa siyakholelwa ukuba iyenziwa, kodwa akusilo ubhaptizo lisiko nezithethe ezenziwa ngabantu besusa ummiselo owenziwa nguKristu buqu. Ubhaptizo Iwezibhalo lufuna "amanzi amaninzi" (Yohane 3:23). Kukuhla ungene phakathi emanzini, uphinde kwakhona unyuke uphume ngaphandle kwamanzi (Mateyu 3:16; Marko 1:9_10; Izenzo 8:38_39). Kukungcwatywa nokuvuswa futhi (Kolose 2:12; Roma 6:4_5).

Ningavumeli iingcinga zabantu abasusa inyaniso ukuba baniqhathe ukuze ningakwazi ukuzonwabisa ngamalungelo enu nokuhlonela kwenu iNkosi malunga nobhaptizo. Nengane esele ikhulile ngokwaneleyo ukuba ive ikholwe, ikholwa ukuba uYesu unguMsindisi wayo, leyo isese lungelweni elizeleyo ukuba ithobele iBhaptizo Lwabakholwayo. Kodwa ubhaptizo lweentsana nemmiselo emitsha yabantu abangamachule bezenza "othixokazi" no "thixotata" abangabameli babantwana, yonke loonto ayilunganga kuba ikhupha imphefumlo ekwenzeni ukuthanda kukaThixo malunga nendaba yobhaptizo ngokummisa kwakhe. Kuyinto ebuhlungu ukuguqula into efunwa nguThixo ufake ethandwa nguwe.

"Sizomamela uThiko kunoku mamela abantu." Usalibele yini na?

Khumbula into yokuba ubhaptizo lukaYohane lwalubaluleke ngendlela yokuthi ngisho noYesu waya kulo. UMsindisi wakho nguMsindisi obhaptiziweyo. Ubhaptizo olufunwa nguMsindisi wakho lilolu abonisa ukubaluleka kwalo. Leyongcinga iyodwa nje ifanele ukuba ikwanelise ukuze uthathe indawo yokuthanda kwakhe.

Inene ukuba uYesu akazange abhaptizwe wayengeke abe nguMsindisi wehlabathi. Wake wacinga nje ngalonto? Kwakungesiyo nto "encinci" kuKristu. Mhlawumbi ucinga ngathi yindlalo nje xa kuthethwa lamazwi athi. Lungekho ubhaptizo _ Akekho uMsindisi. Ewe, lento ndiyithetha ngenxa yezizathu ezilandelayo:

(a) UThixo waba yimbangi yobhaptizo lukaYohane (Luka 20:4; Yohane 1:6,13).

UKristu wakholelwa ukuba kungolkaThixo, nokuthi lungolwakhe ukuze angabinako ukuhilizela intando ka yise, ngenxa yolwazi namava abe enawo. Ukuba waphazama wona wayengeke abe nalo ilungeli lokusindisa aboni uKristu ubhaptizo lwalusisenzo sokuzinikela kukho ukuthanda kukaYise . Wasisikelela esosenza uThixo wamthambisa uNyana wakhe NgoMoya oyiNgcwele waqononondisa ngovuyo analo Kuye. (Mateyu 3:16_17; Marko 1:9_11; Luka 3:21_22). Ubhaptizo sisenzo esonyulwa nguThixo ukuze uMesiya aziwe okanye abonakaliswe kuSirayeli (Yohane 1:31 : "Kungoko ndize ndibhaptiza ngamanzi").

(b) Kuba kwaku sisenzo esizeteyo esizalisa bonke ubulungisa.

"Vuma", kutsho uYesu kuba kusifanele ukuba sizalise ubulungisa bonke". (Mateyu 3:15). Ngoku thelekisa lamazwi kunye namzawi afumaniseka ku Luka 7:29_30. "bathi bonke abantu bakuva, nababuthi berhafu, bagwebela uThixo, bebhaptiziwe ngobhaptizo lukaYohane. Ke bona abaFarisi nabaqondisi_mthetho bazitshitshisela icebo IikaThixo kuba bengabhaptizwanga nguye".

Mhla uYesu ebhaptizwa waye gwebela uThixo. Ubhaptizo lwalu sisenzo sobulungisa kuba lwangqinwa nguKristu ngokwamkela icebo likaThixo, kewucinge ukuba khange abhaptizwe, kwakuyokuba isini na? Abo bengafuni ukubhaptizwa ngobhaptizo luka Yohane bazitshitshisela icebo likaThixo ngokwabo.

Ubhaptizo lukaYohane lwaluba lulekile ngeloxesha ababephila ngalo kangakana ni na ke kumaKristu axelelwe nguYesu kwelixesha libaluleke kangaka lamaKristu?

Ngokusebuhleni nje, uYesu wazibonakalisa ukuba yena ungakuliphina icala yena. Wayengakwelika Thixo icala, kuba wayekuhlonela kakhulu ukuthanda kukaThixo. Wahamba phantse iimayile zingamashumi asithandathu (60 miles) eyobhaptizwa, kuba wayesazi ukuba kubaluleke kanjani ukuthanda kukaThixo:

Ngoku mhlobp oyintanda, ndilingile ukukuyhilela ngokucacileyo icebo likaThixo ngenyaniso nothando. Ngoku lendaba ndiyishiya kuwe. Nguwe ngoku okumele

nke, akunjalo? Lilungelo ufuna ukuba ngasecaleni IikaKristu ezintweni zonke, eli, akusiwo umsebenzi, ukwenza ukuthanda Kwakhe okuyintsikelela. Ubhaptizo lungenye yezinto esimele ukuba sizenze, xa simhlonrla Yena ezintweni zonke. Usalibele yini na?

No comments: