Tuesday, April 29, 2008

IZIQHAMO ZOBUKRESTU

0060 - Xhosa

KUKUZUZA IMIPHEFUMLO

Richard Laue

"Isiqhamo selungisa ngumthi wobomi; umbambisi wemiphefumlo sisilumko." Imizekeliso 11:30

Isiqhamo somKrestu kukubambisa imiphef umlo. Zonke ezinye izinti ziza kamva phezu kwalomsenzi omhle kanje. Ukufundisa, ukuqhuba inkonzo yoMthendeleko, ukucula ekwayarini, ukuba lilunga elikhaphile, zonke ezo ziza kamva kwalomse benzi omkhulu kanga wokubambisa imiphefumlo yabanye, uYesu wathi "Kuba uNyana woMntu weza kufuna nokusindisa oko kulahlekileyo." Upawulos uMpostile usithi "Ngamandla onke ndizimisele ukuzuza abanye." UKenneth N. Taylor ucacisa Imizekeliso 11:30 ngoluhlobo..... "Abantu bakaThixo bangumthi okhulayo uthwele iziqhamo zobomi, olumkile yena ubambisa imiphefumlo." Izibhalo zona azisixeleti ukuba umntu onemali usilumko, nakuba mhlawumbi umntu onemfundo ephakameyo sisilumko. "Kodwa lowo ubambisa imiphefumlo sisilumko."

USolomon waphinda esithi, "Nqwa nokulengalenza kwemilenze yesiqhwala." (Imizekeliso 26:7). Ininzi lamabandla ethu, Ininzi labantu bakaThixo namhla bayaqhwalela kuba imilenze yabo ayilingani. Ngokuqhelekeyo apha emabandleni ethu imilenze yethu mide qgitha ngasebudlelwaneni, emfundisweni, ekufmdeni kakhulu, naseziyolweni, kodwa imilenze ebambisa imiphefumlo mifutshane gqitha, isiphu mo sokushoda kwethu ekubambiseni imiphefumlo, kube ngamabandla aqhwalelayo. Make sizame ukwenza imilenze yeNkosi yethu ilingane, isithi nakuba ihamba ivakale isithi, "Hai, ukuba zintle kwazo iinyawo zabashumayela iindaba ezilu ngileyo zoxolo, zabashumayela iindaba ezilungileyo zezinto ezilungileyo!"

Kwanga uThixo angakusikelela usaqala ukulandela lendlela yokubambisa imiphe fumlo ebaluleke ngoluhlobo. UThixo makakusikelele ube ngumKrestu othwele iziqhamo zobuKrestu. Nazi izinto ezibalulekileyo xa ungumbambisi wemiphefumlo.

1. Kummele ukuba uqondisise kakuhle ukuthi wena ngokwakho usindisiwe:

Linto ifana nalento yokuba umntu kakwazi ukuxela ukuthi uvela endaweni apho engakhange aye kuyo, ungamkhokelela njani kuMsindisi xa ungasindiswanga wena. Isibindi nokomelela kuphuma kulabo bathe basindiswa. Ukuba lilunga lebandla nje akunakukwenza umbambi wemiphefumlo. Kumele wazi okokuba wena ngo kwakho usindisiwe, nokuthi uKrestu uyaphila kwaye uyasebenza ebomini bakho. Gcina engqondweni ezi vesana zilandelayo ukude uqiniseke. (I Yohane 2:3-6; 2 Timoti 1:12; amaHebhere 10:22).

2. Kufuneka uhambe:

Iindumiso isithi: "Ohamba ahambe elila, ephethe intlwayelelo, uyabuya eze eme melela, Ethwele izithungu zakhe". (Iindumiso 126:6). Xenikweni ungumbambisi wemiphefumlo olahlekileyo, ngoko hamba kuye uphe the iindaba ezilungileyo (Ivangeli). Hamba, uhambe, uphinde uhambe futhi. Xa kunemfuneko hamba ubethe icango lakhe. Engcingeni zakhe ube nalentetho Ndinesoni silahlekileyo, okufanele ukuba ndisihambele njalo side simvume uKrestu Yesu. Iintumo Eenkulu ZoMyalelo zisithi: "Hambani ngoko". (UMateyu 28:18-20).



3. Hlala ukhanrele imiphefumlo:

Ziqeqeshe ngokwakho ukuba xa uhlangana nomntu ongamqondiyo, ube nalengcinga. "Ngakube lomntu kaThixo, ulahlakile okanye usindisiwe". Uqonde kakuhle ukuthi lababantu ubahambele mihla le, bazolidlela iphaka de labo kwenye indavo. Ziqhelise ukuwunonelela umphefumlo womntu ukuba usendaweni enjanina. Masibe nalomthwalo ka John Wesley, nanka amazwi akhe. Umhlaba yindawo yethu nakuba ngubanina olahlekileyo ungumthwalo wethu.

4. Phatha Ilizwi likaThixo:

Mna ngokwam ndibona, kuBhetele kakhulu ukuhamba uphethe iTestament Elitsha kuneBhayibhili enkulu. Ungabi nantloni ngeBhayibhili, kodwa iTestamente Elitsha linokuthwaleka lula naphina apha uyakhona. Zungalibali kukuphatha ilizwi likaThixo, kuba ngeke uqonde nakuba sekulithuba lokuba uqale ukubambi sa imiphefumlo. Umbambisi wemiphefumlo kufmeka afane nenkwenkwe yeSkawot (Boy Scout) - hlala uzilungiselele!

5. Hamba nabanye:

Ininzi lababamisi bemiphefumlo esibafumana kwiTestamente Elitsha babehamba ngababini. Kwaye zikho izizathu zalonto: (1) Kuyomeleza xa nibaninzi. Kuba omnye uvuselela omnye. (2) Ngokwezibhalo - uYesu wayebathuma ngababini, ngababini abafundi bakhe. (3) Kuncedisa ukuba istrati sihlale singenabo abantu abaninzi. Kuba omnye uhamba emisa abantu ebabulisa, omnye ebe ebafundisa, engena ezindlwini zabo.

6. Kholelwa ekubeni lemiphefumlo izosindiswa:

Xa uqala nje uphuma ekhuma ekhaya cinga ukuba kubalulekile ukuba ubonane nomntu ofuna ukufumana uKrestu. Musukutsho nje kodwa, hamba. Usithi nakuba ungena endlwini apho uhambele khona usithi, "Thixo ndiyakholwa ukuba ababantu bakulendlu bazolufumana usindiso namhla". Kawumamele ukuba uYesu wathinina" Wathi uYesu, kuye, Ewe, ukuba unokukholwa! zonkeizinto zinokwenzeka kuye okholwayo". Marko 9:23. Hamba ngokholo.

7. Cinga nzulu ubenobubele:

Iba nobubele, nobulali xa a uzongena emzini womntu; ngakumbi ucinge okokuba kawubizwanga mntu uzibize wena kwelikhaya. Abantu abaninzi bahlala e makhayeni yonkimini ngoko bengeva oluhlobo lamazwi. Siphila kulizwe elikho hlakeleyo. Kukho antu abakhanuka izinto ezininzi, Zigcine wena, Ungabi ne phike. Hlala ubonakalisa uYesu Krestu. Musuloko ushumayela isihogo nomlilo wesulfure. Zonke ezonto zishiye umshumayeli uzozivakalisa ngeCawe. Hamba ubancenge, ubathande, khona bezokwamkela uYesu.

8. Phakamisa amandla amakhulu Elizwini likaThixo:

Ilizwi likaThixo lisisikrweqe. Wathetha uThixo ku Yeremiya esithi: "Utsho uYehova. Alinjengomlilo na ilizwi lam? Utsho uYehova; nanjenge sando esiblekeza ingxondora?" Yeremiya 23:29. Abantu basindiswa ngamandla eLizwi Musuzivakalisa ngokwako - njalo vakalisa iLizwi likaThixo khona abantu bezo sindiswa. Gcina ezivesi engqondweni yakho; 2 Timoti 3:16 amaHebhere 4:12.

9. Phakamisa amandla amakhulu ekuthandazeni:

Wathi uYesu. ."Celani, nophiwa; funani, nofumana; nkqonkqozani, novulelwa; Kuba wonke umntu ocelayo uyazuza, nalowo ufunayo, uyafumana, nalowo unkqonkqozayo, uyavulelwa. Mateyu 7: 7-8. Lonto icacisa ukuba xa sicela kuThixo angalinganiswayo ekubuyiseni soni. Khangela ezincwadi: Mateyu 21:22; Yohane 16:24; Yakobi 4:2.

10. Qondisisa amadla amakhulu kuMoya oYingcwele:

Amawaka amathathu asindiswayo ngomhla wePentekoste kuba abafundi babezaliswe ngoMoya

oyingcwele. Amadoda nabafazi bazalisiwe ngoMoya oyiNgcwele namhla uzobona imiphefumlo emininzi isindiswa. Wathi uYesu: "Xa ke ethe wafika yena uMoya wenyaniso, uya kunikhokelela kuyo yonke inyaniso; kuba engayikuthe tha okuphuma kuye, uyakuthetha izinto athe waziva, anibikele izinto ezizayo. Yena uyakundizukisa; ngokuba eya kwamkela kokukokwam, aze anibikele ke. Mateyu 16:13-14. UMoya oyingcwele uyasibonisa ukuba singayizuza njani imiphefumlo. Cela amandla avela kuThixo ukuze uzuze imiphefumlo.

11. Yiba nento ozakuyitetha:

Xa uzongena ekhayeni, yiba nento uzakuyithetha, Yenza ababantu bazive bo nwabile. Bulisa wonke umntu ongaphakathi endlini.

12. Hlala esifundweni sakho:

Umtyholi uzof una ukususa esifundweni sakho esimayelana nosindiso. Kodwa zungasuki kuso. Abaphathi beziporo, batyebile namhla kuba bazingisa njalo ukuhamba ngeziqola zabo emgceni. Umgca okumele ibandla 1ihämbe ku wo kukubambisa imiphefumlo. Hamba ngalomgca zungasuki kuwo. Abantu baya kubuza imihuzo emininzi, afana nale: "UKayini wamzekaphi umfazi?" UNganxila kodwa usindiswe" "Ucinga ukuba kuyinto elungile ukuba umntu ahlale eNyangeni? Xa bebuza imibuzo enjalo, bancme ubaxelele ukuba babuze umbuzo omhle kakhulu phofuke xa sigqiba lendaba yethu yosindiso ndizokuphendula". Ungasuki eMgceni.

13. Fumana iqhinga lokuzuza abantu abalahlekileyo:

Kawucingi ukusindisa umntu ongalahlekanga. Xa umntu emka namanzi uyazi, lowo ufuna uncedo; phofu xa engaqondi ukuba amanzi azomka naye, akalufuni uncedo. Lonto ifanangqo, nakuMoya, ukuze sibafilmane abala hlekileyo kumele ukuba sisebenzise iLizwi likaThixo. Lembuzo elandelayo yiyo kanye ezokwenza umoni azibone ukuba uhlezi kwenjani imeko.

14. Ingabe unguye ungumKrestu?

Impendulo yalombuzo, iqhele ukuma ngoluhlobo; "Ndihamba leCawe ephaya", "Okanye uma undihambisa kuleyaCawe". Kodwa, uyabona, lomntu akakaphenduli umbuzo wakho. Ngokoke landelisa ngalemibuzo ilandelayo.

15. Xa usifa namhla ingabe uyokuya ezulwini?

Lombuzo uphilile, kuba abantu kabacingi ukuba xa ulilungu lebandla oko kuxhumene nentsindiso, okanye nokuya ezulwini. Ininzi leempendulo lizothi; - Tyhin, Ndinethemba. "Okanye hayi andazi. Landelisa ngalombuzo ingabe ikho indlela yokuba wazi?" Landelisa ngombuzo.

16. Uyathandana ukwazi?

Ingabe uyathandana ukwazi, ukuthi uyaya ezulwinina? Ininzi leempendulo lizokuthi;"Yintoni, ewe, xa kunokwenzeka, Ndiyathanda ukuazi. Aphoke usuyaqala ukutyila iLizwi likaThixo, usebenze kusoni silahlekileyo.

17. Mbonise ukuba bonke bonile:

ITestamente Elisha lukatyila ngokucacileyo ukuba; "Akukho lungisa, hai nalinye". amaRoma 3:10. "Kuba bonile bonke, basilela eluzukweni lukaThixo. amaRoma 3:23. IBhayibheli iphela lifundisa ngesono semvelo.

18. Mbonise umvuzo wesono:

UPawulos uyafundisa ukuba "Umvuzo wesono kukufa." amaRoma 6:23. Isono esingaxolelwanga sinokumtshabalalisa umntu ingunaphakade. amaRoma 5-2. Isityhilelo 20:11-15.

19. Mbonise isibabalo sikaThixo:

"Kuba umvuzo wesono kukufa; ke sona isibabalo sikaThixo bubomi abungunaphaka de, kuKrestu Yesu inKosi yethu. AmaRoma 6:23. UYohane uyasixelela ukuba uThixo walithanda kanjani ihlabathi wade wancama uNyana wake okukuphela kwakhe. UYesu ulihlawule ixabiso lesono. Yohane 3:16; namaRoma 5:8. Mbonise kakuhle ngezonto de ukholwe ukuba uyaqondisisa ngoku.

20. Mbuze ukuba uxathanda na ukwamkela isibabalo sikaThixo:

Okanye uyathandana ukwamkela uYesu Krestu njengeNkosi noMsindisi, ukuze izono zakhe zixolelwe. UYohane 1:12 uyasibonisa . . . . "Ke abonke abamamkelayo wabanika igunya lokuba babe ngabantwana bakaThixo. Ubabalo akulona ubabalo lungemkelwanga ngulowo obababalwayo. Funda naku.Isityhilelo 3:20. Naglendlela umbonise ukuba deumntu amkele uKrestu akaqiniseke ngoSindiso Lwakhe. Ngo kufanele ukuba....

21. Akholwe kuThixo:

Umbhali wencwadi yamaHebhere usithi, "Ke lungekho ukholo, akunakubakho uku mkhloisa kakuhle uThixo kuba lowo uzayo kuThixo umelwe kukukholwa ukuba ukho, nokuba ungumvuzi wabo bamfunayo. AmaHebhere 11:6. Ukholo sisisekelo. ILizwi likaThixo lisityilele ukuba ukholo luza ngokuva, ukuva iLizwi likaThixo."

22. Aguquke ezonweni:

Inguquko ikwa isafana nokholo zizinto asisoze sazihlukanisa. Funda eziincwadi; Luka 13:3,5 ne Izenzo 17:30. Apho siyayifumana imfuneko yooguquko Kuba siyaxelelwa ukuba inguquko kukumila kumbi kwengqiqo kwane ntliziyo ezonto zikhokelela enguqukweni nokuzimisa.

23. Avume:

Phambi kokuba usindiswe kumelwe ukuba uvume ebuhleni uguquke ngokuvuma. Jonga kuma Roma10:9-10, naku Mateyu10:32. Uyakholwa ngetliziyo, avume ngomlomo inKosi uYesu.

24. Kufanele ukuba uzalwe ngokutsha:

Thethani indaba yokuzalwa njengoko uYesu eyicacisela uNikodem ku Yohan 3:1-17. Esithi kumelwe ukuba uzalwe ngokutsha. NgokoMoya namanzi. Ngokwe Testamente eLitsha ukuzalwe ngamanzi kukuzalwa komKrestu esithi lubhaptizo. Sebenzisa incwadi ka Marko 16:16; Izenzo 2:38; abaseKolose 2:12; amaRoma 6:3-6.

25. Ungabi sewuyema apho:

Bavuselele ukuba bazalwe ngokutsha, bamamkele uMsindisi. Yiza ubacele ngokuphandle ukuba bamamkele uYesu. Funda ama (2 Korinte 6:2). Mbonise ukuba namhla lusuku lokuba bamamkele uYesu basindiswe. Lu suku lwentsindiso. Baxelele ukuba basindiswe kwangoku. Ubacele ukuba banqule igama leNkosi uYesu basindiswe. amaRoma 10: 13.

26. Bavuselele ukuba batywiliswe:

Ngakumbi ininzi labantu beTestamente Elisha babebhaptizwa, Ngelolixa lobusuku, okanye naliphina ixa abathe bamkela ngalo uKrestu. Ukwamkela uKrestu kwanokubaptizwa knyanzelekile ukuba kwenziwa msinya, xa kunokwenzeka.

27. Thandaza ngaphambi kokuba uhambe:

Ninina, naphina, thandaza, kunye nabo ubavuselele kakhulu xa ubakhokelela kuKrestu. Kumele ukuba ubalumkele ukuba bakhule eLizwini nasekuqondeni iNkosi.

Okokugqibela:

Zungalibali ukuba ukubambisa imiphefumlo kuyinto ebaluleke kakhulu kwaneyokuqala emsebenziri womKrestu, nowebandla liphela. Xa uziva woyiseka ukuba lemiphefumlo izosindiswa ngunaphakade zama mhlobo wam ukwenza okuthile ngalonto kuba xa wehlulekile ukwenza lomsebenzi, iinzame zethu sikwenzela lencwadi kuyoba uyisengele phantsi, ngoko uyancengwa mhlobo ifunde, bese wenza njengoko isitsho

No comments: