Tuesday, April 29, 2008

LIFUNDISISWA NJANI IBHAYIBHELI

0093 - Xhosa

S. Wilson

"KANJANI" oko kusingise kwinkqubo, indlela, kwanoncedo, okanye kwimimiselo, ubulumko, ezintweni ezenziwayo ngokulungileyo. Zininzi indlela ezixatyisiweyo. Kodwa umvuzo uyafana: Ukuqondisisa ukuthi uThixo uthinina ezimfundisweni zakhe, deske thina sizisebenzisele ukuzukisa Yena. Kulencwadana asizubonisa buciko bunzulu malunga neendlela nemithetho, yokutolika iBhayibheli xa ulisebenzisa.

Nakuba, imithetho nemigaqo ingenako ukukwenzela umsebenzi wena Kodwa iyanceda ekukulondolezeni kuyo yonke imizamo yakho. Ingumlondolozi osibonisayo xa sesiphuma endleleni okumele ukuba sithethe ngayo ukuze ivakale nakubanina osisidalwa esithethayo.

Iindlela okumele ukuba siqale ngazo

1. Lungisa ixesha lokufunda: Kumele ukuba ixesha lakho ulixhome ephepheni elinenkqubo yakho apho kunaekho khona izinto ezizo phithikeza umsebenzi wakho.

2. Lungisa indawo. Kunceda kakhulu ukuba nendawo elungisisiwe apho ukwazi ukuba ukhuthalele ukuba ube namava ekufundeni.

3. Fumana izixhobo. Lumkela iBhayibheli olifundayo. Uzingise ekuthelekiseni indidi ngendidi zeelwini deske ufumane eyona yona inexabiso lifaneleyo. Ukuguqu guqula amazwi kuyanceda ekubuyiseni ingcinga efaneleyo. Deske nokuvumelana kwazo kwenze kucace naloko okubhalwe encwadini.

Fumana iBhayibheli elibhalwe ngezlqendu "paragraphs''. Lumkela iBhayibheli ebhalwe ngamagama amakhulu odwa izenze ngathi ivesi nganye iyiparagraph.

Xa usebenzisa IBhayibheli enjalo kumele ulumke kakhulu ukuba wohlule ukuba kanene iparagraph iqalaphi iphelephi. Ungafundi ivesi nganye bese uba neengcinga ezohlukeneyo ngayo. Funda uluhlu lonke deske ufumane ngokucacileyo ukuba wayecinga ntoni umbhali wayo Uzofumana zininzi njani, impazamo sizenzayo ngesiqhelo sokufunda ivesi ungayijonganga ukuba ithi nina xa ugqithela ngezansi.

I "Bible Dictionaries" ziluncedo olukhulu, ekanti ngamanye amaxesha kukho apho zilahlekisa khona. Akutsho ukuba zonke iincwadi ezenziwe ngumntu azinayo impazamo. Kwane "Bible handbooks" ziqhele ukuba noncedo olukhulu ekwaziseni incwadi nganye eBhaibhelini, lonto yengeza umdla kulowo mntu ofundayo ekuyiqondeni kamnandi.

4. Sebenza ngeCebo; deske ufumane indlela. Konke oko kwenze lula.

5. Zenzele ii "notes". Kumele ube nento obhalela kuyo, okanye uzenzele i (file) zonke ezozinto uzisebenzizele ukufunda nokufundisa.

6. Nonelela ngokwaneleyo. Khawuleza, kubekho okwenzayo.

7. Zihlaziye usebenzise oko okufundileyo.

8. Fumana impazamo bese uyilungisa kwakhona njengoba ufunda nje.

9. Fundani ngamxhelo mnye. Kuluncedo olukhulu ukufunda iBhayibheli kunye namanye amaKrestu. Sivabhetele xa sibonisana sicikida nento yokuba ngakube wayejonge ntoni umbhali echaza ntoni. Ukuba nomdla ekuncedeni abanye kumenza umKrestu avuseleleke kuthi neenzame zakhe zivuseleleke nakuba mhlawumbi bese kucaca nje ukuba umsebenzi awusonwabisi okanye uyawuhilizela. UThixo uyathanda ukuba sifunde deske siyenze lonto siyifundileyo sinobudlelwane omnye komnye.

lindlela ezilungileyo kwanenjongo

1. Nqwenela ukwazi ukuthi iBhaibheli ifundisa ntoni.

2. Zimisele ukufumana into eqondakalayo. Zimisele ngokufunda nokusebenzisa lonto uThixo akuphe yona. Sebenzisa ingqondo ukuze uyibone inyani. Deske uzidibanise ezinyani wenzele into yokuba wakhe ukhulise ulwazi lwakho.

3. Yivumele lentetho ithethe lento iyithethayo njengoko yayimele ukuba ithethe. Ungaqwalasela nawe ngethemba inene uzibonele ukuba iBhaibheli IiLizwi, IikaThixo, Kodwa singalifundi ngengcinga yokuba siyigwebe inyaniso kaThixo, sichase lento singayithandiyo, sinqabe ukufunda oko singazange sikwazi ngaphambili. Asinako ukuxelela uThixo ukuthi uyaphazama okanye ulungile, Nguye okumele ukuba axelele thina.

4. Yiba nentobeko uthembeke. Akulunganga ukusesha ukuba kufanele ukuba lithini, okanye ukujija inkcazo yenyani. Inene simele ukuba singa zethembithina ngokwethu neengcinga zethu ngaphezu kokwethemba oko kuthethwa yiBhaibheli engcwele.

5. Fumana inyani kuqala phambi kokuba uhlele imibono yakho. Musa ukwenza imbono ngokukhangela amazwi nendlela elula ukuze incede iingcinga zakhe.

6. Funa iimpendulo zemibuzo kwakhona eBhaibhilini ulifunde ngokunyaniseka. Musukweneliswa zizithethe zabantu ngakumbi xa kubonakala ukuthi akukho ndawo ivumelana nazo apha ezibhalweni.

7. Qiniseka ukuba kuyinyani, kuba kwenzelwe ukuba kuba mandi, nenkcazo yako ivakale, kwenzel'ukuba sibe nomdla njalo sinyamezele ekufundeni sinethemba lokuqondisisa konke esikufumeneyo.

8. Qiniseka ukuba kungu mnqophiso ovela kuThixo ukuba siwamkele sidle ubomi ngawo sithembele kuwo ukuze silidle ilifa esilibekelweyo.

9. Yhazi ukuba ababhali beBhaibhili babenayo incazelo engqondweni okumele ukuba siyifumane. Nakuba ngubani unelungelo lokufumana injongo yombhali, kodwa akakho namnye onelungelo lokunika eyakhe inkcazo inxamnye neyombhali. Incazo yokuqala ayiguquli nakuba mhlawumbe ukuva kwethu kungayilungisa okanye ukusetyenziswa kwamazwi kungahluka. Xenikweni amazwi abhalwe eBhaibhilini siwaguqula okanye (Siqononondisa inkcazo yawolukutshinthwa kwamazwi kubantu esithetha nabo kulungile kodwa sifake abhetele kodwa asathetha kwayona lento senzele ukuba silikhuseleilizwi lokuqala elichazwe ngezityhilelo zikaThixo.

Yiyiphina ingcaciso elungileyo?

Yileyo umbhali anenjongo ngento ayithethayo. Owethu umsebenzi ku kufunda sigxizelele xangabe kukho omnye oyisisa kakuhle inkcazo nengqondo yombhali. Into yokuqala kufuneka ukaba singacingi njengoko thina sinqwena ukuba elilizwi lithethe, kodwa senze ukuba icace kakuhle intetho nenjongo yombhali njengoko esinika inyaniso ukuze siyiqondisise. Ukutolika akusiko ukuzakhela eyakho inkcazo (hayi ukuguqula intetho) lonto ithethwa ngumbhali; yithethe njengoko injalo uyigqithisele kwabanye, olunye uqwalaselo ngengongoma leyo singayinqwenela emveni kokuba sisigqithisile isigidimi, deske siqiniske ngento esiyithethayo. Ekanti ukutolika kukuthetha ngqo ngathi ufunda into ebhaliweyo.

Okuninzi okubizwa ngokuba "ngukutolika" interpretation kweBhaibhili osekwenzelwe kakhulu ngokucinga kwabantu kwabe kwasusa inyani eyiyo, ababe besacindezela njengoko kumele ukuba kubenjalo nokuba sikholwe yikho. Abantu selebezame ngeendlela zonke ukujika ilizwi ngendlela "eliyilo" balichaze ngendlela eyohlukileyo kweyenene. Bambi abenza lonto yilaba abakhanyela amandla esityhilelo sikaThixo. Bayali "toloka" ilizwi hayi njengoko lalinjalo kodwa benze iintsomi zabo zobulumko, ke inkcazo enjalo yenziwe zizilnmko zeenzululwazi kodwa zibe zingahambisani namazwi alungileyo esiwafumana ezibhalweni. Olohlobo lwenkcazo luqalisa ngokuba bakhanyele incazo eyona yokwenene bese befuna amanye amagamana abangawa sebenzisa deske kuthi igama elilungileyo nelabe lifunwa ngumbhali liphelelwe sisongo salo.

Ekanti kukho bantu bambi abacinga ukuba iBhaibhili ineendawo okunqa bile ukuziqondisisa okunzima ukuziqonda ngokwakho kuba ziyimfihlelo. Ewe xa ikho indawo enjalo wena zama ukuba ufune indawo evakalayo ukuze ikwazi ukuchaza lena enqabileyo lonto ibhetele kakhulu kunnkuba umthethele umbhali kanti khange ayikhankanye into enjalo.

Siyicalula njani ingqondo yombhali?

Uyacinezela amazwi akhe ngendlela yokwenza intetho deske sithi thina xa siwaqokelela lamazwi sibone indlela ahlobene ngayo elinye kwelinye, lonto yenze ukuba kwanengcinga zakhe zihambisane nelizwi elo. Singayifuma na ingqondo yakhe ngokuba siqwalasela imeko kwanenjongo ezimenze ukuba abhale lawamazwi. Kwakhona kumele ukuba sizicikide iimpazamo zeengqondo zethu ngokuthelekisa nevesi leyo okanye esosifundo, nangokuthelekisa isifundo nenye indawo efana kwanalena sifunda kuyo ngenxa yoko siyofumana amandla.

Ekanti inkcazelo entle kakhulu siyifumana xa sibona ukulingana kwamazwi ombhali, nomfundi, nenjongo yakhe kwanemeko namazwi awasebenzisayo, intetho yamazwi akhe nonobangela wendaba, namawzi aphikisayo kwakhona apho ezibhalweni. Xa sifumana igama elifitha kakuhle ngendlela zonke siqiniseka ukuba inene lento iyafitha lonto yenza ukuba sikholwe ukuba ngendlela okucaciswe rigayo ilungile, kwayeke kumele ukuba sikholwe yinkcazo enjalo qha ukuba ilungile. Olunye uhlobo Iwengcaciso esiluthandabuzayo nolungafanelanga siba nenkulu intandabuzo ngayo.

Ukutolika ngokufunda amazwi ombhali nyani kufana nqwa nokwenza ugqatso "ngokulandela inkokeli." Xa silandela ngenene indlela ahamba ngayo lonto ithetha ukuba sinenxaxheba naye emsebenzini wakhe. Kodwa xa sikekela endleleni asibekele yona lonto ithetha ukuba singaba chasene nomthetho wakhe deske umdlalo wethu okanye ugqatso lungafezeki, ngokuba ngokungahambisani naye asinakufumana amava kuye. Siqhele ukusenza iinkokheli ezithile endaweni yokuba sibe ngabalandeli abathembekileyo. Xa sithe sasusa amazwi akhe safaka ezethu iingcinga kutsho ukuba nathi sesizbhalela eyethu incwadi ngokungathi sisemkhuphiswaneni naye. Ukusebenzisa intetho yengqondo yethu kunokucacisa intetho yombhali akulunganga, akunangqondo, akusibo ubulumko, akusikho ukuthembeka. Zama ngokusemandleni akho ukulandela indlela yakhe ungaphumi emgceni wombhali. Indlela oyiqondisisa ngayo inkokeli yakho kulapho wazi ukuyikholisa, kwaye kulula nokuyilandela.

Iindlela eziluncedo ekwenzeni

1. Zenzele intshayelelo ekufundeni kwakho incwadi. Funa kakuhle ukuze ufumane ukuba ngubani obhalileyo? Ebhalela bani? Ngaliphi ixesha? In jongo kuyintoni? Lento izalisa yiphi imeko? Ngaphantsi kwamuphi umnqophiso okanye ixesha lobabalo olungcwele divine grace?

2. Funda ngokukhauleza uqiqe, ube nengcinga yencwadi ipheia, ukuze ufumane iingongoma okuthethwa ngazo, neendlela ephangaleleyo yokuyiceba, apho kugcizelelwa kakhulu kuboniswa ingcinga yombhali nenjongo yakhe.

3. Zenzele i-outline (umgaqo) ngeengongurna ezinkulu deske uzikhulisele.

4. Funda indawo nganye ukuze uchole umbuzo odinga impendulo ukuze uwuphendule. Ubhale umbuzo andukuba ufune nyani iindawo apho ungafumana khona impendulo. Bhala umbuzo bese ukhangela kuzo zonke iimpendulo ongahle uzifumane. Qwalasela amanye amagama ongahle ungawaqondisisi kakuhle ze uthabathe nezinye incwadi eziluncedo ukhangele kuzo, lonto iyakunceda ekubeni uqhubekele phambili nokufunda, nokuthi uncedisane nabanye abafundi.

Qwalasela amagama aqononondisayo punctuation ulandela amazwi awasebenzisile ekwakheni intetho. Hai ilizwi, kodwa amazwi, anolungelelwano ebunyeni. Ukunyanzela inkcazo ngamazwi angahambisani nayo, isiphumo kukuba kuphithizeleke intetho namazwi ombhalintetho ingahambisani nengcinga yakhe, nenjongo zonke ezonto zimoshwe kukunyanzela intetho ekanti inkcazo inxamnye nenkcazo eyenziweyo. Kumele ukuba siqwalasele ixesha umbhali abhala ngalo kwanenjongo yakhe ukuze singayiphethuli intetho nengcinga, nangu umzekelo. Amazwi afana nezitina zokwakha kunye namacance ekanti ulwimi, luyiyonanto ewombise indlu ukuze ingabonakali iyinkunkuma nje engenamsebenzi. Oko kucingwa ngumbhali kubonakala emazwini akhe awathethayo lonto siyibona ngenxa yolwimi oluthethayo. Amazwi akhe okwakha siwabona entweni ayithethayo.

Khangela ingcinga zakhe, okanye umbono awubonayo engcingeni yakhe. Gcina iingcinga zakhe ngaphakathi kwefesitile yena uzokuvulelangentetho yakhe nangohlobo acinga ngalo.

Enye yeendlela ezilunge kakhulu kukufundisisa nayiphina incwadi kodwa ekufundeni kwakho uyahlule wenze ii outline de ubhale ngokushwa kadela usenzela into yokuba uze uyifumane kakhuhle into ayithethayo.

Emva koko qhubeka nokulinga uzenzela i outline yakho ukhulise apho kumele ukhulise khona kodwa zonke ezonzame wenzela ukuba kungaiahleki nalinye igamana lombhali nenjongo konke kwenzeke njengoba ecinga.

IBhaibhili mayitolikwe kwayiBhaibhili. Ingcinga yakho mayihkaziyeke kuthi ilizwi nelizwi uligcine njengoko lisetyenzisiwe eBhaibhilini, uqwalasele umahluko ezahlukweni ezohlukeneyo, futhi ungalindeli ukuba ilizwi into enye ngalo lonke ixesha. Yongeza engcingeni yakho esinye isahluko ngesisnye, kodwa ulumkele ukuba unganyanzeli ukuba intetho itsho lento ofuna ukuba iyixele wena, kodwa mayixele lento exelwa ngumbhali hal wena. Vuma ukuba nasiphina isahiluko sithethe lento siyithethayo, ukuze. kuthi nezethu iingcinga zikwazi ukulandela leyongongoma.

Qhubeka nomsebenzi, ukhule, wandise inyaniso nolwazi olugqibeleleyo

No comments: