Tuesday, April 29, 2008

IMITHETHO ELISHUMI YOKUPHILA

0075 - Xhosa

IMPILO ENENKQUBELA EBUKRESTWINI

Don DeWelt

UMTHETHO WOKUQALA:

Yazi ukuba impilo enenkqubela ebuKrestwini ixhomekeke ekuzimiseleni komkrestu ukuba yonke intliziyo yakhe ayibeke emzameni wokuphila impilo yobuKrestu.

KwabaseFilipi 3:13_14. _ "Bazalwana, mna andimbaleli ekuthini ndigangile ke ndenza ntonye; ndithi ndizibala izinto ezisemva, ndisoluleia kweziphambili ndiphuthume ngokuxunele umvuzo wobizo luka Thixo kuYesu Kristu."

KwabaseFilipi 2:12b_13. _ "Lusebenzeni nilufeze olwenu usindiso, ninikuzoyikela; ninga nenjenjalo xa ndikhoyo kodwa, makube kukhona nenjenjalo xa ndingekhoyo, kuba uThixo okusebenzayo ngaphakathi kwenu ukuthanda oko, kwanokusebenza oko, ngenxa yenkoletlo yenu.

UMTHETHO WESIBlNI:

Lifunde Ngendlela Ibhayibhili.

A. Yenze lento njalo ngamaxa athize uzibekele ixesha ngosuku, (Ngakumbi kusasa lixesha elibhetele kakhulu).

B. IBhayibhili ifundeka kakuhle ngalendlela elandelayo:

1. Indlela Yokufunda Incwadi _Xa usukuba ufunda ngokwenyani funda incwadi uyigqibe nganye. (Makesithi mhlawumbe uqala ngencwadi yeZenzo okanye ka Yohane).

2. Indlels Yengongoma Encwadini. _ Lonto ithetha ukufunda iBhayibhile njengoko kukho ingongoma ezohlukeneyo; njengezi, uthando, ukholo, idini, okanye ibandla. Ziluncedo olukhulu incwadi zengongoma okanye iikhonkodensi xa usuba ufunda ngoluhlobo sixela ngalo.

3. Indlela Yombhali. _ Umbhali wonyula wasebenzisa iikonkodensi enzela ukuba uncedeke xenikweni ufunda nokuba ufumane iindawo ezithize eBhayibhiiini njengoko yena esoloko ecacisa. I_Cross Reference Bible ilunge kakhulu kwaye inoncedo xa ufunda. Xa usebenzisa enye yazo kufuneka ukuba ugcine engqondweni yakho ukuba zonke ezizinto uzifundayo kumele kubekho inxaxheba ethize nawe ezohlala isisNkhumbuzo semfundo YAKHO EBOMlNI BAKHO BUQU.

C. Xa ufunda iBhayNbhili kumele ukuba ube nale~ kwa nempendulu ngokunjalo.

1. Ngubani othethayo?

2. Uthetha nabani?

3. Yintoni na injongo yakhe?

4. Ngaliphina ixesha?

5. Ngaphantsi kwayiphina imeko?

UMTHETHO WESITHATU:

Uthahdazo wemihla ngemihla.

KwabaseFilipi 4:6. - "Ningaxhaleli nto; mazithi ingcelo zeni ezintweni zonke, ngakho, ukuthandaza nokukhunga, ndawonye nokubulela, zaziswe kuye uThixo, olugqithisele kukho konke ukuqonda, luyakuzigcina iintliziyo zenu neengqiqo zenu kuKristu Yesu."

A. Umthandazo NGEXESHA NESIZATHU ESIFANELEYO NJALO NGEMINI. Kungaba ngamaxesha ambalwa ngemini, kodwa ananini na xa kufanelekile kodwa kumele ukuba uqiniseka ukuba likhona ixesha elisisigxina, lokaba uthandaze, apo ke ekuthandazeni kwakho ujonge ukuba kungabikho nto ekuphazamisayo. Kanti nokuthandaza niliqela kulungile kuba nifumana ixesha elilungileyo ekufundeni rtgamxhelo mnye iBhayibhili.

B. Yenza umtriadazo waKho UCACE. Uthandazele izizathu okanye injongo ebonakalayo. UPawulos wawathandazela amaKrestu aseRoma xa ethandazela ibandla IikaKrestu eliseRoma. Funda kwabaseRoma 1:9. Thandazela yonke into, xa usosizini nakuba wonwabile; khumbula uThixo ukuba uyazazi zonke izikhalazo zakho futhi ulindele ukuba akuncede ngakho konke apha ebomini bakho. "Liphoseni lonke ixhala lenu phezu kwakhe yena uyanikhathalela".

C. Thandaza UNENTOBEKHO NOKOYIKA KONKE intando kaThïxo uthi mayi tyhileke. Ade athi ke uThixo akuyityhila kuwe intando yakhe ngoko ke usondele ungenakoyika esihlalweni sakhe senceba ume phezu kwamadinga akhe omele ukuba uwamkele, kodwa xa ngabe intando kaThixo ayikaTyhileki apha kuye thandazela ukubauzinikele kuye yena ogweba ngobulungisa, utharidaze uthi "intando yakho mayenziwe" kodwa ube nengcinga yokuyamkela intando yakhe njengoko seyityhiliwe. nakuwe.

Ukuthandaza kufana nokuphefumla kumKrestu ngoko ningakuyeki ukuphefumla. KwabaseKolose 4:2-6.

UMTHETHO WESINE:

Zama Ngamandla akho ephels ukuzuza imiphefumlo uyizuzela uKristu.

A. UYesu wathi WONKE UMKRESTU ufanele ukuba abe "LUKHANYISO LWEHLABATHI". Mateyu 5:14. Olukhanyiso okuméle ukuba sibe lulo imfundiso kaYesu Kristu nezenzo zakhe. Kususela ukholo lusiza ngokuva, ukrlva ilizwi IikaKristu". KwabaseRoma 10:17.

ABANYE ABASOZE BAKHOLWE FUTHI ABASOZE BAGUQUKE DESKE UTHI WENA ULlHAMBISE KUBO ILIZWI LIKAKrestu. Lonto akusiwona umsebenzí womshumayeli yedwa. UKRISTU NAWE UKUTHWESE UMTHWÁLO WOKUBA UBE LUKHANYISO LWEHLABATHI NGALENDLELA.

B. Wathi uYesu WONKE UMKRISTU uyityuwa yehlabathi. Mateyu 5:13. Ngoko ke ityuwa yokomoya iyalihlangula ihlabathi ukuba lingatshabalali, ke ityuwa elo yimfundíso kaYesu. Leyomfundiso kufuneka ukuba iqhutywe NGABALANDELI BAKHE. Wathi NINA niyityuwa yehlabathi; Thina sinayo imfundiso kaKrestu kufanele ukuba nathi siyigqitsele nakwaabanyeukuze lababantu bangabe besatshabafala; NAWE UKRESTU UKUNIKILE UMSEBENZIWAKNF WOKUBA YITYUWA YEi-ILABATHI NGALENDLELA.

C. Ebandleni Lomnqophiso Omtsha WONKE UMKRISTU WABE ENGUMSHUMAYELI WELIZWI. Izenzo 8:4. "Bonake ngoko ababeziintsali, batyhutyha ilizwe beshumayela iindaba ezilungíleyo zelizwi. (Lawoke ngamaKrestu ebandla IaseJerusalema ahamba ZONKI INDAWO BESHUMAYELA ILIZWI". Xa siznlandela indlela yeBhayibhili, ngoko .WONKE UMKRISTU UNETYALA OKUTHOBELA IJMZEKELO WABAPOSTILE NGOKUSHUMAYELA ILIZWI. Akutsho ukuthi bonke babeshumayela esidlangalaleni, kodwa balíbona ityala lokusilela ekubeni bazuze imiphefumlo BEYIZUZELA KUKRESTU.

"UKristu akanazandla kodwa thina sizízandia zakhe zokwenza umsebenzi wakhe namhlanje: Akanazo iinyawo Thina sizizinyawo Zakhe zokukhokelela abantu endleleni Yakhe: Akanalo ulwimi thina silulwimi Lwakhe lokuxelela abantu ukuthi wafa kanjani uKrestu: Akanalo uncedo ngokwakhe kodwa thina singabancedisi bakhe bokubuyisa abantu beze kuye."

UMTHETHO WESIHLANU:

Zinxweme kubahlobo Abakhoivakeieyo.

A. Xa umKristu efuna ukuba ahambisane nabahlobo abakhohlakeleyo ilizwi IikaThixo linyanisile xa lisithi; lncoko embi yonakalisa izimilo ezilungileyo. 1 Korinte 15:33.

B. Kodwa xa uthanda ukusikeleleka kuThixo njengomKrestu "ochwayithile" "Ungahambi ngecebo labangendawo, ungeni endleleni yaboni, ungahlali embuthweni wabagxeki." lindumiso 1:1.

C. Lonto ayitfïethi ukuba sizerize "ngcwele kunaloku esiyikho'` kubantu kodwa kufanele babone izimilo zethusohlukile kwezabo bona abasehlabathini, kodwa okwethu ukuthetha, ukwenza, kwanokucinga kufaneleke emkrestwini ozinikeleyo kuThixo. Ngenxa yalonto bayobonakala bohlwayeka bazilahle izono zabo beze kuMsindisi, okanye bavele bafune ukohlukana nathi nobuhlobo kuthi nabo buphele ngenxa yezimilo sethu ezingqina inguquko. Funda mgolu nakelela kwiileta KwabaseRoma 12:1-2 kunye ne 2 Korinte 6:14-17.

Balumkele abahlobo bakho xa bekuphazamisa Ekuthandazeni.

UMTHETHO WESITHANDATHU:

Thembeka Kuzo Zonke linkonzo zeBandla.

A. Khumbula ukuthi ZONKE IINKONZO ZEBANDLA ZENZIWE NGENJONGO YOKUBA ZINCEDE WENA. Kuvakaliswa ilizwi, kuculwe amaculo, Kwenziwe iSidlo seNkosi, kubekho ubudlelwane, zonke ezozinto zenzelwe WENA OHA: Ke ukuba uthe wahilizela ukuza enkonzweni uyenzakalisile injongo yebandla ekuhlanganeni.

B. Khumbula ukuthi UTHIXO UYASIVUSELELA ELIZWINI LAKHE "NINGAKUHILIZELI UKUHLANGANA". Ke ukuhilizela ukuhunganisaria nebandla kungukunga thobeli ilizwi IikaThixo elikumaHebhere 10:25.

C. Khumbula ukuthi UKUPHOSWA SISIDLO SENKOSI NGABOMI KUSENZA UKUBA SIBE BUTHATHAKA DESKE KUTHI ISIPHUMO SALONTO KUBE KUKUFA EMOYENI. 1 Korinte 11:30. Yohane 6:53-58. Ukuuhilizela iSidlo seNkosi kungu kungathobe liimizekelo yabapostile (Izenzo 20:7; Izenzo 2:42). Nokungathobeli umthetho oyalelwe nguKristu. Luka 22:19.

Asikwazi ukuba sithi siyamthanda uKristu kodwa sihilizele ukuba ngumtshakazi kuye olibandla lakhe. KwabaseEfese 5:25.

ETHO VlTESIXHENXE:

Thobela Icebo LikaThixo Lokunikela.

A. Izushumi zilicebo likaThixo ukuze kuxhaseke umsebenzi Wakhe njengoko kutshiwo kuma 1 Korinte 9:13-14. "Anazi na ukuba abo bazisebenzayo izinto ezingcwele bandla okwetepite, abo bahlala behleli asibingelelweni bahlulelana nesibingelelo eso? Ngokunjalo neNkosi yabamisela abazazisayo iindaba ezilungileyo, ukuba baphile ngeendaba ezilungileyo ezi." (Apha kuthethwa ngababibgeleli beTestamente Elidala ababelungiselela etempelini ngaphambi kwesibingelelo; UPawlós uthi BANENXHAXHEBA YABO ngenxa yomsebenzi wabo, kanti leyonxaxheba ivela kubantu ZIZISHUMI NEMIRUMOl. Ngoku uPawulos usingise kubalungiseleli beendaba ezilungileyo Abafundisi xa esithi, "Ngokunjalo lokanye ngaleyondlela) iNkosi imisile (okanye imise umthetho) wokuthi abo bazivakalisayo iindaba ezilungileyo baphile kwangazo iindaba ezilungileyo ezi."

B. Uabrahama wahlawula isishumi sakhe kuMelkizedeki ngo 1900 B.C. NGAPHAMBI kikuba kunikezelwe umthethetho. Uyakobhi yena wanikela esakhe isishumi kuThixo ngo 1800 B.C. NGAPHAMBI kokuba kunikezelwe umthetho okutsho ukuthi uYakobi wanikelo ngesishumi kusasele 300 weminyaka NGAPHAMBI kokuba kumiswe umthetho: uAbhrama yena kwakusasele iminyaka eyi 400 NGAPHAMBI kokuba kunikezelwe umthetho. Ngenxa yoko siyabona ukuba kungummiselo kaThixo ehlabathini liphela ukuba izishumi zinikelwe kwaye ngumthetho ofunwa ukwamukelwa nangubanina, kuba wona awuzange ubethelelwe emnqamlezweni xa kubethelelwa umthetho. Kuba wona umthetho lowo wabe unikezelwe kubantwana bakwa Sirayeli kuphela. Genesis 14:20; amaHebhere 7:1-10; Genesis 28:22.

C. UYesu wawuphakamisa gqitha umgangatho weTestamente Endala. Khange awuthobe nanini na lomgangatho. Mateyu 5:21-22; Mateyu 5:43-44; Mateyu 5:20. Ngenxa yoko UBUNCINANE BETHU EKUNIKELENI SISISHUMI.

Asifumani ngxelo ngomKristu owakewanikela nobomi bakhe ebunikele eNkosini enikelá izishumi zakhe kuThixo kodwa wehluleka kukuhlawula onke amatyala akhe, uThixo wenza ukuba zonke iintswelo zethu zihlawuleke ngenxa yokunikela kuye ngezishumi.

UMTHETHO SESIBHOZO:

Hlaziya izinto ozifumeneyo ezirigezakho apha ebuKresteini bakho.

AKU CINGE NJE:


A. UThixo ukuthanda nyhani, kuba wathi wena useli athalala wathuma uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo ekuba uvuyo. KwabaseRoma 5:6-8.

B. Zonke izono zakho selezixolelwe. Ngakube intiziyo yam ivuya njani inovuyo "olungathethekiyo" xa sicinga ngalenyaniso.

C. Ngoku unoKristu ongumthetheleli wakho kuYise; ngengomthetheli owakuxolela izono zakho ngohuguquka nokuthandaza.

D. Ngoku unesibabalo sesipho sakho esiphuma kuThixo uMoya oyiNgcwele ohlala ngaphathi kwentliziyo yakho uzalise ubomi bakho ngamandla.

E. Ngoku ulilungu lomzimba kaKrestu iBandla Lakhe unabazalwane bakho nodade abangama waka-waka kuKristu abavuyisana nawe balile kunve nawe ukuze nomelezane omnve nomnye.


UmKristo utyebe ngaphezu kwento zonke ezibalwayo ehlabathini.

UMTHETHO WETHOBA:

Ungatyhafi Uphele Amandla.

A. Khumbula umsebenzi wakho. Umsebenzi wakho ormkhulu ehlabatini liphela kukusindisa imiphefulo yonke uYesu ayifelayo.

B. Khumbula "ubhasi" wakho, onguYesu Krestu iNkosi; Ngaye uThixo usinika ngesisa konke, zonk izinto. KwabaseRoma 8:34. Ungamandla ethu sakutyhafa, xa siswele ubulumkosibucela kuye obanika bonke engenakumbi. Yakobhi 1:5.

C. Khumbula umvuzo wakho. Umvuzo wokwethembeka emsebenzini wobuKristu wokuzuza imiphefumlo elahlekiyo kuKristu futhi sinesiqinisekiso sokungena ezulwini.

D. Khumbula ummangaleli wakho umtyholi. Usathane usoloko elumkile efuna abo angahle abawulukuhle kubantwana bakaThixo. Yinye qha indlela yokumoyisa kukuthandaza, nokufunda iBhayibhili, nokungqina. Sondela kufuphi noThixo usathane ozokubalekela.

Singatyhafa njani nje xa sicinga indlela uYesu snga ngathi?

UMTHETHO WESHUMI:

Qondisisa kakuhle Ngobomi si-buphilayo.

A. UThixo ubuqwalasela obubomi njengobapharnbukeli, nobasenzini. Genesis 47:9; 1 Petros 2:11; Hebhere 11:13. Ngalamazwi kuyacaca ukuba "Sizindwendwe" lomhlaba akusiwona owethu, thina sisendleleni ejonge engunaphakadeni. Ngenxa yoko kumele. ukuba zonke izinto esinazo zibe nexabiso elincinci eentliziyweni zethu nakuba abanye becinga ngazo bazibone zinkulu zithandeka.

B. UThixo uthanda ukuba nakuba ngubanina ophilayo apha ehlabathini usendaweni yokuba acingele umoya wakhe ukuba uyolichithela kwenye indawo ingunapakade lakhe kungenzeka kube semazulwini, okanye esihogweni. Konke kuxhomekeke ekuthini wenze ntoni ngoYesu ebomini bakho. Yohane 14:6; Yohane 3:36; Marko 16:16. Ukuthi wenze ntoni ngoYesu ngumthwalo wakho lowo. Funda ku Hezekile 3:16-21 ne Izenzo 8:4.

C. Uthixo uyathanda ukuba wazi ukuthi ubomi bakho bunjengomphunga. IYakobhi 4:14, nanjengethunzi Intshumayeli 6:12). Kufuneka ukuba sizikhumbuze thina abasadla ubomi namhlanje ukuba asiyuphinde silifumane elinye ixesha lokuba simamkele uKrestu Namhlanje lilonalanga elihle lokumamkela sifumane intsindiso. Ngakube unalo na uthando lokusizela abaya balahlekileyo besemekweni yokuba batshabalale xa besifa bengenaye uMsindisi, ubaxelele ukuba uYesu uyasindisa?

"Yinye qha impilo ekhoya ngoku okwesibini kukudlula apha; ke eyona nto inkulu kukuba oko ukwenzileyo kuKrestu kohlala ngunaphakade."

No comments: