Tuesday, April 29, 2008

ILIZWI LIKATHIXO LIXELELA AMAKHOLWA

0124 - Xhosa

UKUBA ANGAZIKHUSELA NJANI UKUZE ANGAKREQI

Ngu: George L. Faull

Ininzi lethu liyabaqondisisa kakuhle abo bake bazibiza ngegama li kaKrestu, kwabuye kwathi emveni kwexesha babuye baphindela kwaseendleleni zabo ezindala apo babevela khona. UMtyholi akafanga. Usoloko esidla ubomi, kwaye ukhuthele ukuba abawulukuhle abantu ngeemfundiso zakhe zelahlekiso, ebathembisa ngeziyolo, aze abaxelele ukuba bahgaxhali ngobomi babuphilayo ngoku mabonwabe njengoko ixesha lisabavumela. Mhlawumbi nathi selesinamava noko sesinako ukuba sizithi gubucala ezizinto sizaziyo ukuba zichasene nomthetho kaThixo. Singakwenza njani oku! Ukucinga nzulu malunga nalento yokukreqa ingasinceda kakhulu ekubeni sibambelele eNkosini uYesu.

Inyaniso

Ke ucinge. ngeenyaniso malunga nokukreqa. Ayinzimanga lento inyaniso yayo siyibona xa siqwalasela abo basingqongileyo aselebabuyela emva ngenxa yoko kumele ukuba siyibone inyani yokuthi ikho lento ingukukreqa! Ngokucacileyo, siyabona ukuba ukukreqa akusonto isenzeka nje, kodwa isenzeka kube ngathi yintwana eqhelekileyo. Abantu bakaThixo bayaxelelwa kusithiwa, "Kodwa zigcine, uwugcine umphefumlo wakho kunene, hleze uzilibale izinto azibonileyo amehlo akho; hleze zimke entliziyweni yakho yonke imihla yokuphila kwakho." (Duteronomi 4-9).

iyaphelela sisongo sayo. Kwanembewu iyakwazi ukuba iminxane nameva. Umntu unako ukubeka isandla ekhubeni abuye ajonge ngasemva. Umntu unako ukubhodlokelwa ngumkhombe wokholo. UPawulosi wathi bambi selebabuyela emva kuSathana. Ukuthanda imali kungamenza umntu ukuba enze impazamo malunga nenkolo. Akho amadoda afana noDemas athanda eliphakade. Kuyimfuneko ukuba silumke kunene, hleze ubukrakra beentliziyo sethu benze into yokuba simbaleke uThixo. Singabanzima, kanti siqaqadekiswa sisono esiwulukuhla abantu kwakudala. Kumele ukuba soyike hleze sisalele edingeni esalithenjiswayo, lokuphumla.

Ingcambu yenkohlakalo ingatsibatsiba iphakame igqibele ngokuba isi dyobhe kwanathi. Sibonakale sesihamba kunye nabangakholwa, deske kuthi isiphelo sethu sibe simbi kunesiqalo. Sinakho ukumka kuThixo ngenxa yo kungayithobeli imiyalo yakhe. Sinako ukophula umthetho wakhe ngenxa yo kungahlali eemfundisweni zakhe. Nangokuhilizela uthando lokuqala. Kunokwenzeka ukuba sibuye sibuyele odakeni njengehagu elibuye lizibhixe ngodaka. Onke lamazwi siwathabathe khona ezibhalweni. Xa umntu ekhanyela lenyaniso esithi hai akukho mntu onokukholwa abuye akreqe lowomntu okhanyela oko usenziwa kukungazi. "Ngoko ke lowo uba umi, makalumke angawi." (I Korite 10:12).

Imbangi

Cingisisa ngonobangela wokukreqa. Xenikweni uThixo ekubabale ngezinto ezininzi kwazona zinako ukukwenza kuba umlibale. Wawaxelela amaSirayeli esithi, "Hleze uthi wakudla, uhluthe izindlu ezintle uhlale kuzo; zande iinkomo zakho, nempahla yakho emfutshane, yande kuwe isilivere negolide, yande yonke into onayo: isuke iphakame intliziyo yako umlibale uYehova uThixo wakho." (Duteronomi 8:12-14).

Xa kukho wumbi mhlawumbi onamathamsanqa, nakuye kulula amlibale acinge ukuba ezizinto uzifumanele yena ngokwakhe bese emlibala uThixo. Njengo Yeshurumi "Watyeba wakhaba wamlahla uThixo owamenzayo. (Duteronomi 32:15). Kwano Yesu wafundisa esithi, "Nangenxa yokwanda kokuchasa umthetho luyakuphola uthando kwabaninzi." (Mateyu 24:12). Wayesoloko efundisa nangezinto ezininzi esithi singaxhaleli kakbulu ubutyebi behlabathi kuba abanye ngenxa yobutyebi bayolahleka endleleni elungileyo. Kufana, neentshutshiso, nobuhlwempu ezizintobagqibele ngokuba bakreqe. Kufana nokubuyela ezintweni esizithandayo - njengabantu, i-zindawo zethu, izihlalo, amafazonke ezo zinako ukusenza ukuba sibonakale sesibuyela emva. Khumbula umka Loti.

Bambi bayayikhanyela lenyaniso enxulumene nezomoya, bazenyulele isonka senyama, deske kuthi isiphumo bakreqe kuYesu. (Yohane. 6:66). Ukuthanda imali, ikratyi, nokuzazisa, ukuziqhayisa, ukuzethemba, nokwenza ukuzithandela, bambi baphela amandla xa begxekwa bagqibele ngokukreqa. Bambi bakhubeke ngenxa yezimilo zabanye abangamaKrestu abahamba kakubi. Bambi, basingela phantsi abanye abangamaKrestu. Bambi bawela esandleni sengqumbo kaThixo. Imikhwa, iziyolo, abahlobo, izihlalo, nokuzicingela kukhokelela ekumlahleni uThixo.

Akukhonto ekhohlakele ngokwayo, ngendlela yokuba ingaze isiwisele esonweni sokukreqa side siye entshabalalweni. Omnye angayongcwaba uYise. Wumbi abe nomdla ngempahla yakhe emfutshane. Wumbi athande ukuzonwabisa nomfazi wakhe. Zonke ezozinto zilungile. Kodwa ziqala ukuba sisono xa sebelibala zizo bengasamniki ithuba lokumnqula uThixo. Kwaye umntu unakho ukukreqa ngenxa yezizinto. Deske umntu alahlekelwe nayinzuzo enkulu uKrestu amgcinele yona ngonaphakade.

Indlela ethe tye encinane. "Kumele ukuba nikhuthalele ukulwenza luqine ubizo nonyulo lwenu; kuba nakuzenza ezizinto anisayi kukhubeka." (2 Petros 1:10). Ngakube uphila impiloezogqibela ngokuba ikukregise na?
Isifo

Lumkela isifo sokukreqa. Xa umntu ezokreqa uqalisa ngokungabuleli, aziqhayise, Kancinci, kancinci, desks isiphumo sibonakale. Into yokuqala umntu enstyhilayo, kukuba aqalise ukucikidana nempazamo zabanye, deske kuthi isiphumo salonto kube kukuthelekisa isono sakhe nesamanye amaKrestu, emva koko uzombona eselenezi krokro ngeento zonke ebandleni.

Bambi baqhele ukuthi xa bezokwenza isono basithelekise nesono somnye. Kanti kona okuchasene nomthetho kusisono. Nayiphina into esiyenzayo isisono. Bambi bathi hai mna esi sami isono sincinci, noko asisimbi kangako. Siqalise isazela sakhe ukwenzakala. Bambi babeka izizathu noko, bethi hai xa wenza isono esincinci noko akukho tyala, kuba izibhalo zithi, akukho bani olilungisa. Ngokukhauleza emva koko uzobona lomntu engasahambi kakuhle ezinye iinkonzo zimphose. Kodwa lomntu akukhonto angayazlyo, wazi njengoko kufanele ukuba azi. Xa engumshumayeli aqalise ukujikajika. Esithi hai umfundisi akandiboni. Bambi bamchukumise. Nakuba usoloko esiya nje eemfundisweni noko ungena nje aphume esoloko enjalo. Evakale esithi kukho bambi bamthiyileyo apha enkonzweni. Ekugqibeleni avele athi hai suka, mna ndizokuyiyeka lenkonzo kuba ekabani etsho ebiza inkokeli ngegama esithi libandla lika Jon'e eli. Aqalise ukwenza imbuzwana engacacanga ehambisana nesono sakhe, okanye ichukumisa isimilo sakhe. Nakuba eselexelelwa sobe umbone eguquka, nakuba ngakube isono sakhe sesityhileke kanjanina noko avele anyamezele angaguquki esonweni sakhe. Okokugqibela uzombona ngokungezi enkonzweni ngoku, uthi wakuqwalasela ubone ukuba ininzi labantu avana naba ngoku ngabantu abangakholwayo.

Zilumkele nawe mhlawumbi usuqalile ukuthelekisa izono zakho nezabanye. Zilumkele mhlawumbi awusonwabi xa amaKrestu encokola ngezibhalo. Hleze awufuni kwakuhambisana nabantu bakaThixo. Xa ngabe iintswelo zamanye amaKrestu azikuchukumisi wena qalisa ukuthandaza kuba uzobonakala. Unomsindo xa kuthethwa ngabo. Xa ungakwazi ukuba lijoni likaKrestu, woyika ukuhlekwa, okanye uneentloni ngenxa yokholo lwakho lumkela ilambuelibomvu liyakhanyikhanyisa duze nawe. Xa ungasathandi ukuthandaza lumkela ingozi enkulu okuyo. Xenikweni amaKrestu angabahlobo bakho ayakucunula xa encokola ngezibhalo qiniseka ukuba sewusengozini. Xa uzibona ulilungisa kungekho sono apha kuwe, bona ukuba ukholo uyalukhanyela. Isiphelo sakho sizakuba sibi ngaphezu kwesiqalo ungakamqondi uKrestu. Ngakube ezizifo uyazibona?

Isiphumo

Jonga nasi isiphumo somkreqi. Mininzi gqitha imphumela, isiphumo sokuqala umkreqi uyaphelelwa ngamandla okuthandaza. Azive ephelelwa ngamandla, Agqibele ngokuyeka ukuthandaza, ngale kokuba xa kubulelwa ukutya. Isono siyahlula umntu nobudlelwano bakhe noThixo. Kodwa iNkosi isoloko ithembisa isithi; abo balahlekayo eNkosini izakubabu yisa; "Ubulungisa belungisa abuyi kulihlangula, ngemini yokreqo lwalo." (Hezekile 33:21-28).

Ze ulumkele ukuba lawo mademonoi uKrestu awgkhupha apha kuwe angabuyi ese lehamba namanye asisixhenxe deske kuthi isiphelo sakho sibe sibi kunesiqa lo (Luka 11:21-26). Xa simkhanyela thina naye uyakusikhanyela. UThixo akayi kusisikelela xa sibaleka kuye. (2 Kronike 24:20).

Yintonina engasiphosa xa sikreqa kuThixo? Sizophoswa luvuyo lwesazela esilungileyo, uxolo olugqitha ukuqonda, ithemba lokuhlanjululwa. Asinako okungena eZulwini. Kodwa ingqumbo kaThixo ihleli phezu kwethu. UMoyaoyiNgcwele uva ubuhlungu apha ebomini bethu, deske singabi naye uMonwabisi ohlala esoloko ekhona ngamaxesha onke. Sizophoswa kukungenaeZulwini. Ubunye bethu noKrestu, nothando lobuKrestu, novuyo lokubonana noYesu.

Abakreqi bayakufakwa edikeni lomlilo esihogweni apho amaxoki nabenza okuchasene nomthetho bekho. Xa singahlali kuye amagama ethu ayakususwa eencwadini zobomi apho iXhwane lika Thixo likhona. Sisihogo qha esizo lindela thina. Sizohlulwa ebomini buka Thixo obungunaphakade. Ngakube ukukreqa kunaxabiso linina?

Iyeza

Ake ucinge ngeyeza lokunceda abakreqi. Linye qha iyeza bubuhlungu obungobukaThixo obutebenza inguquko esingisa elusindisweni. Ukumvuma uThixo ebuhleni bungenza ukuba umntu aphile emoyeni owonakeleyo. Akukonto engasusa inguquko. Nendawo yesivumo, nentliziyo ebulelayo ngenza yoko iziqhamo zobulungisa zimenze umntu acinge nzulu ngoThixo nangenceba zakhe zonke ezozinto ziyambuyisa umkreqi endleleni yakhe.

Xa evuma ukuba uThixo amxolele aze enze okulungileyo uzakubuya ekukreqeni kwakhe.

Ukuthandaza nokuzila izono kwenza okokuba umntu azilahle zonke izindlela ezigoso. Ukubuyiswa nokuxolelwa ku ungile kuba ngale kwaloko izono zomntu zingahltla zingaxolelwanga. Ukucela, ukuba uthandaziswe ngabazalwane kulungile. Ukuqonda-ngesonosakho, deske usithiye isono kwanokwenza izinto ezimbi kulungile enguqukweni yokwenene. Iingcinga yomntu ngamnye yokukucinga ngeentlungu ezlkuKrestu nakubantu bakhe ngenxa yakhe ziyamnceda iNkosi ibuye ibe nenceba ngaye. Ake ucinge ngoKrestu nezithunywa zezulu bevuya ngenxa yokuguquka kwesoni ebesesikreqile endleleni.

Ubuze bokuzicingela, izihlalo, nokuzukiswa, kumele ukuba umnyu abubone ngokucacileyo. Umkreqi, ufane nqwa, nonyana wolahleko, owathi akuzibona ukuba akasafanelanga ukuba angabizwa ngonyana. Wazimisela ukuba asebenze njengomnye nje wabaqeshwa kuYise. Wasibona isono sakhexsa nokuphula kwakhe umthetho kaYise. Yiyi lengcinga eyabe ikunyana wolahleko ngexesha ebuyela ekhaya. Wayetya kunye neehagu; ngoku utyiswa ithole elona lityetyisiweyo. Wayesemdaka; ngoku umbathiswa ingubo eyona intle kakhulu. Wayelahliwe; ngoku useleyamkelwa ngovuyo. Kawuthandina ukuvuma izono zakho khona ke uThixo ezakuxolela zona?

Okokugqibela

"Ke bona bathe gu bucala ngendlela zabo ezimagosogoso, UYehova makabemkise, kunye nabasebenzi bobutshinga." (Iindumiso 125:5). Nakanye akukho bani ofuna ukubuyela endleleni elungileyo. (AmaHebhere 6:4; 10:39).

"Utsho uYehova, Yimani ezindleleni, nikhangele, nibuze umendo ongunaphakade ukuba yiyiphi indlela na yokulungileyo, nihlambe ngayo; noyifumanela ukuphumla imiphefumlo yenu." (Yeremiya 6:16). Ndiyakuphilisa ubugwenxe babo. Ndiyakubathanda ngesisa; ngokuba umsindo wam ubuyile kuye." (Hoseya 14:4). "Buyelani kum, ndibuye1e kuni. (Malakhi 3:7).

UPetros wamxelela uSimini umnyangi esithi, "Guquka ngoko kobo bubi bakho, ukhunge kuThixo ingathi mhlawumbi ixolelwe ingeingane yentliziyo yakho. Kuba ndiyabona ukuba usenyongweni yobukrakra, nasentanjeni yentswelabulungisa." (Izenzo 8:22,23). "Uthembekile uThixo ulingisa, ukuba asixolele izono zethu, asihlambulele kukho konke ukungalungisi. (1 Yohane 1:9).

No comments: