Tuesday, April 29, 2008

IKHAKA LOKHOLO

0065 - Xhosa

O. Morgan

ISIFUNDO I

UTHIXO

Umbuzo l. Ungubanlna uThixo?

Imbendulo. UThixo unguMdali wamazulu nehlabathi kunye nento zonke ezikhoyo, kwanomntu wadalwa nGuye. Genesis 1 no 2.

Umbuzo 2. Unjanina uThixo?

Imbendulo. UThixo nguMoya. Yohane 4:24.

Umbuzo 3. UThixo waqala nini nkubakho?

Impendulo. UThixo akanasiqalo akanasiphelo, uhlala ekona kwaye uyoba kho kude kube semaphakadeni. iiNdumiso 90:2.

Umbuzo 4. Bangaphi nThixo?

Impendulo. Mnye abase. Efese 4:6.

Umbuzo 5. Uphina uThixo namhla?

Impendulo. Ikhaya lakhe lisemazulwini. Mateyu 6:9.

Uinbnzo 6. UThixo wazibonakalisanjanina endalweni yakhe?

Impendulo. NjengoBawo kwixesha lamanyange, njengoNyana kwexesha lamaYuda njengoMoya ONgcwele kuma-Krestu.

Umbnzo 7. Kwakuyiliphi ixesha lamanYange?

Impendulo. Ixesha lendala lisusela kwi Genesis lide liyope ngo ubizwa Kuka Abraham. Genesis 12.

Umbuzo 8. Yiliphina ixesha lamaYuda?

Impendulo. Laziwa kususela kwixesha lokubizwa kuka Abram. Genesis 12.

Umbuzo 9. Liliphina ixeseha lobu-Krestu?

Impendulo. Kususela kumhla we Pentekoste, A.D. 30. Kude kube lixesha lokubuya kuka Yesu Krestu kwesibini.

Umbuzo 10. Yaziwa ngamaphina amagama indalo kaThixo kwixesha Iamanyange?

Impendulo. Ngoo nyana baka Thixo. Genesis 6:2

Umbuzo 11. Abantwana abanyuliweyo baka Thixo babebizwa ngaliphina igama kwixesha lamanyange?

Impendulo. NgamaHebere. Genesis 40:15.

Umbuzo 12. Ngelixesha IobuKrestu sebebizwa njanina?

Impendulo. Ngama-Krestu. Izenzo 11:26

.

Umbuzo 13. Ziziphina iziganeko eentathu ezehlayo kwixesha ngalinyephakathi kwalamaxesha amathathu agqithileyo?

Impendulo. Ekuqalekeni - kukuwa komntu esonweni, okwesibini - ukufika kuka Krestu, ezosindisa uMntu, Okwesithathu Intsindiso yokugqibela.

Umbuzo 14. Kwakuyintonina injongo kaThixo ekuzityileni kwakhe kwindaloyakhe?

Impendulo. Ekaqalekeni wayenjengo Bawo, ebakhathalela, okwesibini, njengo Nyana ebasindisa; okwesithathu, njengo Moya Oongcwele ebakhokhela.

Umbuzo 15. Ungubanina uMoya Ongcwele?

Impendulo. UMoya Ongcwele ubizwa ngokuba ngu Mthuthuzeli. Yohane 15:26; 16:7. Kwaye uSisipho esisifumana mhla sibhaptizeshwayo. Izenzo 2:38.

ISIFUNDO II

IBHAIBHELI

Umbuzo l. Yintoni ikrele loMoya?

Impendulo. Yilizwi LikaThixo. Abase Efese 6:17.

Umbuzo 2. Ngakube kufanelekile na nkuba umntu afundisise IBhaibheli?

Impendulo. Ewe. Funda. II Timoti 2:15.

Umbuzo 3. Zingaphi lincwadi zeBhaibheli?

Impendula. Zingu 66.

Umbuzo 4. Lahlulwe kangaphi iBhaibheli?

Impendulo. Kabini.

Umbuzo 5. Zibizwa ngamaphi amagama?

Impendulo. Ngomnqophiso oMdala, kunye nomqophiso oMtsha. iTestamente eNdala noma Entsha.

Umbuzo 6. LaHlulwe kanjani Umnqophiso ngamnye? Impendulo. Kanye, Kwi Testamente eNdala kuko - Iincwadi zoMthetho, neeNcwadi zeMbali, nezeziBongo, kunye nesi Phofetho. NeeNgoma zama |Hebhere Kwi Testamente entsha sifumana eziezoLibo Lokuzalwa kuka-Krestu, ezeMbali, neeNcwadi zabaPostile, Kunye nesiProfeto.

Umbuzo 7. Sifumana ntoni kwi Testamente Entsha?

Impendulo. Sifumana Iindaba ezilungileyo (Ivangeli) Nokubalwa kuLibo lokuzalwa kuka Krestu, Ukuqalwa kweBandla (Izenzo 2). Iincwadi, zamaBandla malungana nobuKumkani.

Umbuzo 8. Siphila phantsi kwamuphi uMnqophiso?

Impendulo. Phantsi koMnqophiso oMtsha.

Umbuzo 9. Siphila pantsi kwamuphi Umnqopiso?

Impendulo. Iinyani zokuba siyikholwe kwane Mmiselo yokuthotyelwa, Nezilumkizo zokulumelwa, Nezethembiso zovuyo.

Umbuzo 10. Kumele ukuba senze ntoni ngeBhaibheli?

Impendulo. Silifunde, silifundisise, Silithobele bese siligqithisa kwa banye.

ISIFUNDO III

ISONO

Umbuzo l. Yintoni isono?

Impendulo. Isono kukuchasana nomthetho. I Yohane 3:4; 5:17; amaRoma 14:23; Yakobe 4:17.

Umbuzo 2. Saqaleka nini isono?

Impendulo. Isono sokuqala saqala emyezweni e Eden sisenziwa ngu Adam no Eva i Genesis 3 :1-8.

Umbuzo 3. Ngobanina abasenzayo isono?

Impendulo. Bonke asebeqonda kakuhle ukwahlukanisa okuhle nokubi. amaRoma 3:10, 23.

Umbuzo 4. Yintoni umvuzo wesono?

Impendulo. Kukufa nokwahlukaniswa no Thixo. uHezekeli 18:4; abase Kolose 1:21, abase Efese 4:18.


Umbuzo 5. Zingaphi iintlobo zesono?

Impendulo. Zimbini intlobo zesono, sisono sokwenza, nesono sokungenzi. I Yohane 1;10, I Yohane 5:18.

Umbuzo 6. Sisindiswa ajani esonweni?

Impendulo. Sisindiswa nge Gazi lika Yesu Krestu. I Yohane 1:7.

Umbuzo 7. Ngubanina oxolela iizono?

Impendulo. Akukhomntu waxolela iizono ngu Yesu qha oxolela izono zomntu.

Umbuzo 8. Ngubani osohlwaya nesono?

Impendulo. Ngu Moya Oongcwele ngeLizwi lika Yohane 16:8-l l.

Umbuzo 9. Xa sisona emva kokuba sesingamaKrestu kufuneka okokuba senze ntoni-okokuba de sixolelwe?

Impendulo. Okokuqala masisixele isono sethu ku Krestu, ngomthandazo, sicele uxolo sicele uncedo lwakhe ukuba singaphinde sone. Izenzo 8:22.

Umbuzo 10. Yintoni isohlwayo sesono?

Impendulo. Kukufa, okwesibini-kukugwetywa kokugqibela. Mateyu 25; II Petrose 2:9; Isithyilelo 21:8.

ISIFUNDO IV

INTSINDISO

Umbuzo 1. Xa umvuzo wesono kungukufa, Yintoni ubabalo lukaThixo lobomi obuphakade sisifimana njani?

Impendulo. Sisifumana ku Yesu Krestu uMsindisi wethu. Yohane 3:16; amaRoma 6:23.

Umbuzo 2. Sisindiswa njani?

Impendulo. Sisindiswa ngokubabalwa, abase Efese 2:8.

Umbuzo 3. Yintoni inkcazo yo "ababalo"?

Impendulo. Uncedo, iinto esiyifumana singayisebenzelanga, Sibabalwa ngu Thixo ukude silungisiswe ngentsindiso.

Umbizo 4. Mangaphi amacala mayelana mayelana ngentsindiso?

Impendulo. Mabini, icala likaThixo, necala lomntu, ngoku icala likaThixo ligqityiwe kuba wayekuKristu exolelanisa ihlabathi kuye (II Korinte 5:19): Icala lomntu kukuba amkele uThixo athobele iMmiselo yakhe. Marko 16:16.

Umbuzo 5. Yintoni icala lomntu ukude asindiswe?

Impendulo. Kufaneleke ukuba aphulaphule okanye athobele ilizwi lika Thixo. amaRoma 10:17.

Umbuzo 6. Yintoni eyenzeka ngokuva?

Impendulo. Ukholo.

Umbuzo 7. Ngakubeluyimfanelo ukholo?

Impendulo. Ewe. Kuma-Hebhere 11:6.

Umbuzo 8. Yintoni ukholo?

Impendulo. Ukholo kukukholosa ngezinto ezithenjiweyo, kukweyiseka bubukho bezinto ezingabonwayo. Kuma-Hebhere 11:1, Kukukholelwa kukho konke akuthethayo uThixo eencwadini zakhe ezingcwele.

Umbuzo 9. Kumele ukuba sikholwe ntoni desidibane nemeko yooSindiso?

Impendulo. Kumele ukuba sikholwe ukuba uYesu nguNyana kaThixo oPhilayo. Mateyu 16:16-18.

Umbuzo 10. Sisiphi isinyat helo silandelayo?

Impendulo. Kuki-Guquka ulahle isono kwanendlela endala yesono lonto ibizwa ngokuba kukuguquka, ethetha ukuguquka endleleni yesono uguqukele ebulungiseni. Izenzo 2:38.

Umbuzo 11. Yintoni elamdela ukuguquka?

Impendulo. Kuku-Vuma ukholo lwethu ku Yesu Krestu. Mateyu 10:32; amaRoma 10:9,10.

Umbuzo 12. Sivuma ntoni?

Impendulo. Ukholo lwethu, ku Yesu Krestu ukuba ungu Nyana kaThixo oPhilayo ngokukuvuma siyamakela ukuba unguMsindisi neNkosi yethu. Mateyu 16:16.

Umbuzo 13. Sisiphi isinyathbelo silandelayo?

Impendulo. Kumele ukuba sibhaptizwe kukho ukuxolelwa kwezono kuba sixelelwe elizwini likaThixo. Izenzo 2:38; 10:48; 22:16; amaRoma 6:3,4; amaGalati 3:27.

Umbuzo 14. Libizwa njani uBhaptizo IweTestamnte Entsha?

Impendulo. Kukufa, kukungcwatywa kunye nokuVuka, amaRoma 6:3; kukumiliselwa, amaRoma 6:5; kukuzalwa, Yohane 3:5; kunye nokuhlanjululwa; Izenzo 22:16.

Umbuzo 15. Luluphi uBbaptizo lokuKrestu?

Impendulo. Kukumbelwa kwesoni esiguqukayo Kwi gunya lika Yesu Krestu; eGameni likaYise neloNyana neloMoya Ongcwele kukho ukuxolelwa kwezono. Mateyu 28:19.

Umvuzo 16. Xa zonke ezizinto sezigqityiwe sibizwa ngaliphi iGama?

Impendulo. Nga-maKrestu. Izenzo 11:26.

ISIFUNDO V

EBANDLA

Umbuzo l. Ngobani amalunga ebandla?

Impendulo. Ngabasindisiweyo. Izenzo 2:47.

Umbuzo 2. Magama mani awanikelwa ebandleni?

Impendulo. Umzimba ka-Krestu kuma. Efese 5:23; Kolose 1:18. Ngokwelizwi lesiGreki eligama lisithi "Ekklesia" lithethe abantu ababiziweyo, Oko kuchaza ukuthi ibandla iqela labantu abaBhaptiziweyo abakholiwe baphuma ehlabathini lesono bangena ebulungiseni.

Umbuzo 3. Laqaleka nini ibandla?

Impendulo. Ngomhla we Pentekoste. Izenzo 2, ngo A.D.30.

Umbuzo 4. Ibandla libizwa ngamaphi amagama?

Impendulo. Ibandla, abase Filipu 3:6; Ibandla likaKrestu. amaRoma 16:16; Matryu 16:16; Ibandla lika Thixo. I Korinte 1:2.

Umbuzo 5. Yintoni eyenziwa IiBandla?

Impendulo. Intando ka Thixo uKrestu intloko yebandla kuma. Kolose 1:18.

Umbuzo 6. Yintoni intando ka-Krestu?

Impendulo. Kukuba bonke basindiswe ukde abafundi babemnye. Mateyu 28:18,20; Yohane 17; II Petros 3:9.

Umbuzo 7. Kubanele kubekho amabandla amangaphi?

Impendulo. Libe linye. Efese 4. Kuba mnye uKrestu okunguyena ntloko yeBandla lona lingumzimba wakhe, iintlukantlukano isisono. I Korinte 3.

Umbuzo 8. Ngubani oneGunya lokulawula ibandla?

Impendulo. NguKrestu. Mateyu 28:18.

Umbuzo 9. Kufanelekile na ukuba ibandla lidibane njalo ngempelaVeki?

Impendulo. Ewa Funda ama-Hebhere 10:19-25.

Umbuzo 10. Lidibanela ntoni ibandla?

Impendulo. Ukukhumbula iNkosi uYesu kunye hemithetho yakhe, ngokwenjenjalo kuyakuba lilandela umzekelo webandla loMnqophiso oMtsha elazingisa njalo eemfundisweni zabaPostoli nakubudlelwano, nokuqhekeza isonka nkuthandaza. Izenzo 2:42. Leyommiselo yaziwa ngokuthi nguNqulo.

Umbuzo 11. Yintoni okuyona ngongoma yiNqulo lwethu?

Impendulo. Isidlo seNkosi esise nziwa njalo ngomhla wokuqala weveki. Izenzo 20:7.

ISIFUNDO VI

ISIDLO SENKOSI

Umbuzo 1. Yimuphi imimmiselo emibini eyammiswa ngu Krestu?

Impendulo. Ubhaptiso IobuKrestu, neSidlo seNkosi, ngelinye ixa sibizwa ngokuba yiNkonzo yobudlelwano.

Umbuzo 2. Yintoni Isidlo SenKosi?

Impendulo. Yiisidlo esenziwa ngezinto ezimbini, ezibizwa ngokuthi, Isonka esingenagwele, nesiselo esinganxilisi isiqhamo soMdiliya. 1 Korinte 11:23-29.

Umbuzo 3. Ngubani owammisa esisidlo?

Impendulo. NguKrestu ngobusuku achaswa ngabo. Mateyu 26:26-30.

Umbuzo 4. Zimmele ntoni ezizinto ezimbini?

Impendulo. Isonka, simele umzimba wake oqhekezwe ngenxa yethu, Isiqhamo soMdiliya sona simele iGazi elaphalala.

Umbuzo 5. Sibaluleke njani Isidlo Senkosi?

Impendulo. Wathi uYesu ku Yohane 6:52-59. Xa umntu engadli innyama yoNyana womntu asele iGazi layo akanabo ubomi baphakade. Ubomi bethu bangunaphakade buxhomekeke kuthi ukuba siyatya, sisele esisidlo.

Umbuzo 6. Siondela nini eSidlweni Senkosi? Impendulo. Njalo xa sithe senziwa xa sifanelekile (sesizicikidile)

Umbuzo 7. Yintoni enye esiyifumana xa sisidla esisidla esisidlo?

Impendulo. Sikhumbula ukufa kweNkosi deibuye futhi okwesibini. I Korinte 11:26 kanti kukwakho nobudlelwano sinabo omnye komnye kunye noThixo.

Umbuzo 8. Ngobani abafanelekile ukuthabatha esisidlo?

Impendulo. Sisidlo Senkosi akukhomntu onokuvimba okanye agwebe ngaso.

Umbuzo 9. Kwenzeka ntoni xa sitya singafanelekile?

Impendulo. Sizakuba netyala lomzimba nokufa kweNkosi. I Kortinte 11:27.

Umbuzo 10. Singenza ntoni ukuze sithabathe ogokufanelekile?

Impendulo. Kufuneka sizimisele, okuthetha ukuba senze lonto ithethwanguMpostile uPaul kwi I Korinte 11:27-29. Zesiphile impilo yobuKrestu ngamandla ethu ephela.

ISIFUNDO VII

UBUGOSA

Umbuzo 1. Sithetha ntoni xa sisithi ubugosa? Impendulo. Ubomi sibuphilayo sibuphilela yena kubasonke sinethemba lokuba singabakhe kwaye siphilela Yena. Ama Galati 2:20.

Umbuzo 2. UThixo ufuna kuba simnike ixesha lingakanani?

Impendulo. Lonke ixesha lethu lingelakhe, ngakumbi umhla wokuqala weVeki.

Umbuzo 3. Yintoni kufuneka siyenzile gamaTalenta ethu?

Impendulo. Onke amaTalenta ethu angawakhe, kwaye sibetyala lokuba siwasebenzise siwasebenzisele ukumzukisa ama Roma 12:12, I Korinte 6:20, Kolose 3:17.

Umbuzo 4. Kufuneka simnike imali enganani uThixo?

Impendulo. SingamaGosa akhe, kasinayo imali engeyethu, konke okwethu kungokwake, uyasivumela ukusebenzisa enkulu kwesikufumanayo ke kwanaye ulindele inxhaxheba yakhe. I Korinte 4:2; Malaki 3:10.

Umbuzo 5. AmaYuda njani?

Impendulo. Okweshumi, nemibingelelo.


Umbuzo 6. AmaKrestu wona anika njani?

Impendulo. Konke, kufanele anike ngaphezu kokunika kwamaYuda, kuba uThixo-usenzele into enkulu.

Umbuzo 7. Siwasebenzisa ngaliphi ibhongo amaTalenta ethu, nexesha lethu, kwanemali yethu?

Impendulo. Ukuzukisa uKrestu nokuzisindisa ngokwethu, zesisindiseabanye, emakhayeni, naseNdaweni zonke.

Umbuzo 8. Ngakube siyakwenza ingxelo ngobuGosa bethu?

Impendulo. Gqitha, funda - 1 Korinte 4:2.

Umbuzo 9. Kokwenzeka ntoni xa sifumaneke singamagosa angakholekile?

Impendulo. Sixelewe ngamaGosa angakholekile ukuba ayakugxothwa yiNkosiyawo. Luka 16:1-13.

Umbuzo 10. Kokwenzeka ntoni xa singamaGosa akholekileyo?

Impendulo. Funda Mateyu 25:14-30.

ISIFUNDA VIII

Umbuzo 1. Ngakube kufanelekile ukuba sikhule kubuKrestu bethu?

Impendulo. Ewe funda 2 Petrose 1 :5-11.

Umbuzo 2. Xela izinto okufuneka uMkrestu abe nazo zibe sisixhenxe.

Impendulo. Ukukhuthala, uLwazi, ukuzoyisa, uMonde, ubuThixo, Inceba nothando lobuzalwane.

Umbuzo 3. Soncedwa ntoni desaikhule ebuKrestwini bethu?

Impendulo. NguMthandazo, Yohane 15:7.

Umbuzo 4. Yintoni umthandazo?

Impendulo. Kukuxhumana noThixo ngeGama lika Yesu.

Umbuzo 5. Kumele ukuba sithandaze kangaphi? Impendulo. Nithandaze ningayeki I Tesalonika 5:17.

Umbuzo 6. Fumanpohi umthandazo weNkosi? Impendulo. Ku-Mateyu 6:9-12.

Umbuzo 7. Kumele sithandaze njani?

Impendulo. Ngokholo, singathandabuzi, Yakobi 1:6. Nangentando kaThixo nethembiso zakhe kuthi.

Umbuzo 8. Yintoni futhi engasinceda desikhule?

Impendulo. Kukufundisisa iLizwi likaThixo side sifumane intando kaThixo. 2 Timoti 2:15; 3:14-17.

Umbuzo 9. Xa sesithe sakugqiba ukutunda iLizwi likaThixo safumana i ntando yakhe kumele ukuba senze ntoni?

Impendulo. Kumele silithobele, senze ukuthanda kukaThixo ngamandla ethu ephela Yakobi 1:22.

Umbuzo 10. Yintoni enye enokusinceda desikhule?

Impendulo. Kukuhamba iCawe ama-Hebhere 10:25.

Umbuzo 11. Intyumayelo isinceda njani desikhule njengamaKhrestu?

Impendulo. Inceda gqitha kuba ukushumayela kukuvakalisa Iindaba zikaThixo ngoko ityiliwe elizwini IikaThixo ngoKrestu.

Umbuzo 12. Yintoni emele kuba ndiyenze dendikhule njengoMkhrestu?

Impendulo. Lusebenzeni niluleze olwenu usindisa, ninokuzoyikela ningcangcazela. abase Filipu 2:12.

Umbuzo 13. Yintoni enkulu okumele ndiyenze ukuze ndikhule njengo MKrestu?

Impendulo. Kumele sibuphile ubuKrestu ngalo lonke ixesha silinge ukuba sivuyise uThixo ngokwahlulelananabanye kulo lonke elimiweyo njengoko uKrestu axela ku Mateyu 28:19,20, abase Kolose 3:17.

No comments: