Tuesday, April 29, 2008

IMFUNDISO NGOBHAPTISO LWAMAKRISTU

0097 - Xhosa

Darrel D. Malcom

Iindaba ezilungileyo ezinikiweyo ebantwini zingo Yesu Kristu sizamkela ngokukholwa Kuye, (KwabaseRoma 1:16; Izenzo 16:30,31). Asizifumani kuba sizisebenzele okanye kukho into ethize esiyirolileyo ikuze sisindiswe, kodwa lubabalo nje athe uThixo wasibabala ngalo (KwabaseEfese 2:8,9). Yinye qha into o okumele ukuba siyiqonde kukuba thina singaboni, nokuthi ngenxa yobomi bakhe obugqibeleleyo, nokufa kwakhe efela izono zethu, nokuvuka kwakhe ekufeni kwaba ngamandla kaYesu Kristu owoyisayo wasizisela intsindiso. Sisindiswa ngenxa yokubeka olwethu ukholo kuye uYesu qha.

Ke ukholo lona lufuna isimilo esomeleleyo. Xa ukholwa ukuthi indlu ohleli kuyo isengozini yomlilo kufuneka ukhawuleze uguquke. Kunjalo ke naxa umntu ethe walibeka ithemba lakhe kuYesu Kristu emamkela nasebomini bakhe (Yohane 1:12; Isityhilelo 3:20). Inkolo yakhe esentsha yomlezwa zizenzo zakho.

Apha kwiTestamente Entsha siyabona ukuthi amakholwa akudala alunyanzela ukholo lwawo kuYesu ade abonisa nangenguquko eguquka ezonweni zawo (Izenzo 2:38; Izenzo 26:20). Baba nomqweno wokuguqula ubomi babo nenzenzo zabo ukuze bakwazi ukukholisa uThixo. Olwabo ukholo lwabonakala nangenttetho zabo bemvuma uYesu phambi kwabantu (KwabaseRoma 10:10; Mateyu 10:32,33). Bevuma phambi kwamanye amakholwa naphambi kwehlabathi. Ngokukhuleza babuya balubonakalisa ukholo lwabo ngokubha babhaptizwe (Izenzo 2:42; Izenzo 8:36_39; Izenzo 16:31_34).

ITestamente Entsha ithetha amaxesha angaphezulu kwekhulu ithetha ngobhaptizo. Noma ngubanina oziva eshisekela ukuba ngumKristu kufuneka into yokuba aluqondisise kakuhle ubhaptizo lwamaKristu. Noko ke akutsho ukuthi apha sizikotishe zonke iindawo ezithetha ngobhaptizo kwiTestamente Entsha, kodwa senzele into yokuba nawe ukwazi ukufunda kakuhle xa ufuna ukufunda kamnandi nawe ungazityebisela imfundo yakho ngokuba uzifumanele ezincwadi eziluncedo olukhulu eyona ifuneka ngamandla yile okusithiwa yi: Concordance, inene xa unokuyifumana lena ulwazi lwakho luzogqibelela kuba ikulathisa nezinye iindawo ezithetha nga longongoma ofunda ngayo.

Kwezivesi zibhalwe apha kungaba bhetele xa unokuwatoloka ngendlela abhalwe ngayo ngokulandelana kwawo, (ukuze uweve kakuhle) nantsi enye iBhayibhili elungile xa ufunda yesingesi abathi yi `New International Version'. Olohlobo Iuqukethe izinto ezona ziyimfuneko ngobhaptizo lomKristu, lona lubeka phucukileyo nokuthi yintoni isiphumo sobhaptizo.

Ngoku ke toro siyakucenga yithi xa ufunda lencwadi anawe ube uthandazela ukuba uyiphendulo lemibuzo esizoyibuza ngoku uthandezele into yokuba uyiphendule ngentobeko nangenyameko, nagentembeko yonke, nawe ngokwakho ukholiseke, umvumele uThixo ukuha akufundise ngeliZwi Lakhe.

!

Mateyu 3:13_17. "Kuthe ngelo xa afike uYesu eYordan kuYohane, evela kwelaseGalili, ukuba abhaptizwe nguye. Ke kaloku uYohane wayemalela, esithi. Mna kufuneka ndibhaptizwe nguwe nje, uza kum na wena? Uphendule ke uYesu wathi kuye, Vuma okwakaloku; ukuba kusifanele thina ukwenjenjalo ukuzalisa bonke ubulungisa. Andule ke ukumvumela. Ebhaptiziwe ke uYesu, wenyuka kwaoko emanzini asuka amazulu avuleka kuye, wambona uMoya kaThixo esihla njengehobe, esiza phezu kwakhe. Nalo izwi liphuma ezulwiru, lisithi, Lo nguNyana wam oyintanda, endikholisisweyo nguye". Qwalasela kwakhona naku (Marko 1:9_11; Luka 3:21_23; Yohane 1:29_34).

UYesu wathi yintoni le kumele ukuba abhaptizwe nje naye?

Yimiphi imiqondiso emibini ehambisana nobhaptizo lukaYesu?

Ucinga yintoni isizathu esenza ukuba uYohane abhaptizele eYordane? (Jonga ku Yohane 3:23)

Mateyu 28:18_20. "Weza uYesu wathetha kubo, esithi, linikiwe mna Ionke igunya emazulwini nasehlabathini. Hambani ngoko niye kuzenza abafundi zonke iintlanga, nibabhaptizela egameni loYise, loNyana, loMoya oyiNgcwele; nibafundise ukuba bazigcine zonke izinto endiniwisele umthetho ngazo. Niyabona mna ndinani yonke imihla, kude kube sekuphelisweni kwepahakade eli. Amen".

Likubani na igunya "LweeNtumo ezinkulu"?

Ngokutsho kwalevesi yintoni rlandela ubhaptizo?

Simele ukubhaptizela kwelikabani igama (amagama,l

Yintoni okumele ilandele ukubhaptizwa komfundi?

Sisiphi isetliembiso esikhulu esimalunga nalommiselo?

Marko 16:15,16. "Wathi kubo, Hambani niye kulo lonke ihlabathi, nivakalise iindaba ezilungileyo kuyo yonke indalo. Lowo, ukholiweyo wabhaptizwa, wosindiswa; ke yena ongakholwanga, wogwetywa."

Zimele ukuba zivakaliswe kobani iindaba ezilungileyo?

Ngo, kuthetha kwalevesi, yintoni elandela ubhaptizo?

Ziziphi izethembiso ezifunyanwa ngulowo okholiweyo wabhaptizwa?

Uthini ukulumkisa abo bangafuni ukukholwa uYesu uthi bayákuthini?

Izenzo 2:36-41. (UPetrose wathetha esithi) "Ngoko mayazi ngokuqinisekileyo yonke indlu kaSirayeli ukuba uThixo wamenza iNkosi noKristu, kwayena loYesu nambethelelayo emnqamlezweni nina. Ke kaloku bathe, bakuva oko, bahlabeka entliziyweni, bathi kuPetros nakwabanye abapostile, madoda, bazalwana, sithini na? Uthe ke uPetros kubo, Guqukani nibhaptizwe nonke ngabanye egameni likaYesu Kristu, ukuze nixolelwe izono, namkele isipho soMoya oyiNgcwele. Kuba idinga likuni, nakubantwana benu, nakubo bonke abakude, esukuba iNkosi uThixo wethu iyakubabiza. Nangamanye amazwi amazwi amaniinzi waye eqononondisa, evuselela esithi, Zisindisèni kwesi sizukulwana sigoso, Bathe ke ngoko, abalamkele ilizwi lakhe ngovuyo, babhaptizwa, kongezelelwa ngo loomini imiphefumlo engathi imawaka mathathu."

Yintoni eyalandela ubhaptizo?

Babhaptizelwa egameni likabani?

Ziziphi izizathu ezimbini ezathethwa kwathiwa bazakuza mkela bebhaptiziwe?

Idinga likubani na? Ngakube nawe uyangeniswa?

Izenzo 8:5-12. (Jonga naku Izenzo 8:4-13) "Wehla uFilipu, waya emzini welase, Samariya, wamvakalisa uKristu kubo, zaye kanjalo izihlwele zizinyamekela ngamxhelo mnye izinto ezibe zithethwa nguFilipu . . . Xenikeni bekholwayo nguFilipu eshumayela iindaba ezilungileyo zezinto zobukumkani bukaThixo, nezegama likaYesu Kristu, babhaptizwa amadoda kwanabafazi."

Wayevakalisa ziphi iindaba kwelaseSamariya?

Xenikweni, bekholiweyo lilizwi benza ntoni amadoda nabafazi baseSamariya?

Izenzo 8:34-39. (Jonga Izenzo 8:26-39). "Laphendula ke ithenwa, lathi kuFilipu, Ndiyakukhunga, umprofethi uthetha uyithetha ngabani na lento; uzithetIia yena na uthetha mntu wumbi, kusini na? Wawuvula umlomo wakhe uFilipu, waqalela kwesosibhalo, walishumayeza iíndaba ezilungileyo zikaYesu. Ke kaloku, xa bahambayo ngendlela bafika manzini athile; lathi ithenwa, nanga amanzi; kwala ntoni na ukuba ndingabhaptizwa? Uthe ke uFilipu, ukuba uyakholwa ngentliziyo yakho iphela, kuvumelekile. Laphendula ke lathi, Ndiyakholwa ukuba uYesu Kristu unguNyana kaThixo. Lathi mayime inqwelo; behla bobabini, baya emanzini uFilipu walibhaptiza ithenwa." Xeshikweni benyukile emanzini, uMoya weNkosi wamthi xwi uFilipu; alaba lisambona ithenwa, kuba lalihamba ngelayo indlela livuya.

Wavakalisa ziphi iindaba?

Lwalubonisa kanjani ukholo lwalo ithenwa ngamazwi?

Lalubonisa njani ukholo lwalo ngezenzo?

Kuthetha ngayiphi indlela yobhaptizo kulendawana yesibhalo?

Laziva linjani emva kokubhaptizwa ithenwa?

(Qwalasela lento uMoya wawusebenza ngamava (8:29) kodwa ubhaptizo olwaluthotlwa lubhaptizo "lwasemanzini". Jonga kwakhona Izenzo 10:44-48.)

Izenzo 16:29-34. (Jonga Izenzo 16:16-34). "Ebize ke izibani, watsiba phakathi waza egubha, wawa phantsi phambi koPawulos no Silas. Wabazisa phandle, wathi Zinkosi, ndimelwe kukuthini na, ukuze ndisindiswe? Bathi ke bona, Kholwa kuyo iNkosi uYesu Kristu, wosindiswa wena nendlu yakho. Balithetha kuye ilizwi IeNkosi, nakubo bonke ababesendlwini yakhe. Wabathata ngeloxesha lasebusuku wayihlamba imivumbo yabo; wabhaptizwa yenakwalapho, nabo bonke abakhe. Kananjalo, ebanyuse wabasa endlwini yakhe, wabeka ukudla phambi kwabo, wagcoba nendlu yakhe yonke, kuba ekholwa kuThixo."

OPawulos noSilas bamxelela ukuba makathini na um gcini wababanjwa, xa ebabuza esithi, "Ndimelwe kukuthini na ukuze ndisindiswe?"

Bamshumyeza ngaziphi iindaba umgcini-wababanjwa kunye nendlu yakhe?

Wakubonisa njani ukuguquka kwakhe (nokushintsha kwentliziyo yakhe) koPawulos noSilas?

Yintoni na eyabanga ukuba avuye yena nendlu yakhe umgcini wababanjwa?

Babhaptizwa msinya kanjani omgcini-babanjwa nendlu yakhe ekubeni bekholiwe?

Izenzo 22:10-16. (Thelekisa nesahluko 9:1-19; Izenzo 22:1-16; 26:9-20). UPawulos wambuza uYesu esithi). "`Nkosi ufuna ukuba ndikwenzele ntoni? Uthi, ndabuza." UAnnaniya wathi kuPawulos). "Nakaloku usalibele yini na? Sukume ubhaptizwe, uhlambulule izono zakho, unqula igama leNkosi."

UPawulos waxelelwa ukuba makathini na?

Kwaba yintoni isiphumo sokubhaptizwa kwakhe?

Kuthetha ukuthini ukungula egameni leNkosi?

KwabaseRoma 6:3-7. "Anazi na ukuba thina sonke, sabhaptizeiwayo kuKristu Yesu, sobhaptizelwa ekufeni kwakhe? Ngoko ke sangcwatywa naye ngokubhaptizelwa ekufeni; ukuze njengokuba uKristu wavuswayo kwabafileyo ngalo uzuko loYise, sithi ngokunjalo nathi sihambe sinobomi obutsha. Kuba xa similiselwe kuye ngentsobi yokufa kwakhe, somiliselwa kuye nangeyokuvuka kwakhe; sikwazi nje oko, ukuba umntu wethu omdala wabethelelwa emnqamlezweni kunye naye, ukuze umzimba wesono uphuthiswe, size singabi sasikhonza isono; kuba owafayo ugwetyelwe, wakhululwa kuso isono."

(Qwalasela ubhaptizo "kuko ukufa kwakhe" ; Apho igazi likaYesu laphalala khona Thelekisa no Yohane 19:34; Kolose 1:19-20; I KuPetros 1:18,19).

Indlela yobhaptizo izekelisa okanjanï nokungcwatywa nokuvuka kwakhe?


Qaphela ukuthi indlela umntï antywiliselwa ngayo emanzini idibana njani neemfuneko zokuzekelisa ukufa, nokungcwatywa nokuvuka njengoba kucacisiwe apha?

Ikhona enye indlela ocinga ngayo ukuthi ingadibana neemfuneko ebhalwe apha?

KwabaseKolose 2:12,13. "Ningcwatywe naye elubhaptizweni; enathi nikuye, navuswa naye, ngokukholwa kwenu kukusebenza kukaThixo, owamvusa kubo abafileyo. Nani nifile nje ziziphoso nokukungaluki kwenyama yenu, unidlise ubomi ndawonye naye enixolele zonke iziphoso."

Luluphi ubhaptizo oluchazwe kakuhle apha njengoba esithi "nangcwatywa kunye naye" navuswa naye?"

Zathiwani izono zethu mhla "sidliswa ubomi noKristu."

(Qaphela lento apha obhaptizweni "sangcwatywa kunye naye" "savusa naye" icacisa indlela eyenzekayo kuthi ngokoMoya xa sisifa ezonweni zethu "urkuze sidliswe ubomi kunye noKristu nguThixo.")

KamaGalati 3:27. (26_28). ... Kuba nina nonke nabhaptizelwayo kuKristu, namambatha uKristu.

Sisiphi isithembiso ekukwabo babhaptizelwa kuKristu?

I Petros 3:21. ...ngawo amanzi olusisindisayo ngawo nathi ngoku ubhaptizo ngokomfuziselo; okungekukho ukulahla ubunyhukunyhuku benyama; olukubuzisa kuThixo kwesazela esilungileyo, ngokuvuka kukaYesu Kristu."

Malunga nalevesi, sisiphi na sisiphumo esenzeka emva kobhaptizo?

Ngakube lento ibonisa ukuthi ukungena nje endleleni yo bhaptizo yenele? Xa kungenele yintoni isizathu?

Xa isazela sethu sisigweba ngokungenzi into obekumele ukuba siyenze, okanye ukwenza into esaziyo ukuba ayilunganga singasifumana njani isazela esilungileyo ngokutsho kwalevesi?

Ukuphindu kubhaptizwa (rebaptism): Izenzo 19:3_5. (1_7). Wababuza uPawlos esithi "Nanibhaptizelwe enini na phofu? Bathe ke bona, Elubhaptizweni, lukaYohane. Wathi ke uPawlos, uYohane okunene wabhaptiza ubhaptizo lwenguquko, esithi ebantwini mabakholwe kulowo uzayo emva kwakhe, oko kukuthi kuKristu Yesu Bevile ke babhaptizelwa egameni leNkosi uYesu."

(Apha sifumana indawo yokuqala "yokuphindu_bhaptizwa" apha kwiTestamente Entsha. Indlela ubhaptizo olwaqhutywa ngayo lwalulungile, kodwa lwenziwa ngenjongo engalunganga kwelixesha.)

Ngakube lento ithetha ukuba xa umntu ethe wabhaptizwa ngenjongo engahambisanni nezibhalo lowomntu kumele ukubo aphinde obhaptizwe? Yintoni na isizathu?

. .

NOTES ZOKUCACISA:

i T estamente Entsha yayibhalwe ngolwimi lwesiGreek indalo yayo. Imfundiso nokucaciswa kwamagama esi Greek kuyinto ebaluleke kakhulu ukuze siqondisise uYesu nabapostile babefundisa njani ngobhaptizo. Igama lesi Greki elithi "rhantizo" ngesingesi "sprinkle" kanti ngesiXhosa "kukufefa" amanye amazwi siwafumana esetyenziswa kwiTestamente Elisha babefefa ngegazi nothuthu (KumaHebhere 9:13, 19, 20) kodwa hayi ngenjongo yobhaptizo.

Igama lesi Greki elithi "cheo" ngesingesi "pour" ngesiXhosa "kukugalela" eligama lisetyenziswe amaxesha amaninzi apha kwi Testamente Entsha (Mateyu 26:7 nge_oli Luka 10:34_ iOli newayini; Izenzo 2:17_ NgoMoya; njl.) kodwa alizange lisetyenziselwe ubhaptizo.

Igama lesi Greki elithi "baptisma" esingesini lithiwa "baptism" ekanti ngesiXhosa "kukuntwyiliswa" lithetha ngendlela yokungena ugibelele, kanti ngokucacisa kwe Dictionary eyi Expository Dictionary of New Testament Words ka W.E. Vine. Yona ichaza ngokuthi igama elithi "baptizo" livela elwimini lesiGreki okuthiwa okuthiwa "bapto" elichaza ukuntywilisa "to dip". Xa ecacisa kakuhle umfoka Vine uthi Lentetha ivakala nakubani na othetha isiGreek xa kuthethwa ngokuntywilisa kuthethwa ngento xa udaya ingubo yakho ufuna ukuba ibe mbala_wumbi xa uyifaka ku dayi uyintywilisa yonke ukuze ibe idayekile, okanye uzekelisa njengokukha amanzi esityeni xa ufuna ukuba sizale usintyilisa sonke ukuze amanzi azale kuso.

Njalo uYesu xa ethetha ngobhaptizo kunye nabafundi bakhe babesuke bethetha ngokuntwilisela "immersion" xa bethetha ngobhaptizo, indlela yokwenza yayiqondakala kakuhle njengoba bona babesebenzisa lona ololwimi lwalusetyenziswa ngeloxesha. Sinikeziwe umzekelo apha eTestamenteni Entsha kumntu ngamnye njengoba xa kuthiwa kumele ukuba kuYesu Kristu njengo Nyana kaThixo, balubonisa ukholo lwabo ngokuguquka ezonweni zabo (Izenzo 2:38; Izenzo 26:20), ngokumvuma uYesu ebuhleni phambi kwabantu (Izenzo 8:37; KwabaseRoma 10:10), nangesenzo sobhaptizo lwamaKristu. Njengoba kumele ukuba nobanina afe ebomini obudala ukuze azalwe ngokutsha kuYesu Kristu, lonto yayisikhumbuza ukuthi uYesu wafa ngenxa yezono zethu emnqamlezweni, wangcwatywa engcwabeni, wavuka ekufeni. Isenzo sobhaptizo lwamaKristu lubonisa ukuzinikela kuYesu nokunqwenela ukuba sahlulelane naye ubomi ngokuvuka emanzini njengoko no Yesu avukayo kwabafileyo. Amanzi asisikhumbuzo sokuba kukhona ukuhlanjwa ucoceke. Njengoba kuyigazi likaYesu elisisindisayo ezonweni zethu (Mateyu 26:28) nanjengoba sabhaptizelwa kukho ukufa kwakhe (KwabaseRoma 6:3) apho igazi laphalala khona, ubhaptizo lungenye yezindlela ezbonakalisa ukuhlanjwa ngegazi ebomini bethu.

Kawuncede ke uhlaziyo konke osele ukufundile kulezizibhalo bese ukhangela ukuthi inene ngakube nawe ubhaptizwe ngalendlela iTestamente Entsha ekufundise ngayo. Khumbula ukuba uYesu wawisa umthetho esithi kubhaptizwe (Mateyu 28:19; Marko 16:16) kwakhona wafundisa esithi, "Ukuba niyandithanda, yigcineni imithetho yam." Johane 14:15.

No comments: