Tuesday, April 29, 2008

UKUBA SISIHLOBO SIKATHIKO

0089 - Xhosa

UbuGosa

Emnyakeni emininzi eyadlulayo ndandiphulalphule intshumayelo yomnye umfundisi ingongoma yakhe yayisithi "Isono esikhulu samaKhrestu" ndacinga nzulu ngalengongoma ndisithi kwahk kazi u zothinina lomfo ngalendaba yesisi sono. Kuba ndandingaqondi ukuba ngakube uzakuthetha ngasiphi isono esikhulu apha kumaKrestu. Kodwa - kwathi xa egqiba ukuthetha inene nakum esisono savele sacaca. Wathi , xa esezogqiba ukuthetha wavakal a esithi - isono sethu esikhulu esokungazincami sizinikele ngokuphelele aph kuthixo deske simvumele uthixo asilaule apha ebornini bethu.

Ndiyakholwa ngentliziyo yam iphela ukuba esisifundo sihle kakhulu kumaKrestu ewanke kuba lento ithetha ukuba umKrestu makathi into yokuqala azinikele kuThixo ngokupheleleyo, adeske athi izinto zokuqala azenze zibe nge zokuqala nyani. Kwaye iIizwi likaTthixo lisityhilela ngokucacileyo ukuba ziziphi zona ezizinto zokuqala.

Emva kokuba ebaxelele abafundi bakhe esithi mabangaxhaleli izinto zonke, okokuba bayakudlani, bayakusela ntoni, kwanomzimba wenu nisithi niyakwambatha ntoni. Wathi uYesu "Funani tanci ubukumkani bamazulu nobulungisa bakhe kwaye zonke ezo zinto ziyakongezelewa kuni (Mateyu 6:25-32).

Lentetho ecace ngoluhlobo iphuma emlonyeni weNkosi yethu, ithetha intonye qha, ngokucacileyo ithi, OkukaThixo kumele ukuba kube phambi kwento zonke thina kumele sizinikele kuyengokupheleleyo - simnike okokuqala apha ebomini bethu.

Into yokuqala uThixo anokuyibiza apha kuthi lixesha lethu kuba lilonke lilawu lwa nguye. Imihla esinokuhlala apha ehlabathini siyiphiwa kwanguye, kwaye uThixo unakho ukufuna amandla ethu, kuba obubom sipuphilayo sibuphiwe kwa nguye ubom bethu busezandieni zakhe. UThixo unelunaelo lokubiza iingqiqo zethu kuba nguye lo owasiphawo amaTalente nezipho ezahlukeneyo zivela Kuye.

Kwaye kuyimfanelo naloku kulandelayo uThixo unelungelo lokufuna izimali zethu kuba kwanazo zingumphumela wokusetyenziswa kwexesha asiphe lona, namandla, kwanengqipo asiphe yona uThixo.

Nantsi ingxaki yethu - okwakho nokwam kufanele ukuba kube yizona zinto ezibonisa ukuthi uThixo nguye umdali wethu kwaye unakho ukuzibiza apha kuthi xa ezidinga, simele ukuba sinizukise uThixo ngazo zonke izinto.a siphe zona kwanedlela esiphatha ngayo iindaba zethu kumele sihlonele uThixo.

Ukuba besinokumbeka phambili uThixo ezintweni zonke side simnike nethuba njalo lokuba sifunde ilizwi lakhe sihlale ngokuthandaza njalo ebomini bethu. Amandla ethu, kwanengqondo zethu kumele ukuba zisebenzele ukungqinela uThixo simsebenzele - ngalo lonke ixesha lobomi bethu.

Kodwa xa singazinikela thina kuThixo kodwa kuthi iimali zethu sizibuyisele ngeniva nokho koba siphoswe yinto enkulu apha ebuKrestwini bethu namava ebesinokuba nawo asilahleke ngenxa yokunga mniki uThixo izinto asisikelele ngazo. Kasoze uThixo ayithatha indawo yokuqala apha eboi-mni bethu xa thina simvalela amaphakethe ethu. Uyesu wayixela lento ezingisa esithi, "Kuba apho bukhona ubutyebi benu yoba lapo nentliziyo yenu".

Ukusebenzisa Kwethu lzimali Zethu

Ininzi lethu, into eyonayona inzifiia kakhulu, yilena yokuba sinikele, igezimali zethu Kulula ukuyiqondisisa lento kuba, lemali siyifumana ngenxa yobom esibuphiweyo nguye, - namandla asiphe wona, nengqondo asiphe yona zizo ezornezenza kubekho imali.

UThixo uthanda into yokuba sihlale sikhumbula ukuthi zonke ezizinto sinazo zivela kwakuye. Nguye osiphe ixesha, amandla, ingqondo okuyizona sizisa ngazo imali. Xa sesiyihlahla okokugqibela lendaba yethu singathi konke esinakho kuvela ngaphezulu kuThixo. Ukuze sibonise ukuthi siyazi akuthi sidalwe nguye kumele ukaba thina sibe ngamagosa akhe athembekileyo sifunde ukuba njalo kumele ukuba sibeke ecaleni isishumi emalini esiyifumeneyo sohlululane naye - ngenxa yoko sibonisa ukubasiyamzukisa sicela iintsikelelo zokuba siqhubekele phambil njalo ekusebenzeni senze njalo ukunceda abazalwana bethu enKosini.

Ityala Lethu Malunga NeziShumi

Xa Uthixo elungiselela ukuba enze uhlanga oluzokuba sisizwe sakhe amaYuda, wabawisela umthetho,esithi "Sonke isishumi somhlaba sembewu yomhlaba sezi qhamo zomthi sesikaYehova: Singcwele kuYehova ukuba uthe umntu wasikhulula okunye ngentlaulelo isishumi sakhe makongenze kuso isahlulo seshlanu saso (Levitikus 27:30). Jonga lentetho isithi ngokuka Thixo.

Eminyakeni yakudala eyadlulayo umphrofethi uMalakhi wawathethisa amaYuda ngokungamthobeliuThixo ngomthetho wakhe awumiseleyo. Xa ungafunda ku-Malakhi 3:7-9 kulapho uthixo ethetha khona ngornthetho wokweshumi kwakhe Umangalela esisizwe ngokunganikeli kuye ngesishumi esithi boyisekile kukwenza umsebenzi wabo akasho ukuthi klitheni ninganikeli nje kodwa uthi "nindiqhathile kwizishumi nemirumo."

Lentetho icacile ibonisa into yokuba, kwathi xeshikweni kumele ukuba bange nise izishumi zikaThixo bona bamqhatha, bathatha lento ingekaThixo bayenza eyabo.

Kukho imibuzo ehlala ivuke njalo yokuthi ngakube lomthetho wezishumi nathi kumele ukuba siwenze namhlanje thina sonke esikholwayona. Inene sibonisa uthando lwethu kuThixo, nezibongo zethu kuye ngenxa yentsindiso asenzele yona ngokuncama uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, nokubulela iintsi kelelo asiphe zona imihla ngemihla, ngenxa yoko kuyacaca ukuthi izishumi zingaba ngumlinganiselo womKrestu - sinikela kuba sibonisa ukuthi siyambulela uThixo ngakho konke asenzele kona.

lzishumi Zizisa lintsikelelo

UThixo wathembisa ukuba uzobasikelela abo bathe bathembeka ekunikeleni kwabo ngezishumi bebonisa ukuba bayamhlonela uThixo. "Ziziseni zonke izishumi endlwini yobuncwane bam; nindicikide ngalento utsho uYehova wemikhosi ukuba andisayi kunivulela iingcango' zezulu ndinithululele iintsikelelo kude kunga sweleki lutho." (Malakhi 3:10).

Sekwagqitha iminyaka engamashumi amabini nantlanu ndithetha namaKrestu malunga nezishumi sendake ndadiban nabanye abandixelela ukuba uThixo wabenzela ntoni emva kokuba beqalile ukwenza izishumi zabo. Nawe ake uzame ukubeka uThixo phambili ezintweni zonke onazo loonto yenza okokuba umntu abubone ubukhulu buka Thixo ngenxa yezinto ezingenayo ngemva kokuba umnika izishumi zahke. Ukuba izintliziyo zethu neniali zethu besingaba nokuzinikela kuThixo angasinika ubulumko obungenasiphelo ukuze sikwazi ukuncedeka engxakini zethu zonke zemihla ngemihla.

Isiqhamo sezinto esizibonayo sivela ekunikeleni kwethu ngezimali. Usikelelwa umntu oqiqayo acabange ukuba zonke ezizinto anazo zivela kuThixo amandla, ingqondo, kwanexesha analo lelikaThixo lowomntu uyakuba sisisebenzi esithembekile kuThixo, kude kuthi riakuba konyulwa abantu abathemekiIe emsebenzini azibone naye eselenyuselwa phezulu ngenxa yo kubeka uThixo phambili kwizinto zonke.

Zonke iintsikelelo zezomoya zivela ekubeni umntu enikela ngokweshumi. UYesu wafundisa ukuba usikelelwe uphi kunophiwayo. Lemali esiyibekayo namhlanje yiyo le ehambisa ivangeli esindisa abantu ezonweni zabo sinceda nabahlobo bethu nakuba silapha ehlabathini nje kodwa obubutyebi sibubeke ezulwini busenza sibe nokweneliswa kwaye abusoze basilahlekala kuba bona busemazulwini.

Ubungqina Balabo Bazenzayo lzishumi

Ininzi labantu abadumileyo nabaziwayo apha ephakedeni namhla bazizinkokeli ngenxa yokunikela ngezishumi. U Johan D. Rockefeller yena uthi waqala ukunikela ngezishumi esahlawulwa ngeveki. U-William Colgate owaziwayo Ngomsebenzi wamayeza wamazinyo neininye imesebanzana eminci nci yokulungiselela ezifemini ezithile, u "Hershey's Chocolate" kunye no Heinz oneinsebenzi entlobontlobo engu 57, u "Kraft Cheese" umJaliman ongumthungi wezihlangu nomthengisi wazo, o"Kellog of Corn Flake" o"Kerr of Kerr Fruit Jars", John Wanamaker onezivenkile ezinkulu bonke aba sibabalileyo yibona abahlonela uThixo baze banikela ngezishumi baba ngamiagosa athembekile kutixo.

Bathi izinto zibahambela kakuhle nje kuba bona njalo eshumini bathatha okukaThixo kuqala deske kuthi oko okuseleyo, bakusebenzise apho beswelekhone kuba bayazi ukuba okweshumi ngokukaThixo. Lawo madoda ayekhupha izishumi kuqala kwaye sebenamava baziwa njengabanikeli abachwayithile kuthixo".

"Singatsho singathandabuzi sithi inene uThixo usisekelele" Xa kuthi imali esalayo emva kokuba sesikhuphe izishumi zethu kuba ngathi leyo ise leyo yenza umsebenze omkhulu ngaphezu kwemali esasiyifumana singakaqalisi ukunikela ngezshumi ".

Ndandingumhlolokazi iminyaka elishumi zonke zinto zazinzima gqitha apha kum kodwa ndabona isimanga mhla ndaqalisa ukunikela ngezishumi kuThixo, u Thixo wazivula iingcango zezulu. Wandisikelela kwakuthi namatyala endinawo ndiwehlawule lula nje nezifo (ukugula) akwahlupha apha ekhayeni, njl , njl. Izishumi ndazikhupha tanci deske kuthi okuseleyp kube yikho endihlawula nga kho amatyala aam. Konke konke kwakundanelisa. 00w ndingathina ngentsikelelo endazifumana ekuqaleni kwam ukunikela ngezishumi oko ndaqala ukunikela ngezishumi.

"Sikhupha izishumi, simangale xa sibona namatyala ethu ehlauleka lula ngoluhlobo kodwa ibe yona imali ingakenyuki emsebenzimi. Kuthi uvuyo noxolo esilufumanyo iingqondo zethu zihlale zilindele iintsikelelo esazi thenjiswayo."

Ezinzame zokubekela bucala izishumi zam ngaphambi kokuba ndisebenzise imali kwandenza ndaba. neThemba Elingcwele Enzuzweni yam emsebenzini weBandla ndifumane amava amakhuluendingazange ndiwafumane ebomini bam. Xa ndigweba ngokwam ndingatsho ndithi, nakuba ngubanina ongazama ukwenza izishumi unyaka ubemnye nje sobe aphinda awuvale umlomo ngenxa

yento azoyibona.

Ukunikela Ngaphezu Kwezishumi

Xa ngaba izishumi zezikaThixo, ngoko asinako ukunikela siqonda ukuba uThixo akakasifumani isishuini sakhe. Xa ethe uThixo wasisikelela wasithamqaselisa kufanela ukuba sibonise ukuba uThixo uyasivuyisa asonwabise nathi simbonisa ngothando lwethu nangeminikelo yethu kodwa ngaphezu koko zizishumi.

Kudala ngawo 1953 kwakukho umhlekazi othile owabe engmthengisi (salesman). Ogama lakhe kwakungu Coy Langford lomfo wayene tyala lika $500. Waqala lomfo ukunikela ngezishumi wasihlawula isikweletu sakhe msinya nje kwasekukho imali ebalelwa ku $1,200 Ooh inene waqala esithilini sakubo wazakhela i Ofisi lakhe. Wade wavula neBhanki apho wayezofaka khona zizshumi zakhe ngegama elithi "Lord and Langford" ethetha ukuthi "nguThixo noLangford" UThixo wasikelela ukwethembeka kwakhe uThixo wamsikelela njalo naye wabona ukuba Thixo umsikelelewaqalaukonyusa usishumi sakhe kwathi njalo ku $1.00 akhuphe 25c isishuri sakhe yonke lemali wayeyise eCaweni iqhube khona urisebenzi weNkosi.

Lee, ngentla kwelase Carolina Kwakukho mntu wubi omsebenzi wakhe usebenza ngamaplanga lomfo wanikela ngezishumi ixesha elide. Njalo kwakuthi xa uThixo enyuse imali yakhe kwengenayo naye futhi anyuse isishumi sakhe wade wafikelela ki maphesenti ayishumi nesihlanu 15%, wabuye waya ku 20%. Uthixo waqhubeka nokumsiekelela. Kwathi ekugqibeleni wathenga umatshini omkhul luwamaplanwa (Lumber Mill) wase eqala ekunikela ngo 50% isishumi sakhe.

Kwathi ngemva kweminyaka esibhozo wabe eselefumane imali engu $1000,000 eyephrofithi emsebenzini wakhe leyoniali wayisebenzisa ekukuluseni umsebeni wakhe momnikelo wakhe wezishumi wafumana olukhu uvuyo emva kokuba eqalile ukunikela ngezishumi noThixo wamsikelela ukuze akhule ngenxa yokuhlonela uThixo.

Omnye owaneshishini lezomotokora oweva ngalomfo owenze lento ingaka nge nxa yokukhupha izishumi naye waqalisa ukunikela ngezishumi, wase ebhala lencwadi.

"Ndoyisekile ndibonile ukuba xa umntu exenzela uKrestu abe ngumhlobo wakhe umnake kakhulu kwezomoya, kodwa hayi kweziphathekayo (imali) zonkeizinto zihamba bhetele. Kodwa namhlanje sendinemali eninzi kakhulu ngenxa yokuba ndaqalisa ukuniklea ngezishumi kuThixo, ngoko kulapho uvuyo lwam luvela khona kunye namava seloko ndaqala ukuba ngumKrestu. Ndifundile namhlanje ukuba ngumhlobo kaKrestu kukwenza ukuba ube nelungelo lokuba nibambisane naye kuyo yonke ingeniso, kodwa inzuzo ingaphezule kwaleyo ihlabathi belino kundihlawulo ngakho."

Zenziwa Kanjani lzishumi

Xa umamkela uYesu njengoMsindisi wako neKnosi yakho kodwa unikele kuye ngaloko olusale ngexesha wenza imsebeni yakho ngale kokimnika izishumi, Ngenxa yoko uphose into enkulu neentsikeIelo ezo uThixo azibekele abantwana bakhe.

Ake uzume nawe ukunikela ngezishumi namhlanje - Wamkele isicelo sikaThixo esiku Malakhi 3:10. Kuzoku zisela uvuyo olukhulu ongazange walufamana ebomini bakho naselukholweni Iwakho - Uvuyo I okwazi ukuthi n awe unaso isandla ekuncedeni ekukhuliseni ubukumkani bukal'hixo kulomhlaba osweleyo uxolo silufumana kuba sisazi ukuba ukrestu nguyena esimbeke ngaphambili kuzo zonke izinto esizenzayo kwanase bomini bethu.

Kulabo abafumana umvuzo wabo, kulula gqihta kuba ukohlula ukuba malini yezishumi okumele ukuba ayikhuphe. Lula nje khupha isihumi sakho usibeke ecaleni ngoko ke uzokwazi ukuba kusele malini ozokwenza izinto ozidingayo.

"Ngolokuqala usuku, iveki ngeeveki, elowo kuni makabeke ekhaya, eqwebe into asukuba esikelelwe ngayo." (1 Korinte 16:2).

Nantsi eminye imibuzo evelayo kubantu abaninzi, Ngakube kumele ndohlule into ingakananina emvuzweni wam ukuze kuphume izishumi. Ilula nje impendulo yiyo le, - Thembeke kuThixo njengoko uzimisele ukusebenzisane naye, "kwaye lento bewunokuyenza isibhambathiso sakho entliziyweni yakho akulula nakanci kuwe ukuba ungaphuma endleleni yenyaniso.

Xa qwukamamkeli uYesu Krestu njengeNkosi yakho nomsindisi wakho, ungalingi uzixakekise ucinge into yokuba nawe ungakhupha izishumi kuba ufuna intsikelelo. Lento uThixo uyithembise kubantwana bakhe, hayi kubo labo abachasene noNyana wakhe. Ke uf unde Yohane 3: 16; kunye namaRoma 10:9-10, ukuze nawe ubeke ithernba lakho kuye.

Ukushwakadela

Xa sizogqibezela esisifundo sethu make sizibuze thina nawe ukuba yintonina ukuba sikhuphe izishumi sifumane inzuzo:

1) Zishumi ziyicebo likaThixo kubo abakholwayo lonto ibonisa ukuba uThixo uPhambili ezimalini, emandleni, nasengqondweni, kwanase xesheni abaphe lona.

2) Ukunikela ngezishumi yiyona ndlela esibonisa ngayo uthando lwethu kwanoku mbongoza uThixo ngako konke asenzele kona.

3) Ukunikela ngezishumi kwangqinelwa nanguye uYesu.

4.) Ukunikela ngezishumi kuyamtyebisa uMKrestu kwezomoya, kumenye ahlale onwabile, aqhame ande ebuKreswini bakhe.

5) Ukunikela ngezishumi kingenisa iintsikelelo emvuzweni wakho.

6) Ukunikela ngezishumi yiyonanto ibaluleke gqitha, kwaye yiyona nebonisa ukuba siyawuthobela umthetho omkhulu othi; "Wothanda iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela,"

Yamkela isicelo sikaThixo esiku Malakhi 3:10. Ke uzame ukulenza icebo lakhe ngokwethembeka kuwo lonyaka nje. Ndinyanisekile ukuba uzofumana uvuyo olukulu kwanobuKrestu bakho buzokuba bubuKrestu obunainava, ngenxa yoko uzohlala njalo uqhubeka ukwenza izishumi ngalo lonke ixesha lobom bakho.

Ndiyambulela uThixo owandikhokhelela ekubeni ndilibone icebo lakhe nokuqonda ukuthi konke okwam kungo kwakhe xa ndisithi ndinobuhlobo naye. Sendike ndazama icebo likaThixo. Liydsebenza. Ndiyakuvuselela akhe ulizame nawe.

No comments: