Saturday, May 3, 2008

NDIMELWE KUKUTHINI NA, UKUZE NDISINDISWE?

1800 - Xhosa

Arranged in the Very Words of Inspired Men

1. KHOLWA kuyo iNkosi uYesu Kristu, wosindiswa wena nendlu yakho (Izenzo 16:30,31). Ke, lungekho ukholo, akunakubakho ukumkholisa kakuhle; kuba lowo uzayo kuThixo, umelwe kukukholwa ukuba ukho, nokuba ungumvuzi wabo bamfunayo (KumaHebhere 11:6). Ke yena ongakholwanga, wogwetywa (UMarko 16:16). Kuba ekubeni nithe anakholwa ukuba ndinguye, niya kufela ezonweni zenu. (UYohane 8:24. Ngokunjalo nalo ukholo, ukuba luthi lungabi namisebenzi, lutile ngokukokwalo (EkaYakobi 2:17).
2. GUQUKANI ... ngabanye egameni (Izenzo 2:38). Ningaguquki, nitshabalale kwangokunjalo nonke (ULuka 13:3,5). uThixo ... kungoku uyala abantu bonke ezindaweni zonke ukuba baguquke (Izenzo 17:30). Kanti na ke neentlanga ezi uThixo uziphe ukuguqukela ebomini (Izenzo 11:18).
3. NGOMLOMO, ukuze asindiswe (KwabaseRoma 10:10). Ngokuba, xa uthe wamvuma ngomlomo wakho ukuba uyiNkosi uYesu, wakholwa ngentliziyo yakho ukuba uThixo wamvusa kwabafileyo, wosindoswa (KwabaseRoma 11:9). Wonke umntu ngoko oya kundivuma phambi kwabantu, ndiya kumvuma nam phambi koBawo osemazulwini (UMateyu 10:32). Weba unguye uKristu (UMateyu 16:16). Ndiyakholwa ukuba uYesu Kristu unguNyana kaThixo. (Izenzo 8:37).
4. UBHAPTIZO ngokomfuziselo (KaPetros I 3:21). Lowo ukholiweyo wabhaptizwa, wosindiswa (UMarko 16:16). Ukuba umntu akathanga azalwe ngamanzi nanguMoya, akanakungena ebukumkanini bukaThixo (UYohane 3:5). Kungengamisebenzi esebulungiseni esayenzayo thina, kungokwenceba yathe wasisindisa ngentlambululo yokuzalwa ngokutsha, nangokuhlaziya koMoya oyiNgcwele (KuTito 3:5). Guqukani nibhaptizwe nonke ngabanye egameni likaYesu Kristu, ukuze nixolelwe izono (Izenzo 2:38). Ubhaptizwe, uhlambulule izono zakho (Izenzo 22:16). Nabhaptizelwa yo kuKristu (KumaGalati 3:27). Sabhaptizelwa ekufeni kwakhe (KwabaseRoma 6:3). Ukuba ubani ukuKristu, usisidalwa esitsha (KwabaseKorinte II 5:17).
5. NIKUKHANUKA OKUKWEHLABATHI, sihlale ngokunesidima, nangokubulungisa, nangokuhlonela uThixo, kweli phakade langoku; silinde ithemba elinoyolo, nembonakalo yobuqaqawuli boThixo omkhulu, uMsindisi wethu uYesu Kristo, owazinikela ngenxa yethu, ukuze asikhulule ngokusihlawulela kuko konke ukuchasa umthetho, azihlambululele abantu abangabakhe, abazondelela imisebenzi emihle (KuTito 2:12_14).
Kuba nindikhumbula ngeendawo zonke, nizibambile izithethe, njengoko ndaninikelayo. (KwabaseKorinte I 11:2).
UBABALO LWENKOSI YETHU U YESU KRISTU malube nani nonke. Amen (Isityhilelo 22:21). Banoyolo abo bayenzayo imithetho yakhe, ukuze igunya labo libe semthini wobomi, bangene ngamasango kuyo umzi. (Isityhilelo 22:14).

Arranged by J.D. Phillips

No comments: