Saturday, May 3, 2008

ITHE KE YONA?

2868 - Xhosa

Izenzo 8:26-40

26. Ke kaloku kwathetha isithunywa seNkosi kuFilipu, sisithi, Suka usinge ezantsi, ngendlela ehla ivela eYerusalem, eya eGaza, yona iyintlango. Usukile ke waya. Kwavela indoda engumTiyopiya, ithenwa, isikhulu sikaKandase, ukumkanikazi wamaTiyopiya, ebiphethe bonke ubutyebi bakhe, eyayize kunqula uThixo eYerusalem.
28. Yayibuya, ihleli enqwelweni yayo, ilesa incwadi yomprofeti uIsaya.
29. Uthe ke uMoya kuFilipu, Yiya ukhwele kule nqwelo,
30. Wabaleka ke uFilipu, waya kuyo, wayiva ilesa incwadi yomprofeti uIsaya: wathi, Uyaziqonda na kodwa izinto ozilesayo?
31. Ithe ke yona, Ndingaba nako ngani na, kungekho undikhokelayo nje? Kanjalo yambongoza uFilipu ukuba akhwele ahlale nayo.
32. Ke kaloku indawo yesibhalo eyayilesa yona ibiyile ithi, Njengemvu esiwa ekuxhelweni, Njengemvana esisimumu phambi komchebi wayo, Wenjenjalo yena ukungawuvuli umlomo wakhe.
33. Ekuthobekeni kwakhe umgwebo wakhe wasuswa; Ngubani na ke owosicacisa ukusixela isizukulwana sakhe? Ngokuba buyasuswa ubomi bakhe emhlabeni.
34. Laphendula ke ithenwa lathi kuFilipu, ndiyakukhunga, umprofeti lo uyithetha ngabani na le nto; uzithetha yena na, uthetha mntu wumbi, kusini na?
35. Wawuvula ke uFilipu umlomo wakhe, waqalela kweso sibhalo, walishumayeza iindaba ezilungileyo zika Yesu.
36. Ke kaloku, xa bahambayo ngendlela, bafika manzini athile; lathi ithenwa, Nanga amanzi; kwala ntoni na ukuba ndingabhaptizwa?
37. Uthe ke uFilipu, Ukuba uyakholwa ngentliziyo yakho iphela, kuvumelekile. Laphendula ke lathi, Ndiyakholwa ukuba uYesu Kristu unguNyana kaThixo.
38. Lathi mayime inqwelo; behla bobabini, baya emanzini, uFilipu kwanethenwa; walibhaptiza.
39. Xeshikweni ke babenyukile, baphuma emanzini, uMoya weNkosi wamthi xwi uFilipu; alaba sambona ithenwa, kuba lalihamba ngeyalo indlela livuya.
40. Ufilipu ke wafunyanwa eAzoto; watyhutyha ilizwe, eyishumayeza imizi yonke iindaba ezilungileyo, wada weza eKesareya.

No comments: