Showing posts with label Xhosa Bible Study Booklets. Show all posts
Showing posts with label Xhosa Bible Study Booklets. Show all posts

Tuesday, April 29, 2008

IZIQHAMO ZOBUKRESTU

0060 - Xhosa

KUKUZUZA IMIPHEFUMLO

Richard Laue

"Isiqhamo selungisa ngumthi wobomi; umbambisi wemiphefumlo sisilumko." Imizekeliso 11:30

Isiqhamo somKrestu kukubambisa imiphef umlo. Zonke ezinye izinti ziza kamva phezu kwalomsenzi omhle kanje. Ukufundisa, ukuqhuba inkonzo yoMthendeleko, ukucula ekwayarini, ukuba lilunga elikhaphile, zonke ezo ziza kamva kwalomse benzi omkhulu kanga wokubambisa imiphefumlo yabanye, uYesu wathi "Kuba uNyana woMntu weza kufuna nokusindisa oko kulahlekileyo." Upawulos uMpostile usithi "Ngamandla onke ndizimisele ukuzuza abanye." UKenneth N. Taylor ucacisa Imizekeliso 11:30 ngoluhlobo..... "Abantu bakaThixo bangumthi okhulayo uthwele iziqhamo zobomi, olumkile yena ubambisa imiphefumlo." Izibhalo zona azisixeleti ukuba umntu onemali usilumko, nakuba mhlawumbi umntu onemfundo ephakameyo sisilumko. "Kodwa lowo ubambisa imiphefumlo sisilumko."

USolomon waphinda esithi, "Nqwa nokulengalenza kwemilenze yesiqhwala." (Imizekeliso 26:7). Ininzi lamabandla ethu, Ininzi labantu bakaThixo namhla bayaqhwalela kuba imilenze yabo ayilingani. Ngokuqhelekeyo apha emabandleni ethu imilenze yethu mide qgitha ngasebudlelwaneni, emfundisweni, ekufmdeni kakhulu, naseziyolweni, kodwa imilenze ebambisa imiphefumlo mifutshane gqitha, isiphu mo sokushoda kwethu ekubambiseni imiphefumlo, kube ngamabandla aqhwalelayo. Make sizame ukwenza imilenze yeNkosi yethu ilingane, isithi nakuba ihamba ivakale isithi, "Hai, ukuba zintle kwazo iinyawo zabashumayela iindaba ezilu ngileyo zoxolo, zabashumayela iindaba ezilungileyo zezinto ezilungileyo!"

Kwanga uThixo angakusikelela usaqala ukulandela lendlela yokubambisa imiphe fumlo ebaluleke ngoluhlobo. UThixo makakusikelele ube ngumKrestu othwele iziqhamo zobuKrestu. Nazi izinto ezibalulekileyo xa ungumbambisi wemiphefumlo.

1. Kummele ukuba uqondisise kakuhle ukuthi wena ngokwakho usindisiwe:

Linto ifana nalento yokuba umntu kakwazi ukuxela ukuthi uvela endaweni apho engakhange aye kuyo, ungamkhokelela njani kuMsindisi xa ungasindiswanga wena. Isibindi nokomelela kuphuma kulabo bathe basindiswa. Ukuba lilunga lebandla nje akunakukwenza umbambi wemiphefumlo. Kumele wazi okokuba wena ngo kwakho usindisiwe, nokuthi uKrestu uyaphila kwaye uyasebenza ebomini bakho. Gcina engqondweni ezi vesana zilandelayo ukude uqiniseke. (I Yohane 2:3-6; 2 Timoti 1:12; amaHebhere 10:22).

2. Kufuneka uhambe:

Iindumiso isithi: "Ohamba ahambe elila, ephethe intlwayelelo, uyabuya eze eme melela, Ethwele izithungu zakhe". (Iindumiso 126:6). Xenikweni ungumbambisi wemiphefumlo olahlekileyo, ngoko hamba kuye uphe the iindaba ezilungileyo (Ivangeli). Hamba, uhambe, uphinde uhambe futhi. Xa kunemfuneko hamba ubethe icango lakhe. Engcingeni zakhe ube nalentetho Ndinesoni silahlekileyo, okufanele ukuba ndisihambele njalo side simvume uKrestu Yesu. Iintumo Eenkulu ZoMyalelo zisithi: "Hambani ngoko". (UMateyu 28:18-20).



3. Hlala ukhanrele imiphefumlo:

Ziqeqeshe ngokwakho ukuba xa uhlangana nomntu ongamqondiyo, ube nalengcinga. "Ngakube lomntu kaThixo, ulahlakile okanye usindisiwe". Uqonde kakuhle ukuthi lababantu ubahambele mihla le, bazolidlela iphaka de labo kwenye indavo. Ziqhelise ukuwunonelela umphefumlo womntu ukuba usendaweni enjanina. Masibe nalomthwalo ka John Wesley, nanka amazwi akhe. Umhlaba yindawo yethu nakuba ngubanina olahlekileyo ungumthwalo wethu.

4. Phatha Ilizwi likaThixo:

Mna ngokwam ndibona, kuBhetele kakhulu ukuhamba uphethe iTestament Elitsha kuneBhayibhili enkulu. Ungabi nantloni ngeBhayibhili, kodwa iTestamente Elitsha linokuthwaleka lula naphina apha uyakhona. Zungalibali kukuphatha ilizwi likaThixo, kuba ngeke uqonde nakuba sekulithuba lokuba uqale ukubambi sa imiphefumlo. Umbambisi wemiphefumlo kufmeka afane nenkwenkwe yeSkawot (Boy Scout) - hlala uzilungiselele!

5. Hamba nabanye:

Ininzi lababamisi bemiphefumlo esibafumana kwiTestamente Elitsha babehamba ngababini. Kwaye zikho izizathu zalonto: (1) Kuyomeleza xa nibaninzi. Kuba omnye uvuselela omnye. (2) Ngokwezibhalo - uYesu wayebathuma ngababini, ngababini abafundi bakhe. (3) Kuncedisa ukuba istrati sihlale singenabo abantu abaninzi. Kuba omnye uhamba emisa abantu ebabulisa, omnye ebe ebafundisa, engena ezindlwini zabo.

6. Kholelwa ekubeni lemiphefumlo izosindiswa:

Xa uqala nje uphuma ekhuma ekhaya cinga ukuba kubalulekile ukuba ubonane nomntu ofuna ukufumana uKrestu. Musukutsho nje kodwa, hamba. Usithi nakuba ungena endlwini apho uhambele khona usithi, "Thixo ndiyakholwa ukuba ababantu bakulendlu bazolufumana usindiso namhla". Kawumamele ukuba uYesu wathinina" Wathi uYesu, kuye, Ewe, ukuba unokukholwa! zonkeizinto zinokwenzeka kuye okholwayo". Marko 9:23. Hamba ngokholo.

7. Cinga nzulu ubenobubele:

Iba nobubele, nobulali xa a uzongena emzini womntu; ngakumbi ucinge okokuba kawubizwanga mntu uzibize wena kwelikhaya. Abantu abaninzi bahlala e makhayeni yonkimini ngoko bengeva oluhlobo lamazwi. Siphila kulizwe elikho hlakeleyo. Kukho antu abakhanuka izinto ezininzi, Zigcine wena, Ungabi ne phike. Hlala ubonakalisa uYesu Krestu. Musuloko ushumayela isihogo nomlilo wesulfure. Zonke ezonto zishiye umshumayeli uzozivakalisa ngeCawe. Hamba ubancenge, ubathande, khona bezokwamkela uYesu.

8. Phakamisa amandla amakhulu Elizwini likaThixo:

Ilizwi likaThixo lisisikrweqe. Wathetha uThixo ku Yeremiya esithi: "Utsho uYehova. Alinjengomlilo na ilizwi lam? Utsho uYehova; nanjenge sando esiblekeza ingxondora?" Yeremiya 23:29. Abantu basindiswa ngamandla eLizwi Musuzivakalisa ngokwako - njalo vakalisa iLizwi likaThixo khona abantu bezo sindiswa. Gcina ezivesi engqondweni yakho; 2 Timoti 3:16 amaHebhere 4:12.

9. Phakamisa amandla amakhulu ekuthandazeni:

Wathi uYesu. ."Celani, nophiwa; funani, nofumana; nkqonkqozani, novulelwa; Kuba wonke umntu ocelayo uyazuza, nalowo ufunayo, uyafumana, nalowo unkqonkqozayo, uyavulelwa. Mateyu 7: 7-8. Lonto icacisa ukuba xa sicela kuThixo angalinganiswayo ekubuyiseni soni. Khangela ezincwadi: Mateyu 21:22; Yohane 16:24; Yakobi 4:2.

10. Qondisisa amadla amakhulu kuMoya oYingcwele:

Amawaka amathathu asindiswayo ngomhla wePentekoste kuba abafundi babezaliswe ngoMoya

oyingcwele. Amadoda nabafazi bazalisiwe ngoMoya oyiNgcwele namhla uzobona imiphefumlo emininzi isindiswa. Wathi uYesu: "Xa ke ethe wafika yena uMoya wenyaniso, uya kunikhokelela kuyo yonke inyaniso; kuba engayikuthe tha okuphuma kuye, uyakuthetha izinto athe waziva, anibikele izinto ezizayo. Yena uyakundizukisa; ngokuba eya kwamkela kokukokwam, aze anibikele ke. Mateyu 16:13-14. UMoya oyingcwele uyasibonisa ukuba singayizuza njani imiphefumlo. Cela amandla avela kuThixo ukuze uzuze imiphefumlo.

11. Yiba nento ozakuyitetha:

Xa uzongena ekhayeni, yiba nento uzakuyithetha, Yenza ababantu bazive bo nwabile. Bulisa wonke umntu ongaphakathi endlini.

12. Hlala esifundweni sakho:

Umtyholi uzof una ukususa esifundweni sakho esimayelana nosindiso. Kodwa zungasuki kuso. Abaphathi beziporo, batyebile namhla kuba bazingisa njalo ukuhamba ngeziqola zabo emgceni. Umgca okumele ibandla 1ihämbe ku wo kukubambisa imiphefumlo. Hamba ngalomgca zungasuki kuwo. Abantu baya kubuza imihuzo emininzi, afana nale: "UKayini wamzekaphi umfazi?" UNganxila kodwa usindiswe" "Ucinga ukuba kuyinto elungile ukuba umntu ahlale eNyangeni? Xa bebuza imibuzo enjalo, bancme ubaxelele ukuba babuze umbuzo omhle kakhulu phofuke xa sigqiba lendaba yethu yosindiso ndizokuphendula". Ungasuki eMgceni.

13. Fumana iqhinga lokuzuza abantu abalahlekileyo:

Kawucingi ukusindisa umntu ongalahlekanga. Xa umntu emka namanzi uyazi, lowo ufuna uncedo; phofu xa engaqondi ukuba amanzi azomka naye, akalufuni uncedo. Lonto ifanangqo, nakuMoya, ukuze sibafilmane abala hlekileyo kumele ukuba sisebenzise iLizwi likaThixo. Lembuzo elandelayo yiyo kanye ezokwenza umoni azibone ukuba uhlezi kwenjani imeko.

14. Ingabe unguye ungumKrestu?

Impendulo yalombuzo, iqhele ukuma ngoluhlobo; "Ndihamba leCawe ephaya", "Okanye uma undihambisa kuleyaCawe". Kodwa, uyabona, lomntu akakaphenduli umbuzo wakho. Ngokoke landelisa ngalemibuzo ilandelayo.

15. Xa usifa namhla ingabe uyokuya ezulwini?

Lombuzo uphilile, kuba abantu kabacingi ukuba xa ulilungu lebandla oko kuxhumene nentsindiso, okanye nokuya ezulwini. Ininzi leempendulo lizothi; - Tyhin, Ndinethemba. "Okanye hayi andazi. Landelisa ngalombuzo ingabe ikho indlela yokuba wazi?" Landelisa ngombuzo.

16. Uyathandana ukwazi?

Ingabe uyathandana ukwazi, ukuthi uyaya ezulwinina? Ininzi leempendulo lizokuthi;"Yintoni, ewe, xa kunokwenzeka, Ndiyathanda ukuazi. Aphoke usuyaqala ukutyila iLizwi likaThixo, usebenze kusoni silahlekileyo.

17. Mbonise ukuba bonke bonile:

ITestamente Elisha lukatyila ngokucacileyo ukuba; "Akukho lungisa, hai nalinye". amaRoma 3:10. "Kuba bonile bonke, basilela eluzukweni lukaThixo. amaRoma 3:23. IBhayibheli iphela lifundisa ngesono semvelo.

18. Mbonise umvuzo wesono:

UPawulos uyafundisa ukuba "Umvuzo wesono kukufa." amaRoma 6:23. Isono esingaxolelwanga sinokumtshabalalisa umntu ingunaphakade. amaRoma 5-2. Isityhilelo 20:11-15.

19. Mbonise isibabalo sikaThixo:

"Kuba umvuzo wesono kukufa; ke sona isibabalo sikaThixo bubomi abungunaphaka de, kuKrestu Yesu inKosi yethu. AmaRoma 6:23. UYohane uyasixelela ukuba uThixo walithanda kanjani ihlabathi wade wancama uNyana wake okukuphela kwakhe. UYesu ulihlawule ixabiso lesono. Yohane 3:16; namaRoma 5:8. Mbonise kakuhle ngezonto de ukholwe ukuba uyaqondisisa ngoku.

20. Mbuze ukuba uxathanda na ukwamkela isibabalo sikaThixo:

Okanye uyathandana ukwamkela uYesu Krestu njengeNkosi noMsindisi, ukuze izono zakhe zixolelwe. UYohane 1:12 uyasibonisa . . . . "Ke abonke abamamkelayo wabanika igunya lokuba babe ngabantwana bakaThixo. Ubabalo akulona ubabalo lungemkelwanga ngulowo obababalwayo. Funda naku.Isityhilelo 3:20. Naglendlela umbonise ukuba deumntu amkele uKrestu akaqiniseke ngoSindiso Lwakhe. Ngo kufanele ukuba....

21. Akholwe kuThixo:

Umbhali wencwadi yamaHebhere usithi, "Ke lungekho ukholo, akunakubakho uku mkhloisa kakuhle uThixo kuba lowo uzayo kuThixo umelwe kukukholwa ukuba ukho, nokuba ungumvuzi wabo bamfunayo. AmaHebhere 11:6. Ukholo sisisekelo. ILizwi likaThixo lisityilele ukuba ukholo luza ngokuva, ukuva iLizwi likaThixo."

22. Aguquke ezonweni:

Inguquko ikwa isafana nokholo zizinto asisoze sazihlukanisa. Funda eziincwadi; Luka 13:3,5 ne Izenzo 17:30. Apho siyayifumana imfuneko yooguquko Kuba siyaxelelwa ukuba inguquko kukumila kumbi kwengqiqo kwane ntliziyo ezonto zikhokelela enguqukweni nokuzimisa.

23. Avume:

Phambi kokuba usindiswe kumelwe ukuba uvume ebuhleni uguquke ngokuvuma. Jonga kuma Roma10:9-10, naku Mateyu10:32. Uyakholwa ngetliziyo, avume ngomlomo inKosi uYesu.

24. Kufanele ukuba uzalwe ngokutsha:

Thethani indaba yokuzalwa njengoko uYesu eyicacisela uNikodem ku Yohan 3:1-17. Esithi kumelwe ukuba uzalwe ngokutsha. NgokoMoya namanzi. Ngokwe Testamente eLitsha ukuzalwe ngamanzi kukuzalwa komKrestu esithi lubhaptizo. Sebenzisa incwadi ka Marko 16:16; Izenzo 2:38; abaseKolose 2:12; amaRoma 6:3-6.

25. Ungabi sewuyema apho:

Bavuselele ukuba bazalwe ngokutsha, bamamkele uMsindisi. Yiza ubacele ngokuphandle ukuba bamamkele uYesu. Funda ama (2 Korinte 6:2). Mbonise ukuba namhla lusuku lokuba bamamkele uYesu basindiswe. Lu suku lwentsindiso. Baxelele ukuba basindiswe kwangoku. Ubacele ukuba banqule igama leNkosi uYesu basindiswe. amaRoma 10: 13.

26. Bavuselele ukuba batywiliswe:

Ngakumbi ininzi labantu beTestamente Elisha babebhaptizwa, Ngelolixa lobusuku, okanye naliphina ixa abathe bamkela ngalo uKrestu. Ukwamkela uKrestu kwanokubaptizwa knyanzelekile ukuba kwenziwa msinya, xa kunokwenzeka.

27. Thandaza ngaphambi kokuba uhambe:

Ninina, naphina, thandaza, kunye nabo ubavuselele kakhulu xa ubakhokelela kuKrestu. Kumele ukuba ubalumkele ukuba bakhule eLizwini nasekuqondeni iNkosi.

Okokugqibela:

Zungalibali ukuba ukubambisa imiphefumlo kuyinto ebaluleke kakhulu kwaneyokuqala emsebenziri womKrestu, nowebandla liphela. Xa uziva woyiseka ukuba lemiphefumlo izosindiswa ngunaphakade zama mhlobo wam ukwenza okuthile ngalonto kuba xa wehlulekile ukwenza lomsebenzi, iinzame zethu sikwenzela lencwadi kuyoba uyisengele phantsi, ngoko uyancengwa mhlobo ifunde, bese wenza njengoko isitsho

IKHAKA LOKHOLO

0065 - Xhosa

O. Morgan

ISIFUNDO I

UTHIXO

Umbuzo l. Ungubanlna uThixo?

Imbendulo. UThixo unguMdali wamazulu nehlabathi kunye nento zonke ezikhoyo, kwanomntu wadalwa nGuye. Genesis 1 no 2.

Umbuzo 2. Unjanina uThixo?

Imbendulo. UThixo nguMoya. Yohane 4:24.

Umbuzo 3. UThixo waqala nini nkubakho?

Impendulo. UThixo akanasiqalo akanasiphelo, uhlala ekona kwaye uyoba kho kude kube semaphakadeni. iiNdumiso 90:2.

Umbuzo 4. Bangaphi nThixo?

Impendulo. Mnye abase. Efese 4:6.

Umbuzo 5. Uphina uThixo namhla?

Impendulo. Ikhaya lakhe lisemazulwini. Mateyu 6:9.

Uinbnzo 6. UThixo wazibonakalisanjanina endalweni yakhe?

Impendulo. NjengoBawo kwixesha lamanyange, njengoNyana kwexesha lamaYuda njengoMoya ONgcwele kuma-Krestu.

Umbnzo 7. Kwakuyiliphi ixesha lamanYange?

Impendulo. Ixesha lendala lisusela kwi Genesis lide liyope ngo ubizwa Kuka Abraham. Genesis 12.

Umbuzo 8. Yiliphina ixesha lamaYuda?

Impendulo. Laziwa kususela kwixesha lokubizwa kuka Abram. Genesis 12.

Umbuzo 9. Liliphina ixeseha lobu-Krestu?

Impendulo. Kususela kumhla we Pentekoste, A.D. 30. Kude kube lixesha lokubuya kuka Yesu Krestu kwesibini.

Umbuzo 10. Yaziwa ngamaphina amagama indalo kaThixo kwixesha Iamanyange?

Impendulo. Ngoo nyana baka Thixo. Genesis 6:2

Umbuzo 11. Abantwana abanyuliweyo baka Thixo babebizwa ngaliphina igama kwixesha lamanyange?

Impendulo. NgamaHebere. Genesis 40:15.

Umbuzo 12. Ngelixesha IobuKrestu sebebizwa njanina?

Impendulo. Ngama-Krestu. Izenzo 11:26

.

Umbuzo 13. Ziziphina iziganeko eentathu ezehlayo kwixesha ngalinyephakathi kwalamaxesha amathathu agqithileyo?

Impendulo. Ekuqalekeni - kukuwa komntu esonweni, okwesibini - ukufika kuka Krestu, ezosindisa uMntu, Okwesithathu Intsindiso yokugqibela.

Umbuzo 14. Kwakuyintonina injongo kaThixo ekuzityileni kwakhe kwindaloyakhe?

Impendulo. Ekaqalekeni wayenjengo Bawo, ebakhathalela, okwesibini, njengo Nyana ebasindisa; okwesithathu, njengo Moya Oongcwele ebakhokhela.

Umbuzo 15. Ungubanina uMoya Ongcwele?

Impendulo. UMoya Ongcwele ubizwa ngokuba ngu Mthuthuzeli. Yohane 15:26; 16:7. Kwaye uSisipho esisifumana mhla sibhaptizeshwayo. Izenzo 2:38.

ISIFUNDO II

IBHAIBHELI

Umbuzo l. Yintoni ikrele loMoya?

Impendulo. Yilizwi LikaThixo. Abase Efese 6:17.

Umbuzo 2. Ngakube kufanelekile na nkuba umntu afundisise IBhaibheli?

Impendulo. Ewe. Funda. II Timoti 2:15.

Umbuzo 3. Zingaphi lincwadi zeBhaibheli?

Impendula. Zingu 66.

Umbuzo 4. Lahlulwe kangaphi iBhaibheli?

Impendulo. Kabini.

Umbuzo 5. Zibizwa ngamaphi amagama?

Impendulo. Ngomnqophiso oMdala, kunye nomqophiso oMtsha. iTestamente eNdala noma Entsha.

Umbuzo 6. LaHlulwe kanjani Umnqophiso ngamnye? Impendulo. Kanye, Kwi Testamente eNdala kuko - Iincwadi zoMthetho, neeNcwadi zeMbali, nezeziBongo, kunye nesi Phofetho. NeeNgoma zama |Hebhere Kwi Testamente entsha sifumana eziezoLibo Lokuzalwa kuka-Krestu, ezeMbali, neeNcwadi zabaPostile, Kunye nesiProfeto.

Umbuzo 7. Sifumana ntoni kwi Testamente Entsha?

Impendulo. Sifumana Iindaba ezilungileyo (Ivangeli) Nokubalwa kuLibo lokuzalwa kuka Krestu, Ukuqalwa kweBandla (Izenzo 2). Iincwadi, zamaBandla malungana nobuKumkani.

Umbuzo 8. Siphila phantsi kwamuphi uMnqophiso?

Impendulo. Phantsi koMnqophiso oMtsha.

Umbuzo 9. Siphila pantsi kwamuphi Umnqopiso?

Impendulo. Iinyani zokuba siyikholwe kwane Mmiselo yokuthotyelwa, Nezilumkizo zokulumelwa, Nezethembiso zovuyo.

Umbuzo 10. Kumele ukuba senze ntoni ngeBhaibheli?

Impendulo. Silifunde, silifundisise, Silithobele bese siligqithisa kwa banye.

ISIFUNDO III

ISONO

Umbuzo l. Yintoni isono?

Impendulo. Isono kukuchasana nomthetho. I Yohane 3:4; 5:17; amaRoma 14:23; Yakobe 4:17.

Umbuzo 2. Saqaleka nini isono?

Impendulo. Isono sokuqala saqala emyezweni e Eden sisenziwa ngu Adam no Eva i Genesis 3 :1-8.

Umbuzo 3. Ngobanina abasenzayo isono?

Impendulo. Bonke asebeqonda kakuhle ukwahlukanisa okuhle nokubi. amaRoma 3:10, 23.

Umbuzo 4. Yintoni umvuzo wesono?

Impendulo. Kukufa nokwahlukaniswa no Thixo. uHezekeli 18:4; abase Kolose 1:21, abase Efese 4:18.


Umbuzo 5. Zingaphi iintlobo zesono?

Impendulo. Zimbini intlobo zesono, sisono sokwenza, nesono sokungenzi. I Yohane 1;10, I Yohane 5:18.

Umbuzo 6. Sisindiswa ajani esonweni?

Impendulo. Sisindiswa nge Gazi lika Yesu Krestu. I Yohane 1:7.

Umbuzo 7. Ngubanina oxolela iizono?

Impendulo. Akukhomntu waxolela iizono ngu Yesu qha oxolela izono zomntu.

Umbuzo 8. Ngubani osohlwaya nesono?

Impendulo. Ngu Moya Oongcwele ngeLizwi lika Yohane 16:8-l l.

Umbuzo 9. Xa sisona emva kokuba sesingamaKrestu kufuneka okokuba senze ntoni-okokuba de sixolelwe?

Impendulo. Okokuqala masisixele isono sethu ku Krestu, ngomthandazo, sicele uxolo sicele uncedo lwakhe ukuba singaphinde sone. Izenzo 8:22.

Umbuzo 10. Yintoni isohlwayo sesono?

Impendulo. Kukufa, okwesibini-kukugwetywa kokugqibela. Mateyu 25; II Petrose 2:9; Isithyilelo 21:8.

ISIFUNDO IV

INTSINDISO

Umbuzo 1. Xa umvuzo wesono kungukufa, Yintoni ubabalo lukaThixo lobomi obuphakade sisifimana njani?

Impendulo. Sisifumana ku Yesu Krestu uMsindisi wethu. Yohane 3:16; amaRoma 6:23.

Umbuzo 2. Sisindiswa njani?

Impendulo. Sisindiswa ngokubabalwa, abase Efese 2:8.

Umbuzo 3. Yintoni inkcazo yo "ababalo"?

Impendulo. Uncedo, iinto esiyifumana singayisebenzelanga, Sibabalwa ngu Thixo ukude silungisiswe ngentsindiso.

Umbizo 4. Mangaphi amacala mayelana mayelana ngentsindiso?

Impendulo. Mabini, icala likaThixo, necala lomntu, ngoku icala likaThixo ligqityiwe kuba wayekuKristu exolelanisa ihlabathi kuye (II Korinte 5:19): Icala lomntu kukuba amkele uThixo athobele iMmiselo yakhe. Marko 16:16.

Umbuzo 5. Yintoni icala lomntu ukude asindiswe?

Impendulo. Kufaneleke ukuba aphulaphule okanye athobele ilizwi lika Thixo. amaRoma 10:17.

Umbuzo 6. Yintoni eyenzeka ngokuva?

Impendulo. Ukholo.

Umbuzo 7. Ngakubeluyimfanelo ukholo?

Impendulo. Ewe. Kuma-Hebhere 11:6.

Umbuzo 8. Yintoni ukholo?

Impendulo. Ukholo kukukholosa ngezinto ezithenjiweyo, kukweyiseka bubukho bezinto ezingabonwayo. Kuma-Hebhere 11:1, Kukukholelwa kukho konke akuthethayo uThixo eencwadini zakhe ezingcwele.

Umbuzo 9. Kumele ukuba sikholwe ntoni desidibane nemeko yooSindiso?

Impendulo. Kumele ukuba sikholwe ukuba uYesu nguNyana kaThixo oPhilayo. Mateyu 16:16-18.

Umbuzo 10. Sisiphi isinyat helo silandelayo?

Impendulo. Kuki-Guquka ulahle isono kwanendlela endala yesono lonto ibizwa ngokuba kukuguquka, ethetha ukuguquka endleleni yesono uguqukele ebulungiseni. Izenzo 2:38.

Umbuzo 11. Yintoni elamdela ukuguquka?

Impendulo. Kuku-Vuma ukholo lwethu ku Yesu Krestu. Mateyu 10:32; amaRoma 10:9,10.

Umbuzo 12. Sivuma ntoni?

Impendulo. Ukholo lwethu, ku Yesu Krestu ukuba ungu Nyana kaThixo oPhilayo ngokukuvuma siyamakela ukuba unguMsindisi neNkosi yethu. Mateyu 16:16.

Umbuzo 13. Sisiphi isinyathbelo silandelayo?

Impendulo. Kumele ukuba sibhaptizwe kukho ukuxolelwa kwezono kuba sixelelwe elizwini likaThixo. Izenzo 2:38; 10:48; 22:16; amaRoma 6:3,4; amaGalati 3:27.

Umbuzo 14. Libizwa njani uBhaptizo IweTestamnte Entsha?

Impendulo. Kukufa, kukungcwatywa kunye nokuVuka, amaRoma 6:3; kukumiliselwa, amaRoma 6:5; kukuzalwa, Yohane 3:5; kunye nokuhlanjululwa; Izenzo 22:16.

Umbuzo 15. Luluphi uBbaptizo lokuKrestu?

Impendulo. Kukumbelwa kwesoni esiguqukayo Kwi gunya lika Yesu Krestu; eGameni likaYise neloNyana neloMoya Ongcwele kukho ukuxolelwa kwezono. Mateyu 28:19.

Umvuzo 16. Xa zonke ezizinto sezigqityiwe sibizwa ngaliphi iGama?

Impendulo. Nga-maKrestu. Izenzo 11:26.

ISIFUNDO V

EBANDLA

Umbuzo l. Ngobani amalunga ebandla?

Impendulo. Ngabasindisiweyo. Izenzo 2:47.

Umbuzo 2. Magama mani awanikelwa ebandleni?

Impendulo. Umzimba ka-Krestu kuma. Efese 5:23; Kolose 1:18. Ngokwelizwi lesiGreki eligama lisithi "Ekklesia" lithethe abantu ababiziweyo, Oko kuchaza ukuthi ibandla iqela labantu abaBhaptiziweyo abakholiwe baphuma ehlabathini lesono bangena ebulungiseni.

Umbuzo 3. Laqaleka nini ibandla?

Impendulo. Ngomhla we Pentekoste. Izenzo 2, ngo A.D.30.

Umbuzo 4. Ibandla libizwa ngamaphi amagama?

Impendulo. Ibandla, abase Filipu 3:6; Ibandla likaKrestu. amaRoma 16:16; Matryu 16:16; Ibandla lika Thixo. I Korinte 1:2.

Umbuzo 5. Yintoni eyenziwa IiBandla?

Impendulo. Intando ka Thixo uKrestu intloko yebandla kuma. Kolose 1:18.

Umbuzo 6. Yintoni intando ka-Krestu?

Impendulo. Kukuba bonke basindiswe ukde abafundi babemnye. Mateyu 28:18,20; Yohane 17; II Petros 3:9.

Umbuzo 7. Kubanele kubekho amabandla amangaphi?

Impendulo. Libe linye. Efese 4. Kuba mnye uKrestu okunguyena ntloko yeBandla lona lingumzimba wakhe, iintlukantlukano isisono. I Korinte 3.

Umbuzo 8. Ngubani oneGunya lokulawula ibandla?

Impendulo. NguKrestu. Mateyu 28:18.

Umbuzo 9. Kufanelekile na ukuba ibandla lidibane njalo ngempelaVeki?

Impendulo. Ewa Funda ama-Hebhere 10:19-25.

Umbuzo 10. Lidibanela ntoni ibandla?

Impendulo. Ukukhumbula iNkosi uYesu kunye hemithetho yakhe, ngokwenjenjalo kuyakuba lilandela umzekelo webandla loMnqophiso oMtsha elazingisa njalo eemfundisweni zabaPostoli nakubudlelwano, nokuqhekeza isonka nkuthandaza. Izenzo 2:42. Leyommiselo yaziwa ngokuthi nguNqulo.

Umbuzo 11. Yintoni okuyona ngongoma yiNqulo lwethu?

Impendulo. Isidlo seNkosi esise nziwa njalo ngomhla wokuqala weveki. Izenzo 20:7.

ISIFUNDO VI

ISIDLO SENKOSI

Umbuzo 1. Yimuphi imimmiselo emibini eyammiswa ngu Krestu?

Impendulo. Ubhaptiso IobuKrestu, neSidlo seNkosi, ngelinye ixa sibizwa ngokuba yiNkonzo yobudlelwano.

Umbuzo 2. Yintoni Isidlo SenKosi?

Impendulo. Yiisidlo esenziwa ngezinto ezimbini, ezibizwa ngokuthi, Isonka esingenagwele, nesiselo esinganxilisi isiqhamo soMdiliya. 1 Korinte 11:23-29.

Umbuzo 3. Ngubani owammisa esisidlo?

Impendulo. NguKrestu ngobusuku achaswa ngabo. Mateyu 26:26-30.

Umbuzo 4. Zimmele ntoni ezizinto ezimbini?

Impendulo. Isonka, simele umzimba wake oqhekezwe ngenxa yethu, Isiqhamo soMdiliya sona simele iGazi elaphalala.

Umbuzo 5. Sibaluleke njani Isidlo Senkosi?

Impendulo. Wathi uYesu ku Yohane 6:52-59. Xa umntu engadli innyama yoNyana womntu asele iGazi layo akanabo ubomi baphakade. Ubomi bethu bangunaphakade buxhomekeke kuthi ukuba siyatya, sisele esisidlo.

Umbuzo 6. Siondela nini eSidlweni Senkosi? Impendulo. Njalo xa sithe senziwa xa sifanelekile (sesizicikidile)

Umbuzo 7. Yintoni enye esiyifumana xa sisidla esisidla esisidlo?

Impendulo. Sikhumbula ukufa kweNkosi deibuye futhi okwesibini. I Korinte 11:26 kanti kukwakho nobudlelwano sinabo omnye komnye kunye noThixo.

Umbuzo 8. Ngobani abafanelekile ukuthabatha esisidlo?

Impendulo. Sisidlo Senkosi akukhomntu onokuvimba okanye agwebe ngaso.

Umbuzo 9. Kwenzeka ntoni xa sitya singafanelekile?

Impendulo. Sizakuba netyala lomzimba nokufa kweNkosi. I Kortinte 11:27.

Umbuzo 10. Singenza ntoni ukuze sithabathe ogokufanelekile?

Impendulo. Kufuneka sizimisele, okuthetha ukuba senze lonto ithethwanguMpostile uPaul kwi I Korinte 11:27-29. Zesiphile impilo yobuKrestu ngamandla ethu ephela.

ISIFUNDO VII

UBUGOSA

Umbuzo 1. Sithetha ntoni xa sisithi ubugosa? Impendulo. Ubomi sibuphilayo sibuphilela yena kubasonke sinethemba lokuba singabakhe kwaye siphilela Yena. Ama Galati 2:20.

Umbuzo 2. UThixo ufuna kuba simnike ixesha lingakanani?

Impendulo. Lonke ixesha lethu lingelakhe, ngakumbi umhla wokuqala weVeki.

Umbuzo 3. Yintoni kufuneka siyenzile gamaTalenta ethu?

Impendulo. Onke amaTalenta ethu angawakhe, kwaye sibetyala lokuba siwasebenzise siwasebenzisele ukumzukisa ama Roma 12:12, I Korinte 6:20, Kolose 3:17.

Umbuzo 4. Kufuneka simnike imali enganani uThixo?

Impendulo. SingamaGosa akhe, kasinayo imali engeyethu, konke okwethu kungokwake, uyasivumela ukusebenzisa enkulu kwesikufumanayo ke kwanaye ulindele inxhaxheba yakhe. I Korinte 4:2; Malaki 3:10.

Umbuzo 5. AmaYuda njani?

Impendulo. Okweshumi, nemibingelelo.


Umbuzo 6. AmaKrestu wona anika njani?

Impendulo. Konke, kufanele anike ngaphezu kokunika kwamaYuda, kuba uThixo-usenzele into enkulu.

Umbuzo 7. Siwasebenzisa ngaliphi ibhongo amaTalenta ethu, nexesha lethu, kwanemali yethu?

Impendulo. Ukuzukisa uKrestu nokuzisindisa ngokwethu, zesisindiseabanye, emakhayeni, naseNdaweni zonke.

Umbuzo 8. Ngakube siyakwenza ingxelo ngobuGosa bethu?

Impendulo. Gqitha, funda - 1 Korinte 4:2.

Umbuzo 9. Kokwenzeka ntoni xa sifumaneke singamagosa angakholekile?

Impendulo. Sixelewe ngamaGosa angakholekile ukuba ayakugxothwa yiNkosiyawo. Luka 16:1-13.

Umbuzo 10. Kokwenzeka ntoni xa singamaGosa akholekileyo?

Impendulo. Funda Mateyu 25:14-30.

ISIFUNDA VIII

Umbuzo 1. Ngakube kufanelekile ukuba sikhule kubuKrestu bethu?

Impendulo. Ewe funda 2 Petrose 1 :5-11.

Umbuzo 2. Xela izinto okufuneka uMkrestu abe nazo zibe sisixhenxe.

Impendulo. Ukukhuthala, uLwazi, ukuzoyisa, uMonde, ubuThixo, Inceba nothando lobuzalwane.

Umbuzo 3. Soncedwa ntoni desaikhule ebuKrestwini bethu?

Impendulo. NguMthandazo, Yohane 15:7.

Umbuzo 4. Yintoni umthandazo?

Impendulo. Kukuxhumana noThixo ngeGama lika Yesu.

Umbuzo 5. Kumele ukuba sithandaze kangaphi? Impendulo. Nithandaze ningayeki I Tesalonika 5:17.

Umbuzo 6. Fumanpohi umthandazo weNkosi? Impendulo. Ku-Mateyu 6:9-12.

Umbuzo 7. Kumele sithandaze njani?

Impendulo. Ngokholo, singathandabuzi, Yakobi 1:6. Nangentando kaThixo nethembiso zakhe kuthi.

Umbuzo 8. Yintoni futhi engasinceda desikhule?

Impendulo. Kukufundisisa iLizwi likaThixo side sifumane intando kaThixo. 2 Timoti 2:15; 3:14-17.

Umbuzo 9. Xa sesithe sakugqiba ukutunda iLizwi likaThixo safumana i ntando yakhe kumele ukuba senze ntoni?

Impendulo. Kumele silithobele, senze ukuthanda kukaThixo ngamandla ethu ephela Yakobi 1:22.

Umbuzo 10. Yintoni enye enokusinceda desikhule?

Impendulo. Kukuhamba iCawe ama-Hebhere 10:25.

Umbuzo 11. Intyumayelo isinceda njani desikhule njengamaKhrestu?

Impendulo. Inceda gqitha kuba ukushumayela kukuvakalisa Iindaba zikaThixo ngoko ityiliwe elizwini IikaThixo ngoKrestu.

Umbuzo 12. Yintoni emele kuba ndiyenze dendikhule njengoMkhrestu?

Impendulo. Lusebenzeni niluleze olwenu usindisa, ninokuzoyikela ningcangcazela. abase Filipu 2:12.

Umbuzo 13. Yintoni enkulu okumele ndiyenze ukuze ndikhule njengo MKrestu?

Impendulo. Kumele sibuphile ubuKrestu ngalo lonke ixesha silinge ukuba sivuyise uThixo ngokwahlulelananabanye kulo lonke elimiweyo njengoko uKrestu axela ku Mateyu 28:19,20, abase Kolose 3:17.

IMITHETHO ELISHUMI YOKUPHILA

0075 - Xhosa

IMPILO ENENKQUBELA EBUKRESTWINI

Don DeWelt

UMTHETHO WOKUQALA:

Yazi ukuba impilo enenkqubela ebuKrestwini ixhomekeke ekuzimiseleni komkrestu ukuba yonke intliziyo yakhe ayibeke emzameni wokuphila impilo yobuKrestu.

KwabaseFilipi 3:13_14. _ "Bazalwana, mna andimbaleli ekuthini ndigangile ke ndenza ntonye; ndithi ndizibala izinto ezisemva, ndisoluleia kweziphambili ndiphuthume ngokuxunele umvuzo wobizo luka Thixo kuYesu Kristu."

KwabaseFilipi 2:12b_13. _ "Lusebenzeni nilufeze olwenu usindiso, ninikuzoyikela; ninga nenjenjalo xa ndikhoyo kodwa, makube kukhona nenjenjalo xa ndingekhoyo, kuba uThixo okusebenzayo ngaphakathi kwenu ukuthanda oko, kwanokusebenza oko, ngenxa yenkoletlo yenu.

UMTHETHO WESIBlNI:

Lifunde Ngendlela Ibhayibhili.

A. Yenze lento njalo ngamaxa athize uzibekele ixesha ngosuku, (Ngakumbi kusasa lixesha elibhetele kakhulu).

B. IBhayibhili ifundeka kakuhle ngalendlela elandelayo:

1. Indlela Yokufunda Incwadi _Xa usukuba ufunda ngokwenyani funda incwadi uyigqibe nganye. (Makesithi mhlawumbe uqala ngencwadi yeZenzo okanye ka Yohane).

2. Indlels Yengongoma Encwadini. _ Lonto ithetha ukufunda iBhayibhile njengoko kukho ingongoma ezohlukeneyo; njengezi, uthando, ukholo, idini, okanye ibandla. Ziluncedo olukhulu incwadi zengongoma okanye iikhonkodensi xa usuba ufunda ngoluhlobo sixela ngalo.

3. Indlela Yombhali. _ Umbhali wonyula wasebenzisa iikonkodensi enzela ukuba uncedeke xenikweni ufunda nokuba ufumane iindawo ezithize eBhayibhiiini njengoko yena esoloko ecacisa. I_Cross Reference Bible ilunge kakhulu kwaye inoncedo xa ufunda. Xa usebenzisa enye yazo kufuneka ukuba ugcine engqondweni yakho ukuba zonke ezizinto uzifundayo kumele kubekho inxaxheba ethize nawe ezohlala isisNkhumbuzo semfundo YAKHO EBOMlNI BAKHO BUQU.

C. Xa ufunda iBhayNbhili kumele ukuba ube nale~ kwa nempendulu ngokunjalo.

1. Ngubani othethayo?

2. Uthetha nabani?

3. Yintoni na injongo yakhe?

4. Ngaliphina ixesha?

5. Ngaphantsi kwayiphina imeko?

UMTHETHO WESITHATU:

Uthahdazo wemihla ngemihla.

KwabaseFilipi 4:6. - "Ningaxhaleli nto; mazithi ingcelo zeni ezintweni zonke, ngakho, ukuthandaza nokukhunga, ndawonye nokubulela, zaziswe kuye uThixo, olugqithisele kukho konke ukuqonda, luyakuzigcina iintliziyo zenu neengqiqo zenu kuKristu Yesu."

A. Umthandazo NGEXESHA NESIZATHU ESIFANELEYO NJALO NGEMINI. Kungaba ngamaxesha ambalwa ngemini, kodwa ananini na xa kufanelekile kodwa kumele ukuba uqiniseka ukuba likhona ixesha elisisigxina, lokaba uthandaze, apo ke ekuthandazeni kwakho ujonge ukuba kungabikho nto ekuphazamisayo. Kanti nokuthandaza niliqela kulungile kuba nifumana ixesha elilungileyo ekufundeni rtgamxhelo mnye iBhayibhili.

B. Yenza umtriadazo waKho UCACE. Uthandazele izizathu okanye injongo ebonakalayo. UPawulos wawathandazela amaKrestu aseRoma xa ethandazela ibandla IikaKrestu eliseRoma. Funda kwabaseRoma 1:9. Thandazela yonke into, xa usosizini nakuba wonwabile; khumbula uThixo ukuba uyazazi zonke izikhalazo zakho futhi ulindele ukuba akuncede ngakho konke apha ebomini bakho. "Liphoseni lonke ixhala lenu phezu kwakhe yena uyanikhathalela".

C. Thandaza UNENTOBEKHO NOKOYIKA KONKE intando kaThïxo uthi mayi tyhileke. Ade athi ke uThixo akuyityhila kuwe intando yakhe ngoko ke usondele ungenakoyika esihlalweni sakhe senceba ume phezu kwamadinga akhe omele ukuba uwamkele, kodwa xa ngabe intando kaThixo ayikaTyhileki apha kuye thandazela ukubauzinikele kuye yena ogweba ngobulungisa, utharidaze uthi "intando yakho mayenziwe" kodwa ube nengcinga yokuyamkela intando yakhe njengoko seyityhiliwe. nakuwe.

Ukuthandaza kufana nokuphefumla kumKrestu ngoko ningakuyeki ukuphefumla. KwabaseKolose 4:2-6.

UMTHETHO WESINE:

Zama Ngamandla akho ephels ukuzuza imiphefumlo uyizuzela uKristu.

A. UYesu wathi WONKE UMKRESTU ufanele ukuba abe "LUKHANYISO LWEHLABATHI". Mateyu 5:14. Olukhanyiso okuméle ukuba sibe lulo imfundiso kaYesu Kristu nezenzo zakhe. Kususela ukholo lusiza ngokuva, ukrlva ilizwi IikaKristu". KwabaseRoma 10:17.

ABANYE ABASOZE BAKHOLWE FUTHI ABASOZE BAGUQUKE DESKE UTHI WENA ULlHAMBISE KUBO ILIZWI LIKAKrestu. Lonto akusiwona umsebenzí womshumayeli yedwa. UKRISTU NAWE UKUTHWESE UMTHWÁLO WOKUBA UBE LUKHANYISO LWEHLABATHI NGALENDLELA.

B. Wathi uYesu WONKE UMKRISTU uyityuwa yehlabathi. Mateyu 5:13. Ngoko ke ityuwa yokomoya iyalihlangula ihlabathi ukuba lingatshabalali, ke ityuwa elo yimfundíso kaYesu. Leyomfundiso kufuneka ukuba iqhutywe NGABALANDELI BAKHE. Wathi NINA niyityuwa yehlabathi; Thina sinayo imfundiso kaKrestu kufanele ukuba nathi siyigqitsele nakwaabanyeukuze lababantu bangabe besatshabafala; NAWE UKRESTU UKUNIKILE UMSEBENZIWAKNF WOKUBA YITYUWA YEi-ILABATHI NGALENDLELA.

C. Ebandleni Lomnqophiso Omtsha WONKE UMKRISTU WABE ENGUMSHUMAYELI WELIZWI. Izenzo 8:4. "Bonake ngoko ababeziintsali, batyhutyha ilizwe beshumayela iindaba ezilungíleyo zelizwi. (Lawoke ngamaKrestu ebandla IaseJerusalema ahamba ZONKI INDAWO BESHUMAYELA ILIZWI". Xa siznlandela indlela yeBhayibhili, ngoko .WONKE UMKRISTU UNETYALA OKUTHOBELA IJMZEKELO WABAPOSTILE NGOKUSHUMAYELA ILIZWI. Akutsho ukuthi bonke babeshumayela esidlangalaleni, kodwa balíbona ityala lokusilela ekubeni bazuze imiphefumlo BEYIZUZELA KUKRESTU.

"UKristu akanazandla kodwa thina sizízandia zakhe zokwenza umsebenzi wakhe namhlanje: Akanazo iinyawo Thina sizizinyawo Zakhe zokukhokelela abantu endleleni Yakhe: Akanalo ulwimi thina silulwimi Lwakhe lokuxelela abantu ukuthi wafa kanjani uKrestu: Akanalo uncedo ngokwakhe kodwa thina singabancedisi bakhe bokubuyisa abantu beze kuye."

UMTHETHO WESIHLANU:

Zinxweme kubahlobo Abakhoivakeieyo.

A. Xa umKristu efuna ukuba ahambisane nabahlobo abakhohlakeleyo ilizwi IikaThixo linyanisile xa lisithi; lncoko embi yonakalisa izimilo ezilungileyo. 1 Korinte 15:33.

B. Kodwa xa uthanda ukusikeleleka kuThixo njengomKrestu "ochwayithile" "Ungahambi ngecebo labangendawo, ungeni endleleni yaboni, ungahlali embuthweni wabagxeki." lindumiso 1:1.

C. Lonto ayitfïethi ukuba sizerize "ngcwele kunaloku esiyikho'` kubantu kodwa kufanele babone izimilo zethusohlukile kwezabo bona abasehlabathini, kodwa okwethu ukuthetha, ukwenza, kwanokucinga kufaneleke emkrestwini ozinikeleyo kuThixo. Ngenxa yalonto bayobonakala bohlwayeka bazilahle izono zabo beze kuMsindisi, okanye bavele bafune ukohlukana nathi nobuhlobo kuthi nabo buphele ngenxa yezimilo sethu ezingqina inguquko. Funda mgolu nakelela kwiileta KwabaseRoma 12:1-2 kunye ne 2 Korinte 6:14-17.

Balumkele abahlobo bakho xa bekuphazamisa Ekuthandazeni.

UMTHETHO WESITHANDATHU:

Thembeka Kuzo Zonke linkonzo zeBandla.

A. Khumbula ukuthi ZONKE IINKONZO ZEBANDLA ZENZIWE NGENJONGO YOKUBA ZINCEDE WENA. Kuvakaliswa ilizwi, kuculwe amaculo, Kwenziwe iSidlo seNkosi, kubekho ubudlelwane, zonke ezozinto zenzelwe WENA OHA: Ke ukuba uthe wahilizela ukuza enkonzweni uyenzakalisile injongo yebandla ekuhlanganeni.

B. Khumbula ukuthi UTHIXO UYASIVUSELELA ELIZWINI LAKHE "NINGAKUHILIZELI UKUHLANGANA". Ke ukuhilizela ukuhunganisaria nebandla kungukunga thobeli ilizwi IikaThixo elikumaHebhere 10:25.

C. Khumbula ukuthi UKUPHOSWA SISIDLO SENKOSI NGABOMI KUSENZA UKUBA SIBE BUTHATHAKA DESKE KUTHI ISIPHUMO SALONTO KUBE KUKUFA EMOYENI. 1 Korinte 11:30. Yohane 6:53-58. Ukuuhilizela iSidlo seNkosi kungu kungathobe liimizekelo yabapostile (Izenzo 20:7; Izenzo 2:42). Nokungathobeli umthetho oyalelwe nguKristu. Luka 22:19.

Asikwazi ukuba sithi siyamthanda uKristu kodwa sihilizele ukuba ngumtshakazi kuye olibandla lakhe. KwabaseEfese 5:25.

ETHO VlTESIXHENXE:

Thobela Icebo LikaThixo Lokunikela.

A. Izushumi zilicebo likaThixo ukuze kuxhaseke umsebenzi Wakhe njengoko kutshiwo kuma 1 Korinte 9:13-14. "Anazi na ukuba abo bazisebenzayo izinto ezingcwele bandla okwetepite, abo bahlala behleli asibingelelweni bahlulelana nesibingelelo eso? Ngokunjalo neNkosi yabamisela abazazisayo iindaba ezilungileyo, ukuba baphile ngeendaba ezilungileyo ezi." (Apha kuthethwa ngababibgeleli beTestamente Elidala ababelungiselela etempelini ngaphambi kwesibingelelo; UPawlós uthi BANENXHAXHEBA YABO ngenxa yomsebenzi wabo, kanti leyonxaxheba ivela kubantu ZIZISHUMI NEMIRUMOl. Ngoku uPawulos usingise kubalungiseleli beendaba ezilungileyo Abafundisi xa esithi, "Ngokunjalo lokanye ngaleyondlela) iNkosi imisile (okanye imise umthetho) wokuthi abo bazivakalisayo iindaba ezilungileyo baphile kwangazo iindaba ezilungileyo ezi."

B. Uabrahama wahlawula isishumi sakhe kuMelkizedeki ngo 1900 B.C. NGAPHAMBI kikuba kunikezelwe umthethetho. Uyakobhi yena wanikela esakhe isishumi kuThixo ngo 1800 B.C. NGAPHAMBI kokuba kunikezelwe umthetho okutsho ukuthi uYakobi wanikelo ngesishumi kusasele 300 weminyaka NGAPHAMBI kokuba kumiswe umthetho: uAbhrama yena kwakusasele iminyaka eyi 400 NGAPHAMBI kokuba kunikezelwe umthetho. Ngenxa yoko siyabona ukuba kungummiselo kaThixo ehlabathini liphela ukuba izishumi zinikelwe kwaye ngumthetho ofunwa ukwamukelwa nangubanina, kuba wona awuzange ubethelelwe emnqamlezweni xa kubethelelwa umthetho. Kuba wona umthetho lowo wabe unikezelwe kubantwana bakwa Sirayeli kuphela. Genesis 14:20; amaHebhere 7:1-10; Genesis 28:22.

C. UYesu wawuphakamisa gqitha umgangatho weTestamente Endala. Khange awuthobe nanini na lomgangatho. Mateyu 5:21-22; Mateyu 5:43-44; Mateyu 5:20. Ngenxa yoko UBUNCINANE BETHU EKUNIKELENI SISISHUMI.

Asifumani ngxelo ngomKristu owakewanikela nobomi bakhe ebunikele eNkosini enikelá izishumi zakhe kuThixo kodwa wehluleka kukuhlawula onke amatyala akhe, uThixo wenza ukuba zonke iintswelo zethu zihlawuleke ngenxa yokunikela kuye ngezishumi.

UMTHETHO SESIBHOZO:

Hlaziya izinto ozifumeneyo ezirigezakho apha ebuKresteini bakho.

AKU CINGE NJE:


A. UThixo ukuthanda nyhani, kuba wathi wena useli athalala wathuma uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo ekuba uvuyo. KwabaseRoma 5:6-8.

B. Zonke izono zakho selezixolelwe. Ngakube intiziyo yam ivuya njani inovuyo "olungathethekiyo" xa sicinga ngalenyaniso.

C. Ngoku unoKristu ongumthetheleli wakho kuYise; ngengomthetheli owakuxolela izono zakho ngohuguquka nokuthandaza.

D. Ngoku unesibabalo sesipho sakho esiphuma kuThixo uMoya oyiNgcwele ohlala ngaphathi kwentliziyo yakho uzalise ubomi bakho ngamandla.

E. Ngoku ulilungu lomzimba kaKrestu iBandla Lakhe unabazalwane bakho nodade abangama waka-waka kuKristu abavuyisana nawe balile kunve nawe ukuze nomelezane omnve nomnye.


UmKristo utyebe ngaphezu kwento zonke ezibalwayo ehlabathini.

UMTHETHO WETHOBA:

Ungatyhafi Uphele Amandla.

A. Khumbula umsebenzi wakho. Umsebenzi wakho ormkhulu ehlabatini liphela kukusindisa imiphefulo yonke uYesu ayifelayo.

B. Khumbula "ubhasi" wakho, onguYesu Krestu iNkosi; Ngaye uThixo usinika ngesisa konke, zonk izinto. KwabaseRoma 8:34. Ungamandla ethu sakutyhafa, xa siswele ubulumkosibucela kuye obanika bonke engenakumbi. Yakobhi 1:5.

C. Khumbula umvuzo wakho. Umvuzo wokwethembeka emsebenzini wobuKristu wokuzuza imiphefumlo elahlekiyo kuKristu futhi sinesiqinisekiso sokungena ezulwini.

D. Khumbula ummangaleli wakho umtyholi. Usathane usoloko elumkile efuna abo angahle abawulukuhle kubantwana bakaThixo. Yinye qha indlela yokumoyisa kukuthandaza, nokufunda iBhayibhili, nokungqina. Sondela kufuphi noThixo usathane ozokubalekela.

Singatyhafa njani nje xa sicinga indlela uYesu snga ngathi?

UMTHETHO WESHUMI:

Qondisisa kakuhle Ngobomi si-buphilayo.

A. UThixo ubuqwalasela obubomi njengobapharnbukeli, nobasenzini. Genesis 47:9; 1 Petros 2:11; Hebhere 11:13. Ngalamazwi kuyacaca ukuba "Sizindwendwe" lomhlaba akusiwona owethu, thina sisendleleni ejonge engunaphakadeni. Ngenxa yoko kumele. ukuba zonke izinto esinazo zibe nexabiso elincinci eentliziyweni zethu nakuba abanye becinga ngazo bazibone zinkulu zithandeka.

B. UThixo uthanda ukuba nakuba ngubanina ophilayo apha ehlabathini usendaweni yokuba acingele umoya wakhe ukuba uyolichithela kwenye indawo ingunapakade lakhe kungenzeka kube semazulwini, okanye esihogweni. Konke kuxhomekeke ekuthini wenze ntoni ngoYesu ebomini bakho. Yohane 14:6; Yohane 3:36; Marko 16:16. Ukuthi wenze ntoni ngoYesu ngumthwalo wakho lowo. Funda ku Hezekile 3:16-21 ne Izenzo 8:4.

C. Uthixo uyathanda ukuba wazi ukuthi ubomi bakho bunjengomphunga. IYakobhi 4:14, nanjengethunzi Intshumayeli 6:12). Kufuneka ukuba sizikhumbuze thina abasadla ubomi namhlanje ukuba asiyuphinde silifumane elinye ixesha lokuba simamkele uKrestu Namhlanje lilonalanga elihle lokumamkela sifumane intsindiso. Ngakube unalo na uthando lokusizela abaya balahlekileyo besemekweni yokuba batshabalale xa besifa bengenaye uMsindisi, ubaxelele ukuba uYesu uyasindisa?

"Yinye qha impilo ekhoya ngoku okwesibini kukudlula apha; ke eyona nto inkulu kukuba oko ukwenzileyo kuKrestu kohlala ngunaphakade."

UKUBA SISIHLOBO SIKATHIKO

0089 - Xhosa

UbuGosa

Emnyakeni emininzi eyadlulayo ndandiphulalphule intshumayelo yomnye umfundisi ingongoma yakhe yayisithi "Isono esikhulu samaKhrestu" ndacinga nzulu ngalengongoma ndisithi kwahk kazi u zothinina lomfo ngalendaba yesisi sono. Kuba ndandingaqondi ukuba ngakube uzakuthetha ngasiphi isono esikhulu apha kumaKrestu. Kodwa - kwathi xa egqiba ukuthetha inene nakum esisono savele sacaca. Wathi , xa esezogqiba ukuthetha wavakal a esithi - isono sethu esikhulu esokungazincami sizinikele ngokuphelele aph kuthixo deske simvumele uthixo asilaule apha ebornini bethu.

Ndiyakholwa ngentliziyo yam iphela ukuba esisifundo sihle kakhulu kumaKrestu ewanke kuba lento ithetha ukuba umKrestu makathi into yokuqala azinikele kuThixo ngokupheleleyo, adeske athi izinto zokuqala azenze zibe nge zokuqala nyani. Kwaye iIizwi likaTthixo lisityhilela ngokucacileyo ukuba ziziphi zona ezizinto zokuqala.

Emva kokuba ebaxelele abafundi bakhe esithi mabangaxhaleli izinto zonke, okokuba bayakudlani, bayakusela ntoni, kwanomzimba wenu nisithi niyakwambatha ntoni. Wathi uYesu "Funani tanci ubukumkani bamazulu nobulungisa bakhe kwaye zonke ezo zinto ziyakongezelewa kuni (Mateyu 6:25-32).

Lentetho ecace ngoluhlobo iphuma emlonyeni weNkosi yethu, ithetha intonye qha, ngokucacileyo ithi, OkukaThixo kumele ukuba kube phambi kwento zonke thina kumele sizinikele kuyengokupheleleyo - simnike okokuqala apha ebomini bethu.

Into yokuqala uThixo anokuyibiza apha kuthi lixesha lethu kuba lilonke lilawu lwa nguye. Imihla esinokuhlala apha ehlabathini siyiphiwa kwanguye, kwaye uThixo unakho ukufuna amandla ethu, kuba obubom sipuphilayo sibuphiwe kwa nguye ubom bethu busezandieni zakhe. UThixo unelunaelo lokubiza iingqiqo zethu kuba nguye lo owasiphawo amaTalente nezipho ezahlukeneyo zivela Kuye.

Kwaye kuyimfanelo naloku kulandelayo uThixo unelungelo lokufuna izimali zethu kuba kwanazo zingumphumela wokusetyenziswa kwexesha asiphe lona, namandla, kwanengqipo asiphe yona uThixo.

Nantsi ingxaki yethu - okwakho nokwam kufanele ukuba kube yizona zinto ezibonisa ukuthi uThixo nguye umdali wethu kwaye unakho ukuzibiza apha kuthi xa ezidinga, simele ukuba sinizukise uThixo ngazo zonke izinto.a siphe zona kwanedlela esiphatha ngayo iindaba zethu kumele sihlonele uThixo.

Ukuba besinokumbeka phambili uThixo ezintweni zonke side simnike nethuba njalo lokuba sifunde ilizwi lakhe sihlale ngokuthandaza njalo ebomini bethu. Amandla ethu, kwanengqondo zethu kumele ukuba zisebenzele ukungqinela uThixo simsebenzele - ngalo lonke ixesha lobomi bethu.

Kodwa xa singazinikela thina kuThixo kodwa kuthi iimali zethu sizibuyisele ngeniva nokho koba siphoswe yinto enkulu apha ebuKrestwini bethu namava ebesinokuba nawo asilahleke ngenxa yokunga mniki uThixo izinto asisikelele ngazo. Kasoze uThixo ayithatha indawo yokuqala apha eboi-mni bethu xa thina simvalela amaphakethe ethu. Uyesu wayixela lento ezingisa esithi, "Kuba apho bukhona ubutyebi benu yoba lapo nentliziyo yenu".

Ukusebenzisa Kwethu lzimali Zethu

Ininzi lethu, into eyonayona inzifiia kakhulu, yilena yokuba sinikele, igezimali zethu Kulula ukuyiqondisisa lento kuba, lemali siyifumana ngenxa yobom esibuphiweyo nguye, - namandla asiphe wona, nengqondo asiphe yona zizo ezornezenza kubekho imali.

UThixo uthanda into yokuba sihlale sikhumbula ukuthi zonke ezizinto sinazo zivela kwakuye. Nguye osiphe ixesha, amandla, ingqondo okuyizona sizisa ngazo imali. Xa sesiyihlahla okokugqibela lendaba yethu singathi konke esinakho kuvela ngaphezulu kuThixo. Ukuze sibonise ukuthi siyazi akuthi sidalwe nguye kumele ukaba thina sibe ngamagosa akhe athembekileyo sifunde ukuba njalo kumele ukuba sibeke ecaleni isishumi emalini esiyifumeneyo sohlululane naye - ngenxa yoko sibonisa ukubasiyamzukisa sicela iintsikelelo zokuba siqhubekele phambil njalo ekusebenzeni senze njalo ukunceda abazalwana bethu enKosini.

Ityala Lethu Malunga NeziShumi

Xa Uthixo elungiselela ukuba enze uhlanga oluzokuba sisizwe sakhe amaYuda, wabawisela umthetho,esithi "Sonke isishumi somhlaba sembewu yomhlaba sezi qhamo zomthi sesikaYehova: Singcwele kuYehova ukuba uthe umntu wasikhulula okunye ngentlaulelo isishumi sakhe makongenze kuso isahlulo seshlanu saso (Levitikus 27:30). Jonga lentetho isithi ngokuka Thixo.

Eminyakeni yakudala eyadlulayo umphrofethi uMalakhi wawathethisa amaYuda ngokungamthobeliuThixo ngomthetho wakhe awumiseleyo. Xa ungafunda ku-Malakhi 3:7-9 kulapho uthixo ethetha khona ngornthetho wokweshumi kwakhe Umangalela esisizwe ngokunganikeli kuye ngesishumi esithi boyisekile kukwenza umsebenzi wabo akasho ukuthi klitheni ninganikeli nje kodwa uthi "nindiqhathile kwizishumi nemirumo."

Lentetho icacile ibonisa into yokuba, kwathi xeshikweni kumele ukuba bange nise izishumi zikaThixo bona bamqhatha, bathatha lento ingekaThixo bayenza eyabo.

Kukho imibuzo ehlala ivuke njalo yokuthi ngakube lomthetho wezishumi nathi kumele ukuba siwenze namhlanje thina sonke esikholwayona. Inene sibonisa uthando lwethu kuThixo, nezibongo zethu kuye ngenxa yentsindiso asenzele yona ngokuncama uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, nokubulela iintsi kelelo asiphe zona imihla ngemihla, ngenxa yoko kuyacaca ukuthi izishumi zingaba ngumlinganiselo womKrestu - sinikela kuba sibonisa ukuthi siyambulela uThixo ngakho konke asenzele kona.

lzishumi Zizisa lintsikelelo

UThixo wathembisa ukuba uzobasikelela abo bathe bathembeka ekunikeleni kwabo ngezishumi bebonisa ukuba bayamhlonela uThixo. "Ziziseni zonke izishumi endlwini yobuncwane bam; nindicikide ngalento utsho uYehova wemikhosi ukuba andisayi kunivulela iingcango' zezulu ndinithululele iintsikelelo kude kunga sweleki lutho." (Malakhi 3:10).

Sekwagqitha iminyaka engamashumi amabini nantlanu ndithetha namaKrestu malunga nezishumi sendake ndadiban nabanye abandixelela ukuba uThixo wabenzela ntoni emva kokuba beqalile ukwenza izishumi zabo. Nawe ake uzame ukubeka uThixo phambili ezintweni zonke onazo loonto yenza okokuba umntu abubone ubukhulu buka Thixo ngenxa yezinto ezingenayo ngemva kokuba umnika izishumi zahke. Ukuba izintliziyo zethu neniali zethu besingaba nokuzinikela kuThixo angasinika ubulumko obungenasiphelo ukuze sikwazi ukuncedeka engxakini zethu zonke zemihla ngemihla.

Isiqhamo sezinto esizibonayo sivela ekunikeleni kwethu ngezimali. Usikelelwa umntu oqiqayo acabange ukuba zonke ezizinto anazo zivela kuThixo amandla, ingqondo, kwanexesha analo lelikaThixo lowomntu uyakuba sisisebenzi esithembekile kuThixo, kude kuthi riakuba konyulwa abantu abathemekiIe emsebenzini azibone naye eselenyuselwa phezulu ngenxa yo kubeka uThixo phambili kwizinto zonke.

Zonke iintsikelelo zezomoya zivela ekubeni umntu enikela ngokweshumi. UYesu wafundisa ukuba usikelelwe uphi kunophiwayo. Lemali esiyibekayo namhlanje yiyo le ehambisa ivangeli esindisa abantu ezonweni zabo sinceda nabahlobo bethu nakuba silapha ehlabathini nje kodwa obubutyebi sibubeke ezulwini busenza sibe nokweneliswa kwaye abusoze basilahlekala kuba bona busemazulwini.

Ubungqina Balabo Bazenzayo lzishumi

Ininzi labantu abadumileyo nabaziwayo apha ephakedeni namhla bazizinkokeli ngenxa yokunikela ngezishumi. U Johan D. Rockefeller yena uthi waqala ukunikela ngezishumi esahlawulwa ngeveki. U-William Colgate owaziwayo Ngomsebenzi wamayeza wamazinyo neininye imesebanzana eminci nci yokulungiselela ezifemini ezithile, u "Hershey's Chocolate" kunye no Heinz oneinsebenzi entlobontlobo engu 57, u "Kraft Cheese" umJaliman ongumthungi wezihlangu nomthengisi wazo, o"Kellog of Corn Flake" o"Kerr of Kerr Fruit Jars", John Wanamaker onezivenkile ezinkulu bonke aba sibabalileyo yibona abahlonela uThixo baze banikela ngezishumi baba ngamiagosa athembekile kutixo.

Bathi izinto zibahambela kakuhle nje kuba bona njalo eshumini bathatha okukaThixo kuqala deske kuthi oko okuseleyo, bakusebenzise apho beswelekhone kuba bayazi ukuba okweshumi ngokukaThixo. Lawo madoda ayekhupha izishumi kuqala kwaye sebenamava baziwa njengabanikeli abachwayithile kuthixo".

"Singatsho singathandabuzi sithi inene uThixo usisekelele" Xa kuthi imali esalayo emva kokuba sesikhuphe izishumi zethu kuba ngathi leyo ise leyo yenza umsebenze omkhulu ngaphezu kwemali esasiyifumana singakaqalisi ukunikela ngezshumi ".

Ndandingumhlolokazi iminyaka elishumi zonke zinto zazinzima gqitha apha kum kodwa ndabona isimanga mhla ndaqalisa ukunikela ngezishumi kuThixo, u Thixo wazivula iingcango zezulu. Wandisikelela kwakuthi namatyala endinawo ndiwehlawule lula nje nezifo (ukugula) akwahlupha apha ekhayeni, njl , njl. Izishumi ndazikhupha tanci deske kuthi okuseleyp kube yikho endihlawula nga kho amatyala aam. Konke konke kwakundanelisa. 00w ndingathina ngentsikelelo endazifumana ekuqaleni kwam ukunikela ngezishumi oko ndaqala ukunikela ngezishumi.

"Sikhupha izishumi, simangale xa sibona namatyala ethu ehlauleka lula ngoluhlobo kodwa ibe yona imali ingakenyuki emsebenzimi. Kuthi uvuyo noxolo esilufumanyo iingqondo zethu zihlale zilindele iintsikelelo esazi thenjiswayo."

Ezinzame zokubekela bucala izishumi zam ngaphambi kokuba ndisebenzise imali kwandenza ndaba. neThemba Elingcwele Enzuzweni yam emsebenzini weBandla ndifumane amava amakhuluendingazange ndiwafumane ebomini bam. Xa ndigweba ngokwam ndingatsho ndithi, nakuba ngubanina ongazama ukwenza izishumi unyaka ubemnye nje sobe aphinda awuvale umlomo ngenxa

yento azoyibona.

Ukunikela Ngaphezu Kwezishumi

Xa ngaba izishumi zezikaThixo, ngoko asinako ukunikela siqonda ukuba uThixo akakasifumani isishuini sakhe. Xa ethe uThixo wasisikelela wasithamqaselisa kufanela ukuba sibonise ukuba uThixo uyasivuyisa asonwabise nathi simbonisa ngothando lwethu nangeminikelo yethu kodwa ngaphezu koko zizishumi.

Kudala ngawo 1953 kwakukho umhlekazi othile owabe engmthengisi (salesman). Ogama lakhe kwakungu Coy Langford lomfo wayene tyala lika $500. Waqala lomfo ukunikela ngezishumi wasihlawula isikweletu sakhe msinya nje kwasekukho imali ebalelwa ku $1,200 Ooh inene waqala esithilini sakubo wazakhela i Ofisi lakhe. Wade wavula neBhanki apho wayezofaka khona zizshumi zakhe ngegama elithi "Lord and Langford" ethetha ukuthi "nguThixo noLangford" UThixo wasikelela ukwethembeka kwakhe uThixo wamsikelela njalo naye wabona ukuba Thixo umsikelelewaqalaukonyusa usishumi sakhe kwathi njalo ku $1.00 akhuphe 25c isishuri sakhe yonke lemali wayeyise eCaweni iqhube khona urisebenzi weNkosi.

Lee, ngentla kwelase Carolina Kwakukho mntu wubi omsebenzi wakhe usebenza ngamaplanga lomfo wanikela ngezishumi ixesha elide. Njalo kwakuthi xa uThixo enyuse imali yakhe kwengenayo naye futhi anyuse isishumi sakhe wade wafikelela ki maphesenti ayishumi nesihlanu 15%, wabuye waya ku 20%. Uthixo waqhubeka nokumsiekelela. Kwathi ekugqibeleni wathenga umatshini omkhul luwamaplanwa (Lumber Mill) wase eqala ekunikela ngo 50% isishumi sakhe.

Kwathi ngemva kweminyaka esibhozo wabe eselefumane imali engu $1000,000 eyephrofithi emsebenzini wakhe leyoniali wayisebenzisa ekukuluseni umsebeni wakhe momnikelo wakhe wezishumi wafumana olukhu uvuyo emva kokuba eqalile ukunikela ngezishumi noThixo wamsikelela ukuze akhule ngenxa yokuhlonela uThixo.

Omnye owaneshishini lezomotokora oweva ngalomfo owenze lento ingaka nge nxa yokukhupha izishumi naye waqalisa ukunikela ngezishumi, wase ebhala lencwadi.

"Ndoyisekile ndibonile ukuba xa umntu exenzela uKrestu abe ngumhlobo wakhe umnake kakhulu kwezomoya, kodwa hayi kweziphathekayo (imali) zonkeizinto zihamba bhetele. Kodwa namhlanje sendinemali eninzi kakhulu ngenxa yokuba ndaqalisa ukuniklea ngezishumi kuThixo, ngoko kulapho uvuyo lwam luvela khona kunye namava seloko ndaqala ukuba ngumKrestu. Ndifundile namhlanje ukuba ngumhlobo kaKrestu kukwenza ukuba ube nelungelo lokuba nibambisane naye kuyo yonke ingeniso, kodwa inzuzo ingaphezule kwaleyo ihlabathi belino kundihlawulo ngakho."

Zenziwa Kanjani lzishumi

Xa umamkela uYesu njengoMsindisi wako neKnosi yakho kodwa unikele kuye ngaloko olusale ngexesha wenza imsebeni yakho ngale kokimnika izishumi, Ngenxa yoko uphose into enkulu neentsikeIelo ezo uThixo azibekele abantwana bakhe.

Ake uzume nawe ukunikela ngezishumi namhlanje - Wamkele isicelo sikaThixo esiku Malakhi 3:10. Kuzoku zisela uvuyo olukhulu ongazange walufamana ebomini bakho naselukholweni Iwakho - Uvuyo I okwazi ukuthi n awe unaso isandla ekuncedeni ekukhuliseni ubukumkani bukal'hixo kulomhlaba osweleyo uxolo silufumana kuba sisazi ukuba ukrestu nguyena esimbeke ngaphambili kuzo zonke izinto esizenzayo kwanase bomini bethu.

Kulabo abafumana umvuzo wabo, kulula gqihta kuba ukohlula ukuba malini yezishumi okumele ukuba ayikhuphe. Lula nje khupha isihumi sakho usibeke ecaleni ngoko ke uzokwazi ukuba kusele malini ozokwenza izinto ozidingayo.

"Ngolokuqala usuku, iveki ngeeveki, elowo kuni makabeke ekhaya, eqwebe into asukuba esikelelwe ngayo." (1 Korinte 16:2).

Nantsi eminye imibuzo evelayo kubantu abaninzi, Ngakube kumele ndohlule into ingakananina emvuzweni wam ukuze kuphume izishumi. Ilula nje impendulo yiyo le, - Thembeke kuThixo njengoko uzimisele ukusebenzisane naye, "kwaye lento bewunokuyenza isibhambathiso sakho entliziyweni yakho akulula nakanci kuwe ukuba ungaphuma endleleni yenyaniso.

Xa qwukamamkeli uYesu Krestu njengeNkosi yakho nomsindisi wakho, ungalingi uzixakekise ucinge into yokuba nawe ungakhupha izishumi kuba ufuna intsikelelo. Lento uThixo uyithembise kubantwana bakhe, hayi kubo labo abachasene noNyana wakhe. Ke uf unde Yohane 3: 16; kunye namaRoma 10:9-10, ukuze nawe ubeke ithernba lakho kuye.

Ukushwakadela

Xa sizogqibezela esisifundo sethu make sizibuze thina nawe ukuba yintonina ukuba sikhuphe izishumi sifumane inzuzo:

1) Zishumi ziyicebo likaThixo kubo abakholwayo lonto ibonisa ukuba uThixo uPhambili ezimalini, emandleni, nasengqondweni, kwanase xesheni abaphe lona.

2) Ukunikela ngezishumi yiyona ndlela esibonisa ngayo uthando lwethu kwanoku mbongoza uThixo ngako konke asenzele kona.

3) Ukunikela ngezishumi kwangqinelwa nanguye uYesu.

4.) Ukunikela ngezishumi kuyamtyebisa uMKrestu kwezomoya, kumenye ahlale onwabile, aqhame ande ebuKreswini bakhe.

5) Ukunikela ngezishumi kingenisa iintsikelelo emvuzweni wakho.

6) Ukunikela ngezishumi yiyonanto ibaluleke gqitha, kwaye yiyona nebonisa ukuba siyawuthobela umthetho omkhulu othi; "Wothanda iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela,"

Yamkela isicelo sikaThixo esiku Malakhi 3:10. Ke uzame ukulenza icebo lakhe ngokwethembeka kuwo lonyaka nje. Ndinyanisekile ukuba uzofumana uvuyo olukulu kwanobuKrestu bakho buzokuba bubuKrestu obunainava, ngenxa yoko uzohlala njalo uqhubeka ukwenza izishumi ngalo lonke ixesha lobom bakho.

Ndiyambulela uThixo owandikhokhelela ekubeni ndilibone icebo lakhe nokuqonda ukuthi konke okwam kungo kwakhe xa ndisithi ndinobuhlobo naye. Sendike ndazama icebo likaThixo. Liydsebenza. Ndiyakuvuselela akhe ulizame nawe.

LIFUNDISISWA NJANI IBHAYIBHELI

0093 - Xhosa

S. Wilson

"KANJANI" oko kusingise kwinkqubo, indlela, kwanoncedo, okanye kwimimiselo, ubulumko, ezintweni ezenziwayo ngokulungileyo. Zininzi indlela ezixatyisiweyo. Kodwa umvuzo uyafana: Ukuqondisisa ukuthi uThixo uthinina ezimfundisweni zakhe, deske thina sizisebenzisele ukuzukisa Yena. Kulencwadana asizubonisa buciko bunzulu malunga neendlela nemithetho, yokutolika iBhayibheli xa ulisebenzisa.

Nakuba, imithetho nemigaqo ingenako ukukwenzela umsebenzi wena Kodwa iyanceda ekukulondolezeni kuyo yonke imizamo yakho. Ingumlondolozi osibonisayo xa sesiphuma endleleni okumele ukuba sithethe ngayo ukuze ivakale nakubanina osisidalwa esithethayo.

Iindlela okumele ukuba siqale ngazo

1. Lungisa ixesha lokufunda: Kumele ukuba ixesha lakho ulixhome ephepheni elinenkqubo yakho apho kunaekho khona izinto ezizo phithikeza umsebenzi wakho.

2. Lungisa indawo. Kunceda kakhulu ukuba nendawo elungisisiwe apho ukwazi ukuba ukhuthalele ukuba ube namava ekufundeni.

3. Fumana izixhobo. Lumkela iBhayibheli olifundayo. Uzingise ekuthelekiseni indidi ngendidi zeelwini deske ufumane eyona yona inexabiso lifaneleyo. Ukuguqu guqula amazwi kuyanceda ekubuyiseni ingcinga efaneleyo. Deske nokuvumelana kwazo kwenze kucace naloko okubhalwe encwadini.

Fumana iBhayibheli elibhalwe ngezlqendu "paragraphs''. Lumkela iBhayibheli ebhalwe ngamagama amakhulu odwa izenze ngathi ivesi nganye iyiparagraph.

Xa usebenzisa IBhayibheli enjalo kumele ulumke kakhulu ukuba wohlule ukuba kanene iparagraph iqalaphi iphelephi. Ungafundi ivesi nganye bese uba neengcinga ezohlukeneyo ngayo. Funda uluhlu lonke deske ufumane ngokucacileyo ukuba wayecinga ntoni umbhali wayo Uzofumana zininzi njani, impazamo sizenzayo ngesiqhelo sokufunda ivesi ungayijonganga ukuba ithi nina xa ugqithela ngezansi.

I "Bible Dictionaries" ziluncedo olukhulu, ekanti ngamanye amaxesha kukho apho zilahlekisa khona. Akutsho ukuba zonke iincwadi ezenziwe ngumntu azinayo impazamo. Kwane "Bible handbooks" ziqhele ukuba noncedo olukhulu ekwaziseni incwadi nganye eBhaibhelini, lonto yengeza umdla kulowo mntu ofundayo ekuyiqondeni kamnandi.

4. Sebenza ngeCebo; deske ufumane indlela. Konke oko kwenze lula.

5. Zenzele ii "notes". Kumele ube nento obhalela kuyo, okanye uzenzele i (file) zonke ezozinto uzisebenzizele ukufunda nokufundisa.

6. Nonelela ngokwaneleyo. Khawuleza, kubekho okwenzayo.

7. Zihlaziye usebenzise oko okufundileyo.

8. Fumana impazamo bese uyilungisa kwakhona njengoba ufunda nje.

9. Fundani ngamxhelo mnye. Kuluncedo olukhulu ukufunda iBhayibheli kunye namanye amaKrestu. Sivabhetele xa sibonisana sicikida nento yokuba ngakube wayejonge ntoni umbhali echaza ntoni. Ukuba nomdla ekuncedeni abanye kumenza umKrestu avuseleleke kuthi neenzame zakhe zivuseleleke nakuba mhlawumbi bese kucaca nje ukuba umsebenzi awusonwabisi okanye uyawuhilizela. UThixo uyathanda ukuba sifunde deske siyenze lonto siyifundileyo sinobudlelwane omnye komnye.

lindlela ezilungileyo kwanenjongo

1. Nqwenela ukwazi ukuthi iBhaibheli ifundisa ntoni.

2. Zimisele ukufumana into eqondakalayo. Zimisele ngokufunda nokusebenzisa lonto uThixo akuphe yona. Sebenzisa ingqondo ukuze uyibone inyani. Deske uzidibanise ezinyani wenzele into yokuba wakhe ukhulise ulwazi lwakho.

3. Yivumele lentetho ithethe lento iyithethayo njengoko yayimele ukuba ithethe. Ungaqwalasela nawe ngethemba inene uzibonele ukuba iBhaibheli IiLizwi, IikaThixo, Kodwa singalifundi ngengcinga yokuba siyigwebe inyaniso kaThixo, sichase lento singayithandiyo, sinqabe ukufunda oko singazange sikwazi ngaphambili. Asinako ukuxelela uThixo ukuthi uyaphazama okanye ulungile, Nguye okumele ukuba axelele thina.

4. Yiba nentobeko uthembeke. Akulunganga ukusesha ukuba kufanele ukuba lithini, okanye ukujija inkcazo yenyani. Inene simele ukuba singa zethembithina ngokwethu neengcinga zethu ngaphezu kokwethemba oko kuthethwa yiBhaibheli engcwele.

5. Fumana inyani kuqala phambi kokuba uhlele imibono yakho. Musa ukwenza imbono ngokukhangela amazwi nendlela elula ukuze incede iingcinga zakhe.

6. Funa iimpendulo zemibuzo kwakhona eBhaibhilini ulifunde ngokunyaniseka. Musukweneliswa zizithethe zabantu ngakumbi xa kubonakala ukuthi akukho ndawo ivumelana nazo apha ezibhalweni.

7. Qiniseka ukuba kuyinyani, kuba kwenzelwe ukuba kuba mandi, nenkcazo yako ivakale, kwenzel'ukuba sibe nomdla njalo sinyamezele ekufundeni sinethemba lokuqondisisa konke esikufumeneyo.

8. Qiniseka ukuba kungu mnqophiso ovela kuThixo ukuba siwamkele sidle ubomi ngawo sithembele kuwo ukuze silidle ilifa esilibekelweyo.

9. Yhazi ukuba ababhali beBhaibhili babenayo incazelo engqondweni okumele ukuba siyifumane. Nakuba ngubani unelungelo lokufumana injongo yombhali, kodwa akakho namnye onelungelo lokunika eyakhe inkcazo inxamnye neyombhali. Incazo yokuqala ayiguquli nakuba mhlawumbe ukuva kwethu kungayilungisa okanye ukusetyenziswa kwamazwi kungahluka. Xenikweni amazwi abhalwe eBhaibhilini siwaguqula okanye (Siqononondisa inkcazo yawolukutshinthwa kwamazwi kubantu esithetha nabo kulungile kodwa sifake abhetele kodwa asathetha kwayona lento senzele ukuba silikhuseleilizwi lokuqala elichazwe ngezityhilelo zikaThixo.

Yiyiphina ingcaciso elungileyo?

Yileyo umbhali anenjongo ngento ayithethayo. Owethu umsebenzi ku kufunda sigxizelele xangabe kukho omnye oyisisa kakuhle inkcazo nengqondo yombhali. Into yokuqala kufuneka ukaba singacingi njengoko thina sinqwena ukuba elilizwi lithethe, kodwa senze ukuba icace kakuhle intetho nenjongo yombhali njengoko esinika inyaniso ukuze siyiqondisise. Ukutolika akusiko ukuzakhela eyakho inkcazo (hayi ukuguqula intetho) lonto ithethwa ngumbhali; yithethe njengoko injalo uyigqithisele kwabanye, olunye uqwalaselo ngengongoma leyo singayinqwenela emveni kokuba sisigqithisile isigidimi, deske siqiniske ngento esiyithethayo. Ekanti ukutolika kukuthetha ngqo ngathi ufunda into ebhaliweyo.

Okuninzi okubizwa ngokuba "ngukutolika" interpretation kweBhaibhili osekwenzelwe kakhulu ngokucinga kwabantu kwabe kwasusa inyani eyiyo, ababe besacindezela njengoko kumele ukuba kubenjalo nokuba sikholwe yikho. Abantu selebezame ngeendlela zonke ukujika ilizwi ngendlela "eliyilo" balichaze ngendlela eyohlukileyo kweyenene. Bambi abenza lonto yilaba abakhanyela amandla esityhilelo sikaThixo. Bayali "toloka" ilizwi hayi njengoko lalinjalo kodwa benze iintsomi zabo zobulumko, ke inkcazo enjalo yenziwe zizilnmko zeenzululwazi kodwa zibe zingahambisani namazwi alungileyo esiwafumana ezibhalweni. Olohlobo lwenkcazo luqalisa ngokuba bakhanyele incazo eyona yokwenene bese befuna amanye amagamana abangawa sebenzisa deske kuthi igama elilungileyo nelabe lifunwa ngumbhali liphelelwe sisongo salo.

Ekanti kukho bantu bambi abacinga ukuba iBhaibhili ineendawo okunqa bile ukuziqondisisa okunzima ukuziqonda ngokwakho kuba ziyimfihlelo. Ewe xa ikho indawo enjalo wena zama ukuba ufune indawo evakalayo ukuze ikwazi ukuchaza lena enqabileyo lonto ibhetele kakhulu kunnkuba umthethele umbhali kanti khange ayikhankanye into enjalo.

Siyicalula njani ingqondo yombhali?

Uyacinezela amazwi akhe ngendlela yokwenza intetho deske sithi thina xa siwaqokelela lamazwi sibone indlela ahlobene ngayo elinye kwelinye, lonto yenze ukuba kwanengcinga zakhe zihambisane nelizwi elo. Singayifuma na ingqondo yakhe ngokuba siqwalasela imeko kwanenjongo ezimenze ukuba abhale lawamazwi. Kwakhona kumele ukuba sizicikide iimpazamo zeengqondo zethu ngokuthelekisa nevesi leyo okanye esosifundo, nangokuthelekisa isifundo nenye indawo efana kwanalena sifunda kuyo ngenxa yoko siyofumana amandla.

Ekanti inkcazelo entle kakhulu siyifumana xa sibona ukulingana kwamazwi ombhali, nomfundi, nenjongo yakhe kwanemeko namazwi awasebenzisayo, intetho yamazwi akhe nonobangela wendaba, namawzi aphikisayo kwakhona apho ezibhalweni. Xa sifumana igama elifitha kakuhle ngendlela zonke siqiniseka ukuba inene lento iyafitha lonto yenza ukuba sikholwe ukuba ngendlela okucaciswe rigayo ilungile, kwayeke kumele ukuba sikholwe yinkcazo enjalo qha ukuba ilungile. Olunye uhlobo Iwengcaciso esiluthandabuzayo nolungafanelanga siba nenkulu intandabuzo ngayo.

Ukutolika ngokufunda amazwi ombhali nyani kufana nqwa nokwenza ugqatso "ngokulandela inkokeli." Xa silandela ngenene indlela ahamba ngayo lonto ithetha ukuba sinenxaxheba naye emsebenzini wakhe. Kodwa xa sikekela endleleni asibekele yona lonto ithetha ukuba singaba chasene nomthetho wakhe deske umdlalo wethu okanye ugqatso lungafezeki, ngokuba ngokungahambisani naye asinakufumana amava kuye. Siqhele ukusenza iinkokheli ezithile endaweni yokuba sibe ngabalandeli abathembekileyo. Xa sithe sasusa amazwi akhe safaka ezethu iingcinga kutsho ukuba nathi sesizbhalela eyethu incwadi ngokungathi sisemkhuphiswaneni naye. Ukusebenzisa intetho yengqondo yethu kunokucacisa intetho yombhali akulunganga, akunangqondo, akusibo ubulumko, akusikho ukuthembeka. Zama ngokusemandleni akho ukulandela indlela yakhe ungaphumi emgceni wombhali. Indlela oyiqondisisa ngayo inkokeli yakho kulapho wazi ukuyikholisa, kwaye kulula nokuyilandela.

Iindlela eziluncedo ekwenzeni

1. Zenzele intshayelelo ekufundeni kwakho incwadi. Funa kakuhle ukuze ufumane ukuba ngubani obhalileyo? Ebhalela bani? Ngaliphi ixesha? In jongo kuyintoni? Lento izalisa yiphi imeko? Ngaphantsi kwamuphi umnqophiso okanye ixesha lobabalo olungcwele divine grace?

2. Funda ngokukhauleza uqiqe, ube nengcinga yencwadi ipheia, ukuze ufumane iingongoma okuthethwa ngazo, neendlela ephangaleleyo yokuyiceba, apho kugcizelelwa kakhulu kuboniswa ingcinga yombhali nenjongo yakhe.

3. Zenzele i-outline (umgaqo) ngeengongurna ezinkulu deske uzikhulisele.

4. Funda indawo nganye ukuze uchole umbuzo odinga impendulo ukuze uwuphendule. Ubhale umbuzo andukuba ufune nyani iindawo apho ungafumana khona impendulo. Bhala umbuzo bese ukhangela kuzo zonke iimpendulo ongahle uzifumane. Qwalasela amanye amagama ongahle ungawaqondisisi kakuhle ze uthabathe nezinye incwadi eziluncedo ukhangele kuzo, lonto iyakunceda ekubeni uqhubekele phambili nokufunda, nokuthi uncedisane nabanye abafundi.

Qwalasela amagama aqononondisayo punctuation ulandela amazwi awasebenzisile ekwakheni intetho. Hai ilizwi, kodwa amazwi, anolungelelwano ebunyeni. Ukunyanzela inkcazo ngamazwi angahambisani nayo, isiphumo kukuba kuphithizeleke intetho namazwi ombhalintetho ingahambisani nengcinga yakhe, nenjongo zonke ezonto zimoshwe kukunyanzela intetho ekanti inkcazo inxamnye nenkcazo eyenziweyo. Kumele ukuba siqwalasele ixesha umbhali abhala ngalo kwanenjongo yakhe ukuze singayiphethuli intetho nengcinga, nangu umzekelo. Amazwi afana nezitina zokwakha kunye namacance ekanti ulwimi, luyiyonanto ewombise indlu ukuze ingabonakali iyinkunkuma nje engenamsebenzi. Oko kucingwa ngumbhali kubonakala emazwini akhe awathethayo lonto siyibona ngenxa yolwimi oluthethayo. Amazwi akhe okwakha siwabona entweni ayithethayo.

Khangela ingcinga zakhe, okanye umbono awubonayo engcingeni yakhe. Gcina iingcinga zakhe ngaphakathi kwefesitile yena uzokuvulelangentetho yakhe nangohlobo acinga ngalo.

Enye yeendlela ezilunge kakhulu kukufundisisa nayiphina incwadi kodwa ekufundeni kwakho uyahlule wenze ii outline de ubhale ngokushwa kadela usenzela into yokuba uze uyifumane kakhuhle into ayithethayo.

Emva koko qhubeka nokulinga uzenzela i outline yakho ukhulise apho kumele ukhulise khona kodwa zonke ezonzame wenzela ukuba kungaiahleki nalinye igamana lombhali nenjongo konke kwenzeke njengoba ecinga.

IBhaibhili mayitolikwe kwayiBhaibhili. Ingcinga yakho mayihkaziyeke kuthi ilizwi nelizwi uligcine njengoko lisetyenzisiwe eBhaibhilini, uqwalasele umahluko ezahlukweni ezohlukeneyo, futhi ungalindeli ukuba ilizwi into enye ngalo lonke ixesha. Yongeza engcingeni yakho esinye isahluko ngesisnye, kodwa ulumkele ukuba unganyanzeli ukuba intetho itsho lento ofuna ukuba iyixele wena, kodwa mayixele lento exelwa ngumbhali hal wena. Vuma ukuba nasiphina isahiluko sithethe lento siyithethayo, ukuze. kuthi nezethu iingcinga zikwazi ukulandela leyongongoma.

Qhubeka nomsebenzi, ukhule, wandise inyaniso nolwazi olugqibeleleyo

IMFUNDISO NGOBHAPTISO LWAMAKRISTU

0097 - Xhosa

Darrel D. Malcom

Iindaba ezilungileyo ezinikiweyo ebantwini zingo Yesu Kristu sizamkela ngokukholwa Kuye, (KwabaseRoma 1:16; Izenzo 16:30,31). Asizifumani kuba sizisebenzele okanye kukho into ethize esiyirolileyo ikuze sisindiswe, kodwa lubabalo nje athe uThixo wasibabala ngalo (KwabaseEfese 2:8,9). Yinye qha into o okumele ukuba siyiqonde kukuba thina singaboni, nokuthi ngenxa yobomi bakhe obugqibeleleyo, nokufa kwakhe efela izono zethu, nokuvuka kwakhe ekufeni kwaba ngamandla kaYesu Kristu owoyisayo wasizisela intsindiso. Sisindiswa ngenxa yokubeka olwethu ukholo kuye uYesu qha.

Ke ukholo lona lufuna isimilo esomeleleyo. Xa ukholwa ukuthi indlu ohleli kuyo isengozini yomlilo kufuneka ukhawuleze uguquke. Kunjalo ke naxa umntu ethe walibeka ithemba lakhe kuYesu Kristu emamkela nasebomini bakhe (Yohane 1:12; Isityhilelo 3:20). Inkolo yakhe esentsha yomlezwa zizenzo zakho.

Apha kwiTestamente Entsha siyabona ukuthi amakholwa akudala alunyanzela ukholo lwawo kuYesu ade abonisa nangenguquko eguquka ezonweni zawo (Izenzo 2:38; Izenzo 26:20). Baba nomqweno wokuguqula ubomi babo nenzenzo zabo ukuze bakwazi ukukholisa uThixo. Olwabo ukholo lwabonakala nangenttetho zabo bemvuma uYesu phambi kwabantu (KwabaseRoma 10:10; Mateyu 10:32,33). Bevuma phambi kwamanye amakholwa naphambi kwehlabathi. Ngokukhuleza babuya balubonakalisa ukholo lwabo ngokubha babhaptizwe (Izenzo 2:42; Izenzo 8:36_39; Izenzo 16:31_34).

ITestamente Entsha ithetha amaxesha angaphezulu kwekhulu ithetha ngobhaptizo. Noma ngubanina oziva eshisekela ukuba ngumKristu kufuneka into yokuba aluqondisise kakuhle ubhaptizo lwamaKristu. Noko ke akutsho ukuthi apha sizikotishe zonke iindawo ezithetha ngobhaptizo kwiTestamente Entsha, kodwa senzele into yokuba nawe ukwazi ukufunda kakuhle xa ufuna ukufunda kamnandi nawe ungazityebisela imfundo yakho ngokuba uzifumanele ezincwadi eziluncedo olukhulu eyona ifuneka ngamandla yile okusithiwa yi: Concordance, inene xa unokuyifumana lena ulwazi lwakho luzogqibelela kuba ikulathisa nezinye iindawo ezithetha nga longongoma ofunda ngayo.

Kwezivesi zibhalwe apha kungaba bhetele xa unokuwatoloka ngendlela abhalwe ngayo ngokulandelana kwawo, (ukuze uweve kakuhle) nantsi enye iBhayibhili elungile xa ufunda yesingesi abathi yi `New International Version'. Olohlobo Iuqukethe izinto ezona ziyimfuneko ngobhaptizo lomKristu, lona lubeka phucukileyo nokuthi yintoni isiphumo sobhaptizo.

Ngoku ke toro siyakucenga yithi xa ufunda lencwadi anawe ube uthandazela ukuba uyiphendulo lemibuzo esizoyibuza ngoku uthandezele into yokuba uyiphendule ngentobeko nangenyameko, nagentembeko yonke, nawe ngokwakho ukholiseke, umvumele uThixo ukuha akufundise ngeliZwi Lakhe.

!

Mateyu 3:13_17. "Kuthe ngelo xa afike uYesu eYordan kuYohane, evela kwelaseGalili, ukuba abhaptizwe nguye. Ke kaloku uYohane wayemalela, esithi. Mna kufuneka ndibhaptizwe nguwe nje, uza kum na wena? Uphendule ke uYesu wathi kuye, Vuma okwakaloku; ukuba kusifanele thina ukwenjenjalo ukuzalisa bonke ubulungisa. Andule ke ukumvumela. Ebhaptiziwe ke uYesu, wenyuka kwaoko emanzini asuka amazulu avuleka kuye, wambona uMoya kaThixo esihla njengehobe, esiza phezu kwakhe. Nalo izwi liphuma ezulwiru, lisithi, Lo nguNyana wam oyintanda, endikholisisweyo nguye". Qwalasela kwakhona naku (Marko 1:9_11; Luka 3:21_23; Yohane 1:29_34).

UYesu wathi yintoni le kumele ukuba abhaptizwe nje naye?

Yimiphi imiqondiso emibini ehambisana nobhaptizo lukaYesu?

Ucinga yintoni isizathu esenza ukuba uYohane abhaptizele eYordane? (Jonga ku Yohane 3:23)

Mateyu 28:18_20. "Weza uYesu wathetha kubo, esithi, linikiwe mna Ionke igunya emazulwini nasehlabathini. Hambani ngoko niye kuzenza abafundi zonke iintlanga, nibabhaptizela egameni loYise, loNyana, loMoya oyiNgcwele; nibafundise ukuba bazigcine zonke izinto endiniwisele umthetho ngazo. Niyabona mna ndinani yonke imihla, kude kube sekuphelisweni kwepahakade eli. Amen".

Likubani na igunya "LweeNtumo ezinkulu"?

Ngokutsho kwalevesi yintoni rlandela ubhaptizo?

Simele ukubhaptizela kwelikabani igama (amagama,l

Yintoni okumele ilandele ukubhaptizwa komfundi?

Sisiphi isetliembiso esikhulu esimalunga nalommiselo?

Marko 16:15,16. "Wathi kubo, Hambani niye kulo lonke ihlabathi, nivakalise iindaba ezilungileyo kuyo yonke indalo. Lowo, ukholiweyo wabhaptizwa, wosindiswa; ke yena ongakholwanga, wogwetywa."

Zimele ukuba zivakaliswe kobani iindaba ezilungileyo?

Ngo, kuthetha kwalevesi, yintoni elandela ubhaptizo?

Ziziphi izethembiso ezifunyanwa ngulowo okholiweyo wabhaptizwa?

Uthini ukulumkisa abo bangafuni ukukholwa uYesu uthi bayákuthini?

Izenzo 2:36-41. (UPetrose wathetha esithi) "Ngoko mayazi ngokuqinisekileyo yonke indlu kaSirayeli ukuba uThixo wamenza iNkosi noKristu, kwayena loYesu nambethelelayo emnqamlezweni nina. Ke kaloku bathe, bakuva oko, bahlabeka entliziyweni, bathi kuPetros nakwabanye abapostile, madoda, bazalwana, sithini na? Uthe ke uPetros kubo, Guqukani nibhaptizwe nonke ngabanye egameni likaYesu Kristu, ukuze nixolelwe izono, namkele isipho soMoya oyiNgcwele. Kuba idinga likuni, nakubantwana benu, nakubo bonke abakude, esukuba iNkosi uThixo wethu iyakubabiza. Nangamanye amazwi amazwi amaniinzi waye eqononondisa, evuselela esithi, Zisindisèni kwesi sizukulwana sigoso, Bathe ke ngoko, abalamkele ilizwi lakhe ngovuyo, babhaptizwa, kongezelelwa ngo loomini imiphefumlo engathi imawaka mathathu."

Yintoni eyalandela ubhaptizo?

Babhaptizelwa egameni likabani?

Ziziphi izizathu ezimbini ezathethwa kwathiwa bazakuza mkela bebhaptiziwe?

Idinga likubani na? Ngakube nawe uyangeniswa?

Izenzo 8:5-12. (Jonga naku Izenzo 8:4-13) "Wehla uFilipu, waya emzini welase, Samariya, wamvakalisa uKristu kubo, zaye kanjalo izihlwele zizinyamekela ngamxhelo mnye izinto ezibe zithethwa nguFilipu . . . Xenikeni bekholwayo nguFilipu eshumayela iindaba ezilungileyo zezinto zobukumkani bukaThixo, nezegama likaYesu Kristu, babhaptizwa amadoda kwanabafazi."

Wayevakalisa ziphi iindaba kwelaseSamariya?

Xenikweni, bekholiweyo lilizwi benza ntoni amadoda nabafazi baseSamariya?

Izenzo 8:34-39. (Jonga Izenzo 8:26-39). "Laphendula ke ithenwa, lathi kuFilipu, Ndiyakukhunga, umprofethi uthetha uyithetha ngabani na lento; uzithetIia yena na uthetha mntu wumbi, kusini na? Wawuvula umlomo wakhe uFilipu, waqalela kwesosibhalo, walishumayeza iíndaba ezilungileyo zikaYesu. Ke kaloku, xa bahambayo ngendlela bafika manzini athile; lathi ithenwa, nanga amanzi; kwala ntoni na ukuba ndingabhaptizwa? Uthe ke uFilipu, ukuba uyakholwa ngentliziyo yakho iphela, kuvumelekile. Laphendula ke lathi, Ndiyakholwa ukuba uYesu Kristu unguNyana kaThixo. Lathi mayime inqwelo; behla bobabini, baya emanzini uFilipu walibhaptiza ithenwa." Xeshikweni benyukile emanzini, uMoya weNkosi wamthi xwi uFilipu; alaba lisambona ithenwa, kuba lalihamba ngelayo indlela livuya.

Wavakalisa ziphi iindaba?

Lwalubonisa kanjani ukholo lwalo ithenwa ngamazwi?

Lalubonisa njani ukholo lwalo ngezenzo?

Kuthetha ngayiphi indlela yobhaptizo kulendawana yesibhalo?

Laziva linjani emva kokubhaptizwa ithenwa?

(Qwalasela lento uMoya wawusebenza ngamava (8:29) kodwa ubhaptizo olwaluthotlwa lubhaptizo "lwasemanzini". Jonga kwakhona Izenzo 10:44-48.)

Izenzo 16:29-34. (Jonga Izenzo 16:16-34). "Ebize ke izibani, watsiba phakathi waza egubha, wawa phantsi phambi koPawulos no Silas. Wabazisa phandle, wathi Zinkosi, ndimelwe kukuthini na, ukuze ndisindiswe? Bathi ke bona, Kholwa kuyo iNkosi uYesu Kristu, wosindiswa wena nendlu yakho. Balithetha kuye ilizwi IeNkosi, nakubo bonke ababesendlwini yakhe. Wabathata ngeloxesha lasebusuku wayihlamba imivumbo yabo; wabhaptizwa yenakwalapho, nabo bonke abakhe. Kananjalo, ebanyuse wabasa endlwini yakhe, wabeka ukudla phambi kwabo, wagcoba nendlu yakhe yonke, kuba ekholwa kuThixo."

OPawulos noSilas bamxelela ukuba makathini na um gcini wababanjwa, xa ebabuza esithi, "Ndimelwe kukuthini na ukuze ndisindiswe?"

Bamshumyeza ngaziphi iindaba umgcini-wababanjwa kunye nendlu yakhe?

Wakubonisa njani ukuguquka kwakhe (nokushintsha kwentliziyo yakhe) koPawulos noSilas?

Yintoni na eyabanga ukuba avuye yena nendlu yakhe umgcini wababanjwa?

Babhaptizwa msinya kanjani omgcini-babanjwa nendlu yakhe ekubeni bekholiwe?

Izenzo 22:10-16. (Thelekisa nesahluko 9:1-19; Izenzo 22:1-16; 26:9-20). UPawulos wambuza uYesu esithi). "`Nkosi ufuna ukuba ndikwenzele ntoni? Uthi, ndabuza." UAnnaniya wathi kuPawulos). "Nakaloku usalibele yini na? Sukume ubhaptizwe, uhlambulule izono zakho, unqula igama leNkosi."

UPawulos waxelelwa ukuba makathini na?

Kwaba yintoni isiphumo sokubhaptizwa kwakhe?

Kuthetha ukuthini ukungula egameni leNkosi?

KwabaseRoma 6:3-7. "Anazi na ukuba thina sonke, sabhaptizeiwayo kuKristu Yesu, sobhaptizelwa ekufeni kwakhe? Ngoko ke sangcwatywa naye ngokubhaptizelwa ekufeni; ukuze njengokuba uKristu wavuswayo kwabafileyo ngalo uzuko loYise, sithi ngokunjalo nathi sihambe sinobomi obutsha. Kuba xa similiselwe kuye ngentsobi yokufa kwakhe, somiliselwa kuye nangeyokuvuka kwakhe; sikwazi nje oko, ukuba umntu wethu omdala wabethelelwa emnqamlezweni kunye naye, ukuze umzimba wesono uphuthiswe, size singabi sasikhonza isono; kuba owafayo ugwetyelwe, wakhululwa kuso isono."

(Qwalasela ubhaptizo "kuko ukufa kwakhe" ; Apho igazi likaYesu laphalala khona Thelekisa no Yohane 19:34; Kolose 1:19-20; I KuPetros 1:18,19).

Indlela yobhaptizo izekelisa okanjanï nokungcwatywa nokuvuka kwakhe?


Qaphela ukuthi indlela umntï antywiliselwa ngayo emanzini idibana njani neemfuneko zokuzekelisa ukufa, nokungcwatywa nokuvuka njengoba kucacisiwe apha?

Ikhona enye indlela ocinga ngayo ukuthi ingadibana neemfuneko ebhalwe apha?

KwabaseKolose 2:12,13. "Ningcwatywe naye elubhaptizweni; enathi nikuye, navuswa naye, ngokukholwa kwenu kukusebenza kukaThixo, owamvusa kubo abafileyo. Nani nifile nje ziziphoso nokukungaluki kwenyama yenu, unidlise ubomi ndawonye naye enixolele zonke iziphoso."

Luluphi ubhaptizo oluchazwe kakuhle apha njengoba esithi "nangcwatywa kunye naye" navuswa naye?"

Zathiwani izono zethu mhla "sidliswa ubomi noKristu."

(Qaphela lento apha obhaptizweni "sangcwatywa kunye naye" "savusa naye" icacisa indlela eyenzekayo kuthi ngokoMoya xa sisifa ezonweni zethu "urkuze sidliswe ubomi kunye noKristu nguThixo.")

KamaGalati 3:27. (26_28). ... Kuba nina nonke nabhaptizelwayo kuKristu, namambatha uKristu.

Sisiphi isithembiso ekukwabo babhaptizelwa kuKristu?

I Petros 3:21. ...ngawo amanzi olusisindisayo ngawo nathi ngoku ubhaptizo ngokomfuziselo; okungekukho ukulahla ubunyhukunyhuku benyama; olukubuzisa kuThixo kwesazela esilungileyo, ngokuvuka kukaYesu Kristu."

Malunga nalevesi, sisiphi na sisiphumo esenzeka emva kobhaptizo?

Ngakube lento ibonisa ukuthi ukungena nje endleleni yo bhaptizo yenele? Xa kungenele yintoni isizathu?

Xa isazela sethu sisigweba ngokungenzi into obekumele ukuba siyenze, okanye ukwenza into esaziyo ukuba ayilunganga singasifumana njani isazela esilungileyo ngokutsho kwalevesi?

Ukuphindu kubhaptizwa (rebaptism): Izenzo 19:3_5. (1_7). Wababuza uPawlos esithi "Nanibhaptizelwe enini na phofu? Bathe ke bona, Elubhaptizweni, lukaYohane. Wathi ke uPawlos, uYohane okunene wabhaptiza ubhaptizo lwenguquko, esithi ebantwini mabakholwe kulowo uzayo emva kwakhe, oko kukuthi kuKristu Yesu Bevile ke babhaptizelwa egameni leNkosi uYesu."

(Apha sifumana indawo yokuqala "yokuphindu_bhaptizwa" apha kwiTestamente Entsha. Indlela ubhaptizo olwaqhutywa ngayo lwalulungile, kodwa lwenziwa ngenjongo engalunganga kwelixesha.)

Ngakube lento ithetha ukuba xa umntu ethe wabhaptizwa ngenjongo engahambisanni nezibhalo lowomntu kumele ukubo aphinde obhaptizwe? Yintoni na isizathu?

. .

NOTES ZOKUCACISA:

i T estamente Entsha yayibhalwe ngolwimi lwesiGreek indalo yayo. Imfundiso nokucaciswa kwamagama esi Greek kuyinto ebaluleke kakhulu ukuze siqondisise uYesu nabapostile babefundisa njani ngobhaptizo. Igama lesi Greki elithi "rhantizo" ngesingesi "sprinkle" kanti ngesiXhosa "kukufefa" amanye amazwi siwafumana esetyenziswa kwiTestamente Elisha babefefa ngegazi nothuthu (KumaHebhere 9:13, 19, 20) kodwa hayi ngenjongo yobhaptizo.

Igama lesi Greki elithi "cheo" ngesingesi "pour" ngesiXhosa "kukugalela" eligama lisetyenziswe amaxesha amaninzi apha kwi Testamente Entsha (Mateyu 26:7 nge_oli Luka 10:34_ iOli newayini; Izenzo 2:17_ NgoMoya; njl.) kodwa alizange lisetyenziselwe ubhaptizo.

Igama lesi Greki elithi "baptisma" esingesini lithiwa "baptism" ekanti ngesiXhosa "kukuntwyiliswa" lithetha ngendlela yokungena ugibelele, kanti ngokucacisa kwe Dictionary eyi Expository Dictionary of New Testament Words ka W.E. Vine. Yona ichaza ngokuthi igama elithi "baptizo" livela elwimini lesiGreki okuthiwa okuthiwa "bapto" elichaza ukuntywilisa "to dip". Xa ecacisa kakuhle umfoka Vine uthi Lentetha ivakala nakubani na othetha isiGreek xa kuthethwa ngokuntywilisa kuthethwa ngento xa udaya ingubo yakho ufuna ukuba ibe mbala_wumbi xa uyifaka ku dayi uyintywilisa yonke ukuze ibe idayekile, okanye uzekelisa njengokukha amanzi esityeni xa ufuna ukuba sizale usintyilisa sonke ukuze amanzi azale kuso.

Njalo uYesu xa ethetha ngobhaptizo kunye nabafundi bakhe babesuke bethetha ngokuntwilisela "immersion" xa bethetha ngobhaptizo, indlela yokwenza yayiqondakala kakuhle njengoba bona babesebenzisa lona ololwimi lwalusetyenziswa ngeloxesha. Sinikeziwe umzekelo apha eTestamenteni Entsha kumntu ngamnye njengoba xa kuthiwa kumele ukuba kuYesu Kristu njengo Nyana kaThixo, balubonisa ukholo lwabo ngokuguquka ezonweni zabo (Izenzo 2:38; Izenzo 26:20), ngokumvuma uYesu ebuhleni phambi kwabantu (Izenzo 8:37; KwabaseRoma 10:10), nangesenzo sobhaptizo lwamaKristu. Njengoba kumele ukuba nobanina afe ebomini obudala ukuze azalwe ngokutsha kuYesu Kristu, lonto yayisikhumbuza ukuthi uYesu wafa ngenxa yezono zethu emnqamlezweni, wangcwatywa engcwabeni, wavuka ekufeni. Isenzo sobhaptizo lwamaKristu lubonisa ukuzinikela kuYesu nokunqwenela ukuba sahlulelane naye ubomi ngokuvuka emanzini njengoko no Yesu avukayo kwabafileyo. Amanzi asisikhumbuzo sokuba kukhona ukuhlanjwa ucoceke. Njengoba kuyigazi likaYesu elisisindisayo ezonweni zethu (Mateyu 26:28) nanjengoba sabhaptizelwa kukho ukufa kwakhe (KwabaseRoma 6:3) apho igazi laphalala khona, ubhaptizo lungenye yezindlela ezbonakalisa ukuhlanjwa ngegazi ebomini bethu.

Kawuncede ke uhlaziyo konke osele ukufundile kulezizibhalo bese ukhangela ukuthi inene ngakube nawe ubhaptizwe ngalendlela iTestamente Entsha ekufundise ngayo. Khumbula ukuba uYesu wawisa umthetho esithi kubhaptizwe (Mateyu 28:19; Marko 16:16) kwakhona wafundisa esithi, "Ukuba niyandithanda, yigcineni imithetho yam." Johane 14:15.

USALIBELE YINI NA?

0102 - Xhosa

IIMPENDULO KULABO ABACHASENE NOBHAPTIZO LWAMAKHOLWA

Gordon Bennett

Enye yezinto uKristu azibeka ngokucacileyo emfundisweni yakhe IuBhaptizo Lw"bakholwayo. Waqononondisa ngokubaluieka kwalo wade wawubeka bucala ummiselo mhla ethumela abafundi bakhe ukuba bayovakalisa kulo lonke ihlabathi. Igunya elikuwe liligunya lomnye kwakhona. Lawo ngamazwi eNkosi abhaliweyo ku_Mateyu 28:18_20. "Weza uYesu wathetha kubo esithi, Linikwe mna lonke igunya emazulwini nasehlabathini, Hambani ngoko niye kuzenza abafundi zonke iintlanga nibabhaptizela egameni IoYise, IoNyana, IoMoya oyiNgcwele: Nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniwisele umthetho ngazo. Niyabona, mna ndinani imihla yonke kude kube sekuphelisweni kwephakade eli."

Abapostile abawevayo lawomazwi khange babe nangxaki ekuqondisiseni ukuthi yayithetha ntoni na iNkosi. Incwadi yezenzo ibonisa ngendlela okwakumele ukuba lommiselo uqhutywe. Bahambela phambili njengomkhosi WOMNQAMLEZO, kwakuthi xa kuthe kwaba khona mntu wumbi oguqukayo lomkhosi ujonge okokuba abhaptizw~ lowomntu.

Akukho nto ebonisa ukuba babenekululeko yokuzenzela noma ngayiphina indlela abathanda ukubhaptiza ngayo, nasekuguqukeni kukaSauli (lzenzo 9:1_22; 22:1_211. Ubhaptizo khange luhilizelwe, iNkosi yathi kuSauli: "Vuka uye kungena emzini lowo woyixelelwa into omelwe KUKUYENZA." (lzenzo 9:61.

Ngoko uYesu wayenako ukusebenza ngoSauli kwangoko, kodwa akazange enzento. USauli wakhokelelwa emzini wase Damasko kuba kwakukhona into uYesu athanda ukuba uSaulN ayenze, ngoko iNkosi yathumela umfundi othile ogama lingu Hananiya owafika wathi kuSauli; "Nakaloku usalibele yinina? Suk'ume, ubhaptizwe uhlambulule izono zakho, unqula igama IeNkosi." (lzenzo 22:16).

USauli wenza ntoni na ngalomiselo? "Wavuka, wase ebhaptizwa" akazange abe nabuqhinga, kwaye wayengazi miselanga ngabuqhinga, kodwa wayefuna ukwenza ukuthanda kukaThixo.

Akumangazi xa sibona inkitha yabantu ababonisa uthando Iwabo eNkosini, kodwa besenobuqhinga bokungafuni ukwenza honto INKOSI yaxelela uSauli ukuba MAKAYENZE? Ndizobuye ndizichukumise izizathu abazenzayo ndizakunibonisa ukuthi kumele ukuba nibaphendu!e ; njani ngezibhalo zezwi lika Thixo.

(1) "Akuthethi nto nakuba sabhaptizwa okanye asibhaptizwanga, lonto ayenzi mshluko kuthi."

Ukuthetha ngoluhlobo kuthethinto yokuba akukhanto nakuba uKrestu siyamphulaphula okanye hayi. Lentetho yenza ukkuba ilizwi IikaKrestu libe yinto engento nezinto acela ukuba sizenze azinarnsebenzi, nezingento yanto. Kodwa kuKrestu ZINENTO kungoko ezimmisa esithi mazenzenziwe xa umntu esithi yena akanamsebenzi nobhaptizo lowomntu unyslisa izwi IikaKrestu kwanegunya lakhe.

Xa ubhaptizo lungenamsebenzi kutheni na uPauli exelela abafundi abalis,humi nesibini e-Efese ababebhaptizwe ngobhaptizo lukaYohane ukuba mabaphinde kwakhona babhaptizwe?

(2) "Mna ndabhaptizwa ngobhaptizo IoMoya oyiNgcwele ngoko akukho mfuneko, yokuba ndibhaptizwe ngobhaptizo lwamanzi:"

Nguwo uMoya lo uYesu athetha ngawo esithi makubhaptizwe, ngoYesu lithi ilizwi "Kuba uThixo akamnikanga uMoya oyiNgcwele ngokwesilinganiso." ''Amazwi endawathetha kupi akungawo awam kodwa.aphuma kuBawo ondithumileyo." Ngoko uMoya oyiNgcwele awunako ukuba ukhokele umntu ukuba adele ubhaptizo lwamanzi.

UKorneli (Izenzo 10) wawamkela uMoya oNgcwele wabhaptizwa ngawo, kwawona IowoMoya wathetha ngomlomo kaPetros usithi, "Kukho unako yini na ukuthintela amanzi ukuba bangabhaptizwa aba bamamkeleyo uMoya oyiNgcwele kwanjengathi nje? Izenzo 10:47-48.

Kwakhona futhi sinoMoya oyiNgcwele OMMISELA ubhaptizo. UPetros uyachaza ngobhaptizo IikaMoya njengesizathu esenza sibhaptizwe ngobhaptizo lwamanzi. Kukuthanda kukaThixo oko. Yintoni na sithandaza sisithi, "Ukuthanda kwakho makwenziwe emhlabeni njengokuba kusenziwa emazulwini." Sibuyesithi asifuni ukubhaptizwa ngobhaptizo lwamanzil USALIBELE YINI NA?

(3) "Amanzi awanako ukuzixolela izono zam, ngoko akukhonto emanzini."

Yinyaniso leyo, kodwa unelungelo lokuthetha ngawakhe amazwi. Ke xa siluhilize ngaboomu ubhaptizo singatsho njani ukuthi izono zethu zaxolelwa? Ukuhilizela kwethu ngabomu ukwenza ukuthanda kwakhe siSono eso. "Ngoko kowaziyo ukwenza okuhle angakwenzi kuloowo kusisono."

Ewe akukhonio isemanzini, kodwa ukungena emanzini sisenzo esibonisa ukumthobela uKristu yena ke ujonge isenzo. Nguye uYesu owathethayo lawomazwi, "Lowo ungandithandiyo, akagcini izinto endizithethileyo."

(4) "Ubhaptizo ngumyalo nje, ke thina asisindiswa ngamthetho nemcinjana ethize."

Inene, imthetho neengcinga zabantu azinako ukukusindisa, yinyani eyo. Xa sikholose ngobhaptizo lwezibhalo njengomthetho wombhaptizo. Lwamakholwa (ukuntywiliselwa) ngaphezu kokukholosa ngoKristu, asinako ukusindiswa.

"Ngobabalo sisindisiwe ngokholo;" ukholo olona lusindisayo luku thobela ukuthanda kukaThixo. "Sisindiswa ngokukholwa, kodwa hayi ngokholo lulodwa." "Kuba ukholo lulodwa lufile xa lungenamsebenzi." (Yakobi 2:17 khangela naku vs. 14). Ukholo olufileyo alunakui sindisa mntu izibhalo ziyasixelela ebuhleni ukuthi uYesu nguye owaba yimbangi yosindiso oluriguna phakade (Hebhere 5:9).

Ubhaptiso sisenzo sangaphandle komzimba kodwa lubonakalisa ukholo Iwethu kuKristu. Neenyaniso zeendaba ezilungileyo zokufa kwakhe, nokungcwatywa kwakhe, nokuvuka kwakhe, ubhaptizo sisenzo esingcwele nesonyuliweyo kulapho sivuma khona ukuthi siyamembatha uKristu; nokuthi safa kunye naye esonweni savuswa kunye naye ukuze sihambe sibe sebomini obutsha. "Ningcwatywe naye etubhaptizweni, enathi nikuye navuswa nokuvuswa naye, ngokukholwa kwenu kukusebenza kukaThixo owamvusayo kubo abafileyo. (Kolose 2:12). Ukubhaptizwa ngaphandle kokholo akunamsebenzi Kumele" Ukuba luhambisane neemfuneko zikaThixo ezibonakalisa ukukholwa kwalowo obhaptiziweyo.

(5) "Ubhaptizo lungumthetho nje."

Ukuthetha ngolohlobo kukudela uKristu, nokungahloneli amazwi akhe. Ngakube ikhona na into ebaluleke kumlandeli kaYesu othembekileyo ngaphezu kokuthobeta umyalo weNkosi? Khumbula into yokuba kwakungumthetho qha oweqiwa ngo Adam no Eva, ngenxa yoko ihlabathi liphela lawela esonweni kwathi isiphumo salonto yokungaphulaphuli kwabo kwaba ngukufa. Uke wacinga nje ngento enokwenzeka kuwe ngenxa yokunga funi kwakho ukuthobela umthetho kaKristu? Usalibele yini na?

(6) "Mna ndingumKristu omdala oselenamava, kodwa endiboni mfuneko kum yokuba ndibhaptizwe."

Nguwe kanye lo odinga ukubhaptizwa, kuba ubhaptizo ragolwabakholwayo. Xa ulilo ikholwa umele ukuba ubhaptizwe, kuba ubhaptizo lulandela emva kokuba umamkele uKristu kunye nemfundiso yamaKristu. UYesu "babhaptize."

(7) "Ingani ibhada lona alizange libhaptizwe, kodwa lasindiswa, ke nami andifuni ukubhaptlzwa.

Inene kuyscaca ukuthi ibhada alikhange libhaptizwe, kodwa kumele ukuba sikhumbule ukuthi thina besingenako ukungena ebukumkanini bukaThixo ngemva kwebhada elo. Kunezinto ezimbalwa endithanda ukuba ndikucacisele ngazo.

(a) Ibhada lalingeke lakwazi ukubhaptizwa njengoba lalixhonywe emthini womnqamlezo.

Ukubhaptizwa ngukuntlywiliswa. Ukufefeza kuyinto engenamsebenzi ukwenza okokukususa ilizwi IeNkosi nokulidela ilizwi layo. INkosi ayizange icele ukuba senze izinto esingeke sikwazi ukuzenza, kodwa icele ukuba senze izinto, Elinde ukuba sizenze.

Ibhada likhutshwa yimeko kuba Ialingazilawuli, ngoko lalingenako ukuba lizonwabise ngamalungelo obhaptizo lwabakholwayo.

(b) Akukho mntu owake walicala ibhada ukuba libhaptizwe.

Akukho nencinci into ebonisayo ukuba ibhada lake laxelelwa ngalengongoma. Ukuba wayenako ukubhaptizwa utsho ukuthi ukub" iNkosi yamcela ukuba abhaptizwe ucinga ukuthi laingenqaba ukubonisa ukuthobela kwalo iNkosi esele izinikele kuyo?

(c) Umyalelo naeNtumo eziNkulu ezihambisana nalomyalo wobhaptizo lwabo bonke abenziwa abafundi (eg. Mateyu 28:19_20). Lowommiselo awunikwanga kwade kwaba ixesha iNkosi eyavuka ngalo ekufeni lokufa nokuvuka kwenkosi ekufeni.

Konke oko kwenzeka ibhada sele lifile emnqamlezweni. Ngenxa yoko kuyacaca ukuthi lemeko ayijongiswanga kwelibhada, kodwa ijongiswe kuwe. Kway ke ngeyabo bonke abathe bakholwa zindaba ezilungileyo. Xa sifuna ukuza endleleni yentsindiso enentsikelelo zikaKristu, masize ngeyona ndlela ikukuthanda kukaKristu.

Ubhaptizo lukaYohane lwalusenziwa ngaphambi kokufa kukaYesu, kodwa ke lona lwalu nenye injongo ehlukile kulena yobhaptizo lwamaKristu. Usalibele yini na?

(8) "Andiziva ndikhokeleka ekubhaptizweni."

Mhlawumbi akunjalo, konke kuxhomekeke enkokelini yecawa oyilandelayo. Baninzi abantu abangabhaptizwanga kuba bengaqondisisi ngokuthanda kukaThixo kulendaba. Balandela iinkokeli ezinemfu elahlekisayo, njengalemfundiso yokuphehlelelwa kweentsana.

Xa inkokeli vakho inguKRISTU YESU ikunikile ke umKHONDO walendaba mhla enikela umyalo. Tyhini, usafuna kuphi ukukhokelwa kanti? UMoya oviNgcwele awunako ukusiqhatha usikhokelele entweni echasene nemfundiso kaKristu kunye nabafundi bakhe abaphefumlelwe.

Ndizama ukucacisa indaba yokusebenza koMoya oyiNgcwele kuselizwini. "Ikrele lelizwi likaThixo,"

(9) "Ndabhaptizwa ndiselusana, ngoku andiboni mfuneko yokuba ndiphindwe ndibhaptizwe futhi."

Xa unyanisile ukuthi wabhaptizwa uselusana hayi kwakungesilo ubhaptizo lwamaKristo olo, kuba ubhaptizo lwamaKristu ngo lwabakholwayo hayi iintsana. Alikho nelincinci igunya Iezibhalo malunga nobhapyizo lweentsana. Inene, lento kusithi_ "kukuphehlelelwa kweentsana" akusilo nje ubhaptizo kwaphela, kodwa ukufefezwa "sprinkling" nokugalelwa ngamanzi "pouring" amancinci phezu kosana. Lonto iyenziwa siyakholelwa ukuba iyenziwa, kodwa akusilo ubhaptizo lisiko nezithethe ezenziwa ngabantu besusa ummiselo owenziwa nguKristu buqu. Ubhaptizo Iwezibhalo lufuna "amanzi amaninzi" (Yohane 3:23). Kukuhla ungene phakathi emanzini, uphinde kwakhona unyuke uphume ngaphandle kwamanzi (Mateyu 3:16; Marko 1:9_10; Izenzo 8:38_39). Kukungcwatywa nokuvuswa futhi (Kolose 2:12; Roma 6:4_5).

Ningavumeli iingcinga zabantu abasusa inyaniso ukuba baniqhathe ukuze ningakwazi ukuzonwabisa ngamalungelo enu nokuhlonela kwenu iNkosi malunga nobhaptizo. Nengane esele ikhulile ngokwaneleyo ukuba ive ikholwe, ikholwa ukuba uYesu unguMsindisi wayo, leyo isese lungelweni elizeleyo ukuba ithobele iBhaptizo Lwabakholwayo. Kodwa ubhaptizo lweentsana nemmiselo emitsha yabantu abangamachule bezenza "othixokazi" no "thixotata" abangabameli babantwana, yonke loonto ayilunganga kuba ikhupha imphefumlo ekwenzeni ukuthanda kukaThixo malunga nendaba yobhaptizo ngokummisa kwakhe. Kuyinto ebuhlungu ukuguqula into efunwa nguThixo ufake ethandwa nguwe.

"Sizomamela uThiko kunoku mamela abantu." Usalibele yini na?

Khumbula into yokuba ubhaptizo lukaYohane lwalubaluleke ngendlela yokuthi ngisho noYesu waya kulo. UMsindisi wakho nguMsindisi obhaptiziweyo. Ubhaptizo olufunwa nguMsindisi wakho lilolu abonisa ukubaluleka kwalo. Leyongcinga iyodwa nje ifanele ukuba ikwanelise ukuze uthathe indawo yokuthanda kwakhe.

Inene ukuba uYesu akazange abhaptizwe wayengeke abe nguMsindisi wehlabathi. Wake wacinga nje ngalonto? Kwakungesiyo nto "encinci" kuKristu. Mhlawumbi ucinga ngathi yindlalo nje xa kuthethwa lamazwi athi. Lungekho ubhaptizo _ Akekho uMsindisi. Ewe, lento ndiyithetha ngenxa yezizathu ezilandelayo:

(a) UThixo waba yimbangi yobhaptizo lukaYohane (Luka 20:4; Yohane 1:6,13).

UKristu wakholelwa ukuba kungolkaThixo, nokuthi lungolwakhe ukuze angabinako ukuhilizela intando ka yise, ngenxa yolwazi namava abe enawo. Ukuba waphazama wona wayengeke abe nalo ilungeli lokusindisa aboni uKristu ubhaptizo lwalusisenzo sokuzinikela kukho ukuthanda kukaYise . Wasisikelela esosenza uThixo wamthambisa uNyana wakhe NgoMoya oyiNgcwele waqononondisa ngovuyo analo Kuye. (Mateyu 3:16_17; Marko 1:9_11; Luka 3:21_22). Ubhaptizo sisenzo esonyulwa nguThixo ukuze uMesiya aziwe okanye abonakaliswe kuSirayeli (Yohane 1:31 : "Kungoko ndize ndibhaptiza ngamanzi").

(b) Kuba kwaku sisenzo esizeteyo esizalisa bonke ubulungisa.

"Vuma", kutsho uYesu kuba kusifanele ukuba sizalise ubulungisa bonke". (Mateyu 3:15). Ngoku thelekisa lamazwi kunye namzawi afumaniseka ku Luka 7:29_30. "bathi bonke abantu bakuva, nababuthi berhafu, bagwebela uThixo, bebhaptiziwe ngobhaptizo lukaYohane. Ke bona abaFarisi nabaqondisi_mthetho bazitshitshisela icebo IikaThixo kuba bengabhaptizwanga nguye".

Mhla uYesu ebhaptizwa waye gwebela uThixo. Ubhaptizo lwalu sisenzo sobulungisa kuba lwangqinwa nguKristu ngokwamkela icebo likaThixo, kewucinge ukuba khange abhaptizwe, kwakuyokuba isini na? Abo bengafuni ukubhaptizwa ngobhaptizo luka Yohane bazitshitshisela icebo likaThixo ngokwabo.

Ubhaptizo lukaYohane lwaluba lulekile ngeloxesha ababephila ngalo kangakana ni na ke kumaKristu axelelwe nguYesu kwelixesha libaluleke kangaka lamaKristu?

Ngokusebuhleni nje, uYesu wazibonakalisa ukuba yena ungakuliphina icala yena. Wayengakwelika Thixo icala, kuba wayekuhlonela kakhulu ukuthanda kukaThixo. Wahamba phantse iimayile zingamashumi asithandathu (60 miles) eyobhaptizwa, kuba wayesazi ukuba kubaluleke kanjani ukuthanda kukaThixo:

Ngoku mhlobp oyintanda, ndilingile ukukuyhilela ngokucacileyo icebo likaThixo ngenyaniso nothando. Ngoku lendaba ndiyishiya kuwe. Nguwe ngoku okumele

nke, akunjalo? Lilungelo ufuna ukuba ngasecaleni IikaKristu ezintweni zonke, eli, akusiwo umsebenzi, ukwenza ukuthanda Kwakhe okuyintsikelela. Ubhaptizo lungenye yezinto esimele ukuba sizenze, xa simhlonrla Yena ezintweni zonke. Usalibele yini na?

ILIZWI LIKATHIXO LIXELELA AMAKHOLWA

0124 - Xhosa

UKUBA ANGAZIKHUSELA NJANI UKUZE ANGAKREQI

Ngu: George L. Faull

Ininzi lethu liyabaqondisisa kakuhle abo bake bazibiza ngegama li kaKrestu, kwabuye kwathi emveni kwexesha babuye baphindela kwaseendleleni zabo ezindala apo babevela khona. UMtyholi akafanga. Usoloko esidla ubomi, kwaye ukhuthele ukuba abawulukuhle abantu ngeemfundiso zakhe zelahlekiso, ebathembisa ngeziyolo, aze abaxelele ukuba bahgaxhali ngobomi babuphilayo ngoku mabonwabe njengoko ixesha lisabavumela. Mhlawumbi nathi selesinamava noko sesinako ukuba sizithi gubucala ezizinto sizaziyo ukuba zichasene nomthetho kaThixo. Singakwenza njani oku! Ukucinga nzulu malunga nalento yokukreqa ingasinceda kakhulu ekubeni sibambelele eNkosini uYesu.

Inyaniso

Ke ucinge. ngeenyaniso malunga nokukreqa. Ayinzimanga lento inyaniso yayo siyibona xa siqwalasela abo basingqongileyo aselebabuyela emva ngenxa yoko kumele ukuba siyibone inyani yokuthi ikho lento ingukukreqa! Ngokucacileyo, siyabona ukuba ukukreqa akusonto isenzeka nje, kodwa isenzeka kube ngathi yintwana eqhelekileyo. Abantu bakaThixo bayaxelelwa kusithiwa, "Kodwa zigcine, uwugcine umphefumlo wakho kunene, hleze uzilibale izinto azibonileyo amehlo akho; hleze zimke entliziyweni yakho yonke imihla yokuphila kwakho." (Duteronomi 4-9).

iyaphelela sisongo sayo. Kwanembewu iyakwazi ukuba iminxane nameva. Umntu unako ukubeka isandla ekhubeni abuye ajonge ngasemva. Umntu unako ukubhodlokelwa ngumkhombe wokholo. UPawulosi wathi bambi selebabuyela emva kuSathana. Ukuthanda imali kungamenza umntu ukuba enze impazamo malunga nenkolo. Akho amadoda afana noDemas athanda eliphakade. Kuyimfuneko ukuba silumke kunene, hleze ubukrakra beentliziyo sethu benze into yokuba simbaleke uThixo. Singabanzima, kanti siqaqadekiswa sisono esiwulukuhla abantu kwakudala. Kumele ukuba soyike hleze sisalele edingeni esalithenjiswayo, lokuphumla.

Ingcambu yenkohlakalo ingatsibatsiba iphakame igqibele ngokuba isi dyobhe kwanathi. Sibonakale sesihamba kunye nabangakholwa, deske kuthi isiphelo sethu sibe simbi kunesiqalo. Sinakho ukumka kuThixo ngenxa yo kungayithobeli imiyalo yakhe. Sinako ukophula umthetho wakhe ngenxa yo kungahlali eemfundisweni zakhe. Nangokuhilizela uthando lokuqala. Kunokwenzeka ukuba sibuye sibuyele odakeni njengehagu elibuye lizibhixe ngodaka. Onke lamazwi siwathabathe khona ezibhalweni. Xa umntu ekhanyela lenyaniso esithi hai akukho mntu onokukholwa abuye akreqe lowomntu okhanyela oko usenziwa kukungazi. "Ngoko ke lowo uba umi, makalumke angawi." (I Korite 10:12).

Imbangi

Cingisisa ngonobangela wokukreqa. Xenikweni uThixo ekubabale ngezinto ezininzi kwazona zinako ukukwenza kuba umlibale. Wawaxelela amaSirayeli esithi, "Hleze uthi wakudla, uhluthe izindlu ezintle uhlale kuzo; zande iinkomo zakho, nempahla yakho emfutshane, yande kuwe isilivere negolide, yande yonke into onayo: isuke iphakame intliziyo yako umlibale uYehova uThixo wakho." (Duteronomi 8:12-14).

Xa kukho wumbi mhlawumbi onamathamsanqa, nakuye kulula amlibale acinge ukuba ezizinto uzifumanele yena ngokwakhe bese emlibala uThixo. Njengo Yeshurumi "Watyeba wakhaba wamlahla uThixo owamenzayo. (Duteronomi 32:15). Kwano Yesu wafundisa esithi, "Nangenxa yokwanda kokuchasa umthetho luyakuphola uthando kwabaninzi." (Mateyu 24:12). Wayesoloko efundisa nangezinto ezininzi esithi singaxhaleli kakbulu ubutyebi behlabathi kuba abanye ngenxa yobutyebi bayolahleka endleleni elungileyo. Kufana, neentshutshiso, nobuhlwempu ezizintobagqibele ngokuba bakreqe. Kufana nokubuyela ezintweni esizithandayo - njengabantu, i-zindawo zethu, izihlalo, amafazonke ezo zinako ukusenza ukuba sibonakale sesibuyela emva. Khumbula umka Loti.

Bambi bayayikhanyela lenyaniso enxulumene nezomoya, bazenyulele isonka senyama, deske kuthi isiphumo bakreqe kuYesu. (Yohane. 6:66). Ukuthanda imali, ikratyi, nokuzazisa, ukuziqhayisa, ukuzethemba, nokwenza ukuzithandela, bambi baphela amandla xa begxekwa bagqibele ngokukreqa. Bambi bakhubeke ngenxa yezimilo zabanye abangamaKrestu abahamba kakubi. Bambi, basingela phantsi abanye abangamaKrestu. Bambi bawela esandleni sengqumbo kaThixo. Imikhwa, iziyolo, abahlobo, izihlalo, nokuzicingela kukhokelela ekumlahleni uThixo.

Akukhonto ekhohlakele ngokwayo, ngendlela yokuba ingaze isiwisele esonweni sokukreqa side siye entshabalalweni. Omnye angayongcwaba uYise. Wumbi abe nomdla ngempahla yakhe emfutshane. Wumbi athande ukuzonwabisa nomfazi wakhe. Zonke ezozinto zilungile. Kodwa ziqala ukuba sisono xa sebelibala zizo bengasamniki ithuba lokumnqula uThixo. Kwaye umntu unakho ukukreqa ngenxa yezizinto. Deske umntu alahlekelwe nayinzuzo enkulu uKrestu amgcinele yona ngonaphakade.

Indlela ethe tye encinane. "Kumele ukuba nikhuthalele ukulwenza luqine ubizo nonyulo lwenu; kuba nakuzenza ezizinto anisayi kukhubeka." (2 Petros 1:10). Ngakube uphila impiloezogqibela ngokuba ikukregise na?
Isifo

Lumkela isifo sokukreqa. Xa umntu ezokreqa uqalisa ngokungabuleli, aziqhayise, Kancinci, kancinci, desks isiphumo sibonakale. Into yokuqala umntu enstyhilayo, kukuba aqalise ukucikidana nempazamo zabanye, deske kuthi isiphumo salonto kube kukuthelekisa isono sakhe nesamanye amaKrestu, emva koko uzombona eselenezi krokro ngeento zonke ebandleni.

Bambi baqhele ukuthi xa bezokwenza isono basithelekise nesono somnye. Kanti kona okuchasene nomthetho kusisono. Nayiphina into esiyenzayo isisono. Bambi bathi hai mna esi sami isono sincinci, noko asisimbi kangako. Siqalise isazela sakhe ukwenzakala. Bambi babeka izizathu noko, bethi hai xa wenza isono esincinci noko akukho tyala, kuba izibhalo zithi, akukho bani olilungisa. Ngokukhauleza emva koko uzobona lomntu engasahambi kakuhle ezinye iinkonzo zimphose. Kodwa lomntu akukhonto angayazlyo, wazi njengoko kufanele ukuba azi. Xa engumshumayeli aqalise ukujikajika. Esithi hai umfundisi akandiboni. Bambi bamchukumise. Nakuba usoloko esiya nje eemfundisweni noko ungena nje aphume esoloko enjalo. Evakale esithi kukho bambi bamthiyileyo apha enkonzweni. Ekugqibeleni avele athi hai suka, mna ndizokuyiyeka lenkonzo kuba ekabani etsho ebiza inkokeli ngegama esithi libandla lika Jon'e eli. Aqalise ukwenza imbuzwana engacacanga ehambisana nesono sakhe, okanye ichukumisa isimilo sakhe. Nakuba eselexelelwa sobe umbone eguquka, nakuba ngakube isono sakhe sesityhileke kanjanina noko avele anyamezele angaguquki esonweni sakhe. Okokugqibela uzombona ngokungezi enkonzweni ngoku, uthi wakuqwalasela ubone ukuba ininzi labantu avana naba ngoku ngabantu abangakholwayo.

Zilumkele nawe mhlawumbi usuqalile ukuthelekisa izono zakho nezabanye. Zilumkele mhlawumbi awusonwabi xa amaKrestu encokola ngezibhalo. Hleze awufuni kwakuhambisana nabantu bakaThixo. Xa ngabe iintswelo zamanye amaKrestu azikuchukumisi wena qalisa ukuthandaza kuba uzobonakala. Unomsindo xa kuthethwa ngabo. Xa ungakwazi ukuba lijoni likaKrestu, woyika ukuhlekwa, okanye uneentloni ngenxa yokholo lwakho lumkela ilambuelibomvu liyakhanyikhanyisa duze nawe. Xa ungasathandi ukuthandaza lumkela ingozi enkulu okuyo. Xenikweni amaKrestu angabahlobo bakho ayakucunula xa encokola ngezibhalo qiniseka ukuba sewusengozini. Xa uzibona ulilungisa kungekho sono apha kuwe, bona ukuba ukholo uyalukhanyela. Isiphelo sakho sizakuba sibi ngaphezu kwesiqalo ungakamqondi uKrestu. Ngakube ezizifo uyazibona?

Isiphumo

Jonga nasi isiphumo somkreqi. Mininzi gqitha imphumela, isiphumo sokuqala umkreqi uyaphelelwa ngamandla okuthandaza. Azive ephelelwa ngamandla, Agqibele ngokuyeka ukuthandaza, ngale kokuba xa kubulelwa ukutya. Isono siyahlula umntu nobudlelwano bakhe noThixo. Kodwa iNkosi isoloko ithembisa isithi; abo balahlekayo eNkosini izakubabu yisa; "Ubulungisa belungisa abuyi kulihlangula, ngemini yokreqo lwalo." (Hezekile 33:21-28).

Ze ulumkele ukuba lawo mademonoi uKrestu awgkhupha apha kuwe angabuyi ese lehamba namanye asisixhenxe deske kuthi isiphelo sakho sibe sibi kunesiqa lo (Luka 11:21-26). Xa simkhanyela thina naye uyakusikhanyela. UThixo akayi kusisikelela xa sibaleka kuye. (2 Kronike 24:20).

Yintonina engasiphosa xa sikreqa kuThixo? Sizophoswa luvuyo lwesazela esilungileyo, uxolo olugqitha ukuqonda, ithemba lokuhlanjululwa. Asinako okungena eZulwini. Kodwa ingqumbo kaThixo ihleli phezu kwethu. UMoyaoyiNgcwele uva ubuhlungu apha ebomini bethu, deske singabi naye uMonwabisi ohlala esoloko ekhona ngamaxesha onke. Sizophoswa kukungenaeZulwini. Ubunye bethu noKrestu, nothando lobuKrestu, novuyo lokubonana noYesu.

Abakreqi bayakufakwa edikeni lomlilo esihogweni apho amaxoki nabenza okuchasene nomthetho bekho. Xa singahlali kuye amagama ethu ayakususwa eencwadini zobomi apho iXhwane lika Thixo likhona. Sisihogo qha esizo lindela thina. Sizohlulwa ebomini buka Thixo obungunaphakade. Ngakube ukukreqa kunaxabiso linina?

Iyeza

Ake ucinge ngeyeza lokunceda abakreqi. Linye qha iyeza bubuhlungu obungobukaThixo obutebenza inguquko esingisa elusindisweni. Ukumvuma uThixo ebuhleni bungenza ukuba umntu aphile emoyeni owonakeleyo. Akukonto engasusa inguquko. Nendawo yesivumo, nentliziyo ebulelayo ngenza yoko iziqhamo zobulungisa zimenze umntu acinge nzulu ngoThixo nangenceba zakhe zonke ezozinto ziyambuyisa umkreqi endleleni yakhe.

Xa evuma ukuba uThixo amxolele aze enze okulungileyo uzakubuya ekukreqeni kwakhe.

Ukuthandaza nokuzila izono kwenza okokuba umntu azilahle zonke izindlela ezigoso. Ukubuyiswa nokuxolelwa ku ungile kuba ngale kwaloko izono zomntu zingahltla zingaxolelwanga. Ukucela, ukuba uthandaziswe ngabazalwane kulungile. Ukuqonda-ngesonosakho, deske usithiye isono kwanokwenza izinto ezimbi kulungile enguqukweni yokwenene. Iingcinga yomntu ngamnye yokukucinga ngeentlungu ezlkuKrestu nakubantu bakhe ngenxa yakhe ziyamnceda iNkosi ibuye ibe nenceba ngaye. Ake ucinge ngoKrestu nezithunywa zezulu bevuya ngenxa yokuguquka kwesoni ebesesikreqile endleleni.

Ubuze bokuzicingela, izihlalo, nokuzukiswa, kumele ukuba umnyu abubone ngokucacileyo. Umkreqi, ufane nqwa, nonyana wolahleko, owathi akuzibona ukuba akasafanelanga ukuba angabizwa ngonyana. Wazimisela ukuba asebenze njengomnye nje wabaqeshwa kuYise. Wasibona isono sakhexsa nokuphula kwakhe umthetho kaYise. Yiyi lengcinga eyabe ikunyana wolahleko ngexesha ebuyela ekhaya. Wayetya kunye neehagu; ngoku utyiswa ithole elona lityetyisiweyo. Wayesemdaka; ngoku umbathiswa ingubo eyona intle kakhulu. Wayelahliwe; ngoku useleyamkelwa ngovuyo. Kawuthandina ukuvuma izono zakho khona ke uThixo ezakuxolela zona?

Okokugqibela

"Ke bona bathe gu bucala ngendlela zabo ezimagosogoso, UYehova makabemkise, kunye nabasebenzi bobutshinga." (Iindumiso 125:5). Nakanye akukho bani ofuna ukubuyela endleleni elungileyo. (AmaHebhere 6:4; 10:39).

"Utsho uYehova, Yimani ezindleleni, nikhangele, nibuze umendo ongunaphakade ukuba yiyiphi indlela na yokulungileyo, nihlambe ngayo; noyifumanela ukuphumla imiphefumlo yenu." (Yeremiya 6:16). Ndiyakuphilisa ubugwenxe babo. Ndiyakubathanda ngesisa; ngokuba umsindo wam ubuyile kuye." (Hoseya 14:4). "Buyelani kum, ndibuye1e kuni. (Malakhi 3:7).

UPetros wamxelela uSimini umnyangi esithi, "Guquka ngoko kobo bubi bakho, ukhunge kuThixo ingathi mhlawumbi ixolelwe ingeingane yentliziyo yakho. Kuba ndiyabona ukuba usenyongweni yobukrakra, nasentanjeni yentswelabulungisa." (Izenzo 8:22,23). "Uthembekile uThixo ulingisa, ukuba asixolele izono zethu, asihlambulele kukho konke ukungalungisi. (1 Yohane 1:9).